
Usapho Lwakwa Mandela
uSapho luka Mandela ludibene kumsitho wabucala eTuynhuis, indawo ekuhlala kuyo umongameli eKapa.
Ebomini bakhe, uNelson Mandela watshata ka thathu. uNkosikazi wakhe wokuqala uEvelyn Ntoko Mase, abaqhawula umtshato ngo 1958, unkosikazi wakhe wesibini uWinifred Nomzamo Zanyiwe Madikizela, waqhawula umtshato ngonyaka ka 1996, umtshato wokugqibela wayetshate no Graca Machel. UGraca Machel wayeyinkosikazi yalowo wabulawayo wayengu Mongameli wase Mozambique uSamora Machel. uMadiba unabazukulwana abayi (17), nabazukulwana babazukulwana abayi (15).
Kulomfanekiso usapho lwakwa Mandela, lwadibanela umsitho okhethekileyo eTuynhuis, kwindawo eyayihlala uMongameli eKapa.
“Sizinikezela ekwakheni uxolo olupheleleyo, olu lungileyo kunye nolu ngatshitshiyo.” ~ Nelson Mandela

uNelson Mandela ubuyela kwikhaya lakhe eSoweto, emveni kokuphuma entolongweni ngo 1990. uNelson Mandela, ukhule kwa no 8115, kwisi talato iV...
more
uMandela wayethandwa ngabalandeli bakhe, njenge mbonakaliso yenkululeko kumntu wonke. Uye abonakale njenge siThixo esithile eMzantsi Afrika,...
more
uMandela ufumana iwonga le Honorary Doctorate kwi Yunivesithi yase Witwatersrand eRhawutini...
more
uMandela ubulisa abalandeli bakhe ngaphandle kwe ndawo yokuthandaza yamaJuda ePitoli....
more