uThabo Mbeki, Nelson Mandela no Mongameli uFW de Klerk

© Dr Peter Magubane
uThabo Mbeki, Nelson Mandela, no mongameli FW de Klerk ngexesha ngaphandle epalamente.
Ngo April ka 1994, Uvoto lokuqala lwase Mzantsi Afrika lwenkululeko lwabanjwa apho uNelson Mandela wafungiswa njengo Mongameli wase Mzantsi Afrika wokuqala omnyama kwi Union Buildings, ePitoli ngomhla we 10 May. Wonyulwa ngoku ngaphikiswanga yi Palamente, wamsusa u-FW de Klerk esihlalweni, inkokheli ye National Party. Oku kwaphelisa iminyaka yolawulo emininzi phantsi korhulumente wengcinzelo, kwaqalwa urhulumente wobumbano ngo 1996.u-FW de Klerk wasebenza njengo sekela mongameli we National Party kunye no Thabo Mbeki, owaye nyulwe njengo sekela Mongameli. uMbeki wabangu Mongameli eMveni kuka Mandela wabeka phantsi kwezo politiko ngo 1999.

“Ukunyoluka namandla kwenze umninawe ajikele umkhuluwa.” ~ Nelson Mandela

Mandela 100 - Mandela: A Man of Principle

uBrenda Fassie, umculi we Pop othandwayo eMzantsi Afrika egcwele yimizwa, wonga uMandela...more

Mandela 100 - The Fight for Freedom

uMandela wayethandwa ngabalandeli bakhe, njenge mbonakaliso yenkululeko kumntu wonke. Uye abonakale njenge siThixo esithile eMzantsi Afrika,...more

Mandela 100 - The Mandela Legacy

uMandela ufumana iwonga le Honorary Doctorate kwi Yunivesithi yase Witwatersrand eRhawutini...more

Mandela 100 - Timeless Madiba

uMandela ubulisa abalandeli bakhe ngaphandle kwe ndawo yokuthandaza yamaJuda ePitoli....more