Water Mongoose
Umhlangala

Igama

Umhlangala (Atilax paludinosus)

Inkangeleko

Inobude obupheleleyo obungama 800 ukuya ku 1000 mm, lenyengelezi inkulu kwaye yomelele. Inobunzima obuphakathi kwe 2.5 kg ne 4.2 kg. Imisila yazo ingama 300-410 ubude. Umbala wayo ufana wonke ungumdaka ocacileyo kunye nempumlo ekhanyayo. Umzimba wawo mfutshane uze umsila ugqunywe buboya obude obudladlaka. Iindlebe zincamathele entloko. Inentloko enkulu kunye nempumlo emfutshane.

Ubuchopho bayo obukhulu bayamaniswa nobukhali namandla elawula ngayo inyawo zayo zangaphambili. Ezi mpawu zinceda le Nyngelezi ibuku silo-solwandle ukuba ikwazi ukubamba ononkala namanye amaxhoba anemizimba eqinileyo. Amazinyo ayo alungiselelwe ukukrwabaza amaqokobe eentlanzi. Sisi sodwa isilwanyana esingenayo emanzini esingenanyawo zenziwe okwedada. Oku kubangela ukuba ishiyelele imizila ecace gca.

Isidlo

Ubukhulu becala zitya izilwanyana zolwandle, okufana nononkala,nentlanzi maxa wambi namasele.

Amaxhoba ahlala emhlabeni afana nempuku zedladla ne Phuthi zishicelelwe kaninzi njengamaxhoba okutya kwawo, kodwa akwaziwa ukuba ezi zazibhaqwe sele zifile okanye yazibulalela ngokwayo.

Ukuzala

Iimazi zizala amantshontsho abemabini ngexesha kwaye zingaphinda zizale okwesibini nangaphezulu kwange thuba elinye lokuzala. Amantshontsho aqala ukutya emva kwenyanga, amehlo awo nendlebe avuleak emva kwentsuku ezilishumi. Luncinci ulwazi olwaziwayo ngendlela ezimithana ngayo, kodwa uyaziwa ukuba uzala kabini ngonyaka. Kanye ngexesha lokoma elingenazimvula nakanye ngexesh lemvula. Imazi ilungiselela imfukamo emngxunyeni ngengca eyomileyo.

Ukuba akukho mingxunya kwimigxobhozo, amantshontsho akhuluselwa kwimfukamo ezenziwe ngengcongolo, ingca neentswazi. Kushicilelwe ukuba izala amantshontsho amathathu ngexesha. Maxa wambi omnye umhlangala osele ukhulile uye ukhaphe okanye uhlalise umdlezane onamantshontsho. Kumaxa amaninzi amantshontsho ayekiswa uncanca aze ayishiye indawo ebezalelwa kuyo emva kwenyanga ezimbalwa ezelwe.

Ukuziphatha

Izihlalela yodwa, sisilwanyana esihlalayo nasemanzini kwaye sihamba ebusuku. Iinyengelezi zenza izinto ngendlela enye, kwaye zihamba kwindlela ezicacilyo ezimpuluswa. Ezindlela zivamisele ukusingisela emilanjeni okanye elunxwemeni, kumaxesha amaninzi ezindlela zisithele phantsi kwengca ende okanye iingcongolo eziwileyo. Ukuze zibambisele iintaka umhlangala ungqengqa ngomqolo ngokunga ugcakamele ilanga.

Ngalendlela, uveza umphantsi owothusayo opinki wempundi zawo ojikelelezwe buboya bayo obumdaka. Oku kuchazwa ngokuba kwenzelwa ukuloba intake zizokuxhola ezimpundi, kulapho ke Umhlangala uthi unqakule enye yezintaka Xa ijamelene nobungozi, Umhlangala ugragramela phantsi, uye usenyukela de ubengathi uyakhonkotha ngesandi esikhulu. Xa ixinaniseleke ekoneni okanye isoyika, ikhupha incindi emdaka ngebala nenukayo ngeempundi. Imihlangala itswinela phezulu ize yenze nengxolo ivulu umlomo xa yonwabile. Ivamise ukuviwa inga iyacula. Zinebango kakhulu ngendawo, kwaye indawo zayo zibakufuphi nendawo ezilala kuzo.

Intlalo

Inyengelezi ixhaphake kakhulu kwindawo ezinemilambo, amachibi kunye nendawo ezi kufuphi nolwandle, neezi neengcongolo. Zisenokuhamba umgama omde ukusuka emanzi. Indawo ezinamatye emachibini okanye kufuphi namadama zisetyenziswa njengedawo zokuphumla.

Apho zifumaneka khona

Zisasazeke kuzozonke ingingqi zo Mzantsi Afrika ezise mpuma nasemazantsi ezinamathuba amanzinzi emvula, nangase Orange River.