Ulawulo lweSityalo se Rosemary

Isivuno - iitoni kwi hekhthare nganye

©Louise Brodie
Esiqhelekileyo
Esemanzi: 12 iitoni
Eyomileyo: 2 iitoni
Oli: 10 ukuya kuma 20 litha
Esiphakathana
Esemanzi: 22 iitoni
Eyomileyo: 6 iitoni
Oli: 25 ukuya kuma 50 litha
Esihle
Esemanzi: 30+ iitoni
Eyomileyo: 8+ iitoni
Oli: 80+ litha

Ukuvuna

Ubukhulu becala, irosemary ivunwa ngemitshini. Kwiindawo zemveliso ezincinane okanye kwii zindlu zokutyala (greenhouse) ingavunwa ngesandla, nangona oku kungaxabisa kakhulu.
Imveliso entsha: qala ukuvuna irosemary esentsha kwakusasa ngethuba kusapholile. Ukuvunwa kweencam ezisentsha kungaqala kwiiveki ezi 12 emva kokutyala izithole.
Imveliso eyomileyo: kwimveliso eyomileyo ye rosemary, ungaqala ukuyisika kusakukhula amagqabi aneleyo ukuba angavunwa. Uninzi lwalamagqabi luyachetywa kanye phambi kokuba kudubule iintyatyambo. Ezo zisikiweyo zingomiswa kumaqondo angama 38°C kusetyenziswa umoya ophuma kumatshini.

Imveliso ye-oli yokuthambisa: Ezona oli zikwinqanaba eliphezulu zezenziwa ngencam ezineentyatyambo kuphela, kwaye zithengiswa njenge oli ekhethekileyo ngexabiso eliphezulu. Emva kokuba sele ziyekile ukukhula iintyatyambo, kuye kusikwe amagqabi ukuze kwenziwe ngawo i-oli nawo. Kuye kushiywe amagqabi namahlahla ambalwa ukuze aphinde akhule ngaphambi kwexesha lase busika. Oku kulungiselela ukuba ukufika intwasahlobo elandelayo yokudubula kwezinye iintyatyambo. Le i-oli iye ithengiswe yodwa, kwaye iba nomahluko kunale yenziwe ngentyatyambo kuphela.

Ukugcinwa

Imveliso entsha: Emva kokuvuna, gcina irosemary kumaqondo akwi 5°C. iRosemary ingagcinwa isithuba seveki ezimbini. Ukufuma kwendawo yokugcina kufanele ibe ngaphezulu kwama 90%. Oku kuthintela amagqabi ekubeni angaphulukani nobumanzi. Isivuno esitsha siyakhawuleza ukuphulukana nencasa, ngoko ke kungcono zikhawuleze zithengiswe kwakamsinya.
Imveliso eyomisiweyo: Amagqabi omisiweyo afakwa kwiinkonkxa ezivaleka mbaa kungangeni moya ngokukhawuleza kangangoko ukuze agcine umbala wawo nencasa. Gcina kumaqondo amalunga ne10°C.
i-Oli Zokuthambisa: Gcina ii-oli zokuthambisa kwindawo eyomileyo, emnyama kwaye epholileyo isithuba esimalunga neenyanga ezi 18 emva kokuzivaka ebhotileni. Emva koku ii-oli ziqala ukuphulukana nombala ziyeke nokusebenza ngendlela.

Izonakalisi

iMealybug, Scale, Spider mite, Thrips kunye ne White fly zizonakalisi ezixhaphakileyo.

Izifo

Powdery mildew kunye nokubola kweengcambu.
iRosemary ineezonakaliso kunye nezifo ezimbalwa, kodwa kungcono ulandele imiyalelo yokukhusela izityalo zakho, oyinikwe yi extension officer okanye i-agronomist. Umthengisi wekhemikhali wengingqi yakho uzakuba neenkqubo ezilungileyo okanye angakunika iinkcuaxha malunga nabanye abanokucebisa abakufuphi nakwindawo ovelisela kuyo.

Translated by Zizipho Silwana