ULawulo Lwezimfimfithi Ngaphandle

© Chris Daly

Ulawulo lwe simfimfithi ezaziwa nge-parasite ngelasemzini ezingaphandle, belungaxabisekanga mandulo, kule mihla idlala indima enkulu ekukhuliseni intaka ezonwabileyo kwaye ezise mpilweni.

Amacebiso oku Thintela

©Chris Daly
Intaka ne ndawo ezihlala kuzo kufanele zihlolwe rhoqo, ukuze iingxaki zibonakale phambi kokuba zixake. Elona xesha lilungileyo ukufuna intwala ze avian kuse mini, ubusuku buze bulungele ukubona izimfimfithi ezingamangolwane abomvu nosulelo lwamakhalane. Ukuhlola amakhalane abomvu kungayi ngxaki njengoko usulelo lubonakala xa sele luluninzi. Ukubona amakhalane kwelinye icala kulula ingakumbi xa sele egwele igazi.
Ngexesha lohlola, iimpiko zentaka, kuye kufumaniswe intwala ezindala zihamba hamba apha emaphikweni ngaphantsi.amaqanda entwala abonakala kwingcambu zempiko. Intwala ke zithanda imisebe ephantsi kwempiko nakwi sisila, zindawo zokuqala ke ezi ukujonga iintwala.
Amangolwane anenyawo ezimbaca ahlala ezinyaweni kuphela, logama wumbi iintwala ezaziwa ngokuba yi Northern fowl zifumaneka kwi sisila sentaka. Xa usuleleko lulukhulu lwenza iintsiba zibemnyama ngenxa yokuwa kwe ncukuthu namaqanda.
Intakumba zona zibayingxaki yexeshana, ingakumbi xa amaqondo obushushu ephezulu. Kuyanceda ukuhoya iintaka zingekaguli, ingakumbi kwinyanga zehlobo esishushu. Phantsi kwezinye imeko kuye kubonakala kungekho xesha likhethekileyo losuleleko.
Kufuneka unonophelo kunga dityaniswa intaka ezosulelekiyo kwimihlambi. Intaka ezintsha zifuna ukuhlolisiswa. Zinyangwe kwizimfimfithi zigcinwe kude kweminye imihlambi, kwindawo yovalelo ekhethekileyo iveki ezininzi ukuze zingafaki ezinye ebungozini.
Izinja, ikati, intaka nezinye izilwanyana ezinokuza neencukuthu zigcinelwe kude nendawo yemveliso.
Ukuhlamba ithuli noku nonophela izilwanyana yindlela elungileyo kwaye yemveli yokuthintela iintwala. Intaka ezisuswe isacholo, okanye ezinezacholo ezikhule kakhulu, kunye nezo zingena ndlela zokuhlanjwa uthuli zisemngciphekweni omkhulu woko suleleka.
Kufuneka kusetyenziswe I wood ash xa kuvaswa ubumdaka. I wood ash iqokelela ikhuphele ngaphandle zonke iirhorho emzimbeni, icoce i-oli emzimbeni, kunye nothuli njengoko izezinye zezinto ezithandwa zezirhorho. Olu thuthu ke lungaxutywa ne santi okanye ipeat moss lufakwe kwi toti endala okanye oknye engxoweni ecoceka lula.
Izindlu okanye iindlwane kufuneka zicocwe rhoqo, zicocisiswe emveni kwexesha lemveliso.
Amanye amafama acebisa usebenziso lwamayeza ukutshabalalisa irhorho kwi kwi ndawo zemveliso okanye ukusebenzisa imithi kwi bhokisi ezihlala kuzo. Imithi ke ibandakanya le ilandelayo: ilavender, bay leave, marigold, eucalyptus, oregano, peppermint, wormwood and spearmint.
Isprays zokuthintela kunyanzelekile zibekhona kwindawo ezinengxaki namakhalane.

Indlela Zolawulo

©Chris Daly
Kubalulekile ukusebenzisa izithinteli ezise mthethweni xa kuzanywa ukuhlangabezana nezingxaki. Kufuneka kulandelwe imithetho yokuzisebenzisa ebhaliweyo. Isebe leZolimo (Agriculture) ne Environmental Affairs la Kwazulu Natal kwi ncwadi efundisa imveliso yenkukhu kwimizi ngemizi ixhasa kakhulu usebenziso lwe Karbadust ukuzama ukuphelisa iintwala, nerhorho xazithe zahlasela iintaka.
Abavelisi bacetyiswa okokuba iintaka ezosulelekileyo bazifake esikhwameni, intloko ijonge ngaphandle, emveni koko kufakwe I Karbadust, isikhwama esi sihlukuhlwe kancinci ukuze iKarbadust ifikelele entakeni. Kufanele iKarbadust isetyenziswe ezintakeni kuphela, hayi ezindlini okanye okanye kwindlwana zogcino.
Kwintaka ezixobuke inyawo ngenxaye rhorho, Isebe licebisa okokuba abavelisi baqabe iBenzyl Benzoate. Iyathengiswa ke kwi Khemesti yaziwa ngokuba yi Ascabiol, esetyenziswa eku nyangeni ikrhwatshalala ebantwaneni. Kufuneka kusetyenziswe izithinteli ezisemthethweni
Kumaxesha amaninzi akonelanga ukunyanga intaka kuphela, indawo ezingqungileyo fanele zicocwe ukuphelisa ezindala iLarvae, pupae okanye amaqanda angabonakaliyo azifihle kwiindlwana zokuhlala intaka. Kubalulekile ukusebenzisa izithinteli ezisemthethweni kwaye unyango kuneka luphindwe ngokwemiyalelo engemva kwi kwesithinteli eyaziwa nge product ngelase mzini, ukuze kuqinisekiseke ukunyangwa kwezi Ntaka. Indawo ezifihlakeleyo ezinamathanda kufuneka zivalwe.
Ukuthintela amakhalane ukuze angenyuki ezintakeni, emadlelweni, nase ngceni kufuneka zinyangwe kwaye ukhula olungqunge indlu yeenkukhu lususwe.

Iindlela Ezikhethekileyo Ezinokujongwa

Amakhalane kufuneka asuswe ngobunono. Kwi nzame zokususa amakhalane, intloko le iye incamathele kwisikhumba lonto ke ingenza usuleleko.
Indawo ezifumileyo ziye zenze ingxaki yande kwi meko yamangolwane aziwa ngokokuba zi scarly leg mites.
Intaka ezinenyawo ezinoboya zisemngciphekweni wokusuleleka yi scaly leg mite kunentaka ezine milenze eze.
Amangolwane abomvu kunzima ukuwalawula, njengoko angahlala iinyanga engalumi. Indlela elula yokujongana nalengxaki kuku khupha zonke intaka ukucoca ngokugqibeleleyo nalapho zihlala khona. Abavelisi ke baye de batshise nkqu ne ndlwana yazo nantoni na elahlwayo aphozihlala khona.
i-scaly leg mites ziye zifune indawo entsha yokuhlala xa ubushushu bendawo ezikuyo busehla ngenxa yesigulo, okanye ukufa. Intaka ezinesisifo kufuneka zibekelwe bucala zinyangwe ukuze zingosuleli ezinye intaka.
Ekuqaleni ke, oluhlobo lwencukuthu lalunyangwa nge oli ethile ne paraffin. Kwi meko ezinobuzaza inyawo zentaka kufuneka khe zigcinwe emanzini ashushu ukuze izikhakha ezinyaweni zithambe. Emveni koko kufuneka zosulwe zome zithanjiswe nge oli eyi olive oil okanye i-oli eyenziwe nge mifuno. Konke oku kuthi kwenziwe phambi koba kusetyenziswe iproduct esemthethweni. Olunyango funeka lwenziwe amatyeli aphinda phindeneyo evekini de incukuthu zife. Abanye abavelisi bachaze impumelelo nasekusebenziseni ivaseline ukunyanga incukuthu.
Kufuneka unonophelo noqaphelo, isikhakha emlenzeni we Ntaka singaphakami, kuba oko kungenza iintlungu ezingu mmangaliso nomonakalo kwintaka.
Xa uthandabuza, dibana nogqirha wezilwanyana okanye umsebenzi okhoyo.

Translated by Zikhona Plaatjie