ULawulo lwe - Avian Influenza

© Chris Daly
Isifo I Avian influenza enobuzaza sisifo esiqaphelekayo, yiyo lonto xa ithe qhambuka kufuneka kuxelelwe igosa lika rhulumente elisebenza ngezilwanyana kwangethuba. Ukohluleka ukuxela isifo esiloluhlobo kwaba semthethweni lulwaphulomthetho, ngenxa yobungozi obudibene nesisifo. Kuzakuthi kuthathwe imizekelo njenge sampule kwintaka eziphilayo ezikrokrelekayo nezifileyo ukuqinisekisa okokuba zinaso ngenene esisifo nobuzaza besisigulo khona ukuze ihlalutywe zii ngcaphephe elaboratorory. Kubaluleke kakhulu okokuba esisifo sifunyaniswe kwangethuba ukuzama okokuba ezinye iintaka, zingosuleleki kunye nee fama ingakumbi xa isulela nase luntwini.

Ulawulo

I fama ethe yafumaniseka kukho uqhamko, ifakwa phantsi kwe meko yabucala nolawulo lokuhamba hamba ukuze intaka ezigulayo zingadibani nezisesichengeni sokugula. Akukho chiza likhoyo, amazwe amaniniz kuquka uMzantsi Afrika, azama ukuyiphelisa ngoku sinyathela oku kubizwa ngokuba yi ‘stamping out’ ngolwimi lwase mzini.
Oku ke kuquka ukuqokelela zonke intaka ezibandakanyekayo nezisebongozini , kwaye indlela eyiyo kolahla imizimba yentaka ezifileyo. Ngokucocisisa iindawo ezino suleleko kunye nokubekela bucala nolawulo lokuphuma nokungena kwentaka nee moto ezise mngciphekweni ukuvalela isifi singa noni. Konke oku kwenziwa phantsi kwe mehlo lika rhulumente. Impahla ezikhethekileyo zokhuselo ziyanxitywa, nkqu nokuba isifo asisuleli eluntwini.
Ugonyo lusetyenziswa kumazwe athile ukukhusela intaka ezise mpilweni ngamaxesha osulelo noqhambuko okanye apho isifo sithe sanobungozi. Aluvumelekanga apha eMzantsi Afrika ugonyo okwangoku ngenxayo kuba ugonyo lungazisa ingxaki kwezo rhwebo zamazwe ngamazwe kwaye ugonyo lungenza kubenzima ukubona uqhambuko lwesi sifo. Bakhona ke apha eMzantsi abafuna ugonyo luvumeleke, ungakumbi xa eli lizwe lingakwazi ukubuyekeza abavelisi ngelahleko yabo njengoko kusenziwa kumazwe aphumeleleyo.

UThintelo

Ngokwesebe lezolimo, isifo singanona kwifama ngee fama ngoko kuhambisa intaka zasekhaya eziphilayo, abantu, ingakumi xa impahla nezihlanu zisulelekile, imoto, izixhobo, ukutya nee ndlwana. Amafama ke ayacelwa alumke kakhulu ukuze isifo singafikeleli kwi fama zawo xakuthe kwakho uqhambuko.
Abavelisi abagcina intaka phandle bacetyiswa okokuba bazihlalise endaweni ekhuselekileyo njengoko isifo singanona ngokudibana nencindi esuka kwizilwanyana ezosulelekileyo- ezasendle okanye ezinye eziludidi lwenkukhu. – ingakumbi ilindle, okanye amanzi, ukutya, izixhobo nempahla ezasulelekileyo. Ezinye izilwanyana ezinje ngekati ne hagu zinga sasaza esisifo.
Kumazwe amaninzi kukho ixesha elikhethekileyo, uqhambuko lwenzeka xa kubanda, ze luthothe xa isimo sezulu sifudumala. UMzantsi Afrika uyasijonga isifo kwintaka zasendle nakwii fama ukuze kuthathwe amanyathelo kwaziswe uluntu xa uqhamko lwesifo lusenzeka.

Translated by Zikhona Plaatjie