Uthintelo Lokubiwa Kwemfuyo

© Chris Daly
Abathengisi benyama ebomvu rhoqo ngonyaka baphulukana nemali engange zigi zeerandi ngenxa yokubiwa kwemfuyo. iNational Stock Theft Prevention Forum inezingcebiso zilandelayo ezingazunceda ukukhusela kuphela imfuyo ukuba ingabiwa kodwa ithethe nendlela yokujongana nesela xa lithe labanjwa:

Phawula Imfuyo Yakho

©Marinda Louw
Ngokomthetho walapha eMzantsi Afrika, zonke izilwanyana kufuneka ziphawulwe ngokucacileyo ngophawu lwenani lomnikazi wemfuyo olukhethekileyo. Kunzima ukugweba amasela emfuyo xa kungakwazeki ukufumanisa umnikazi wemfuyo.

Bala Imfuyo Yakho

©Eric Miller
Imfuyo kufuneka ibalwe rhoqo ukuze kubonakale xa kukho ezilahlekileyo okanye iingxaki ezinokuthi zibekhona. I-National Stock Theft Forum icebisa amafama okokuba akwenze oku kanye ngeveki, xa ingena kwenziwa yonke imihla. Amafama kucetyiswa okokuba ayibale ngokwawo imfuyo yawo, kodwa xa kungenzeki yithi gqaba-gqaba ngokubala ukuqinisekisa amanani ngawo ngenene.
Izilwanyane ezilahlekileyo neziphantse zabiwa kufuneka zichazwe emapoliseni ngokukhawuleza. Xa ulinda ixesha elide, kubanzima ukufumana ubungqina ukuze abanjwe amasela.
Imfuyo engesiyiyo eyakho kufuneka ichazwe emapoliseni nakumafama angqongileyo. Awufuni ke amasela asebenzise indawo yakho njengendawo yokufihla imfuyo abayibileyo, okanye okubi nangakumbi, nawe ubandakanyeke njengesela okanye umncedi wama sela.

Ukushicilela Iinkcukacha

©Chris Daly
Gcina uluhlu olushicilela yonke into, elinenkcukacha zonke kwaye malusetyenziswe rhoqo.

Ukuthenga Imfuyo

©Eric Miller
Amafama amatsha kufuneka anikezwe iimpepha ezinenkcukacha, ezinamagama nefani yalowo ebengumikazi, igama nedilesi yomthengisi nalowo uthengayo kunye nosuku lokuthenga. Umthengi kufuneka agcine ezimpepha ithuba elingangonyaka njengesiqinisekiso sokuthenga.
Abo bathenga bathengise okanye abathengisi kwi okshini badinga isetifikethi esichaza okokuba banemvume yokuthengisa imfuyo ephilayo endaweni yomnikazi wezilwanyana. Usuku logunyaziso kufuneka ingabi lusuku lwakudala kwaye luquke zonke iinkcukacha ngohlobo okanye uhlobo lwemfuyo, inani, uphawu, isini, kunye nombala wemfuyo xa zingaphawulwanga kakuhle.

Ukuhambisa Imfuyo

Abahambisa imfuyo kunye nabo bathunyelweyo kufuneka babene setifikethi sokususa imfuyo ngaphandle kokuba imfuyo ihanjiswa kwindlela ka wonke-wonke isingise kumhlaba wakho. Isetifikethi kufuneka sibenegama nedilesi yalowo unikeze ngesatifikethi, igama ne dilesi yomnikazi wemfuyo, indawo esuka kuyo imfuyo kunye nalapho isiwa khona, igama lomqhubi, usuku lokuphuma uba kuyenzeka neenkcukacha ngesithuthi ezithuthwa ngaso. Uhlobo lemfuyo, okanye lwesilwanyana kunye nophawu, isini, inani nombala wemfuyo, xa inga phawulwanga ngendlela efanelekilayo, kufuneka ibandakanywe.

Chaza Amatyala Okubiwa Kwemfuyo

Amafama awazichazi iimeko zokubiwa kwemfuyo, ngenxa yexesha nobunzima bokwenza oko. Ukuchaza amatyala okubiwa kwemfuyo kubalulekile, hayi ukubamba abophuli mthetho kuphela, kodwa izakunceda okokuba kwimfuyo kubonakale ukubaluleka nobuzaza bokubiwa kwemfuyo, ze endaweni yokuthi urhulumente enze indlela, malunga nokuqasha uluntu nezixhobo, zibekhona zokuphelisa olu lwaphulo mthetho.
Ukhumbule okokuba xa kuthe kwakhawulezwa ukuchazwa ityala, abamaninzi amathuba okubamba amasela.

Ukunikeza Ubungqina

©Roger de la Harpe
Amasela aye aphume engabekwanga tyala, endaweni yazo zonke iinzame nexesha elithe achithwa ukuzama ukubamba amasela nokwenza ityala ngakuwo, xa amafama engayi enkudlei yamatyala ukuyokunikeza ubungqina. Khumbula okokuba xa amasela etshutshisiwe onke amafama kubayinzuzo oko kuwo.
Olu lwazi ludityaniswe kulwazi olunikezwe yi National Stock Theft Forum.

Translated by Zikhona Plaatjie