uLawulo Lamantshontso Alunyulwe Ekuncanceni Nasele Emadala

© National Pork Board, USA
Esi isigaba sijongana nenkathalelo yeehagu ezincancayo kanye ezisele ziyeka ukuncanca, kananjalo namantshontsho asele emadala.
Kumaxesha amaninzi, amafama eehagu amaninzi awaqondi okokuba ezihagwana ziphucukileyo ngofuzo zineveki ezilishumi (10) ukuze umzimba wenzeke kwakheke nenyama amathambo agcwale oko ke kuzenza zikhule kubunzima bokuzalwa obuqala kwisinye (1) ukuya ku 1,5 kg ukuya kubunzima bokuba ingakwazi ukuxhelwa obungama 90kg nangaphezulu kwinyanga ezintandathu.
Oku kuphantsi kweemeko xa hagu ityiswa kakuhle, ubushushu obufanelekileyo,umoya, ucoceko, ukuhlala kakuhle, uthintelo lwezifo nonyango, ulawulo lweencukuthu kunye nalowo ukhathalela iihagu.
‘Stockmanship’ kuthetha okokuba umnikazi wehagu kufuneka akwazi ukufunda imiyalezo esuka kwiihagu, malunga nazo, nakwabo bazikhathalelayo maxa onke. Oku kunga ngendlela yokubona, ingxolo, ivumba, ubushushu kunye nomoya, ukungafuni ukutya, ukungakhuli, amakhokho phantsi nokufa kwamantshontsho. Uluhlu lude kwaye uminkazi weehagu okwaziyo ukujonga uzakuzibona afune uncedo.

Iihagu Ezilunyulwe Ekuncanceni

Ukuqinisekisa imveliso engcono, inyanga yokuqala emveni koku lumla amantshontsho ibalulekile kwaye kufuneka ajongisiswe.
Naxa elunyulwe kwiveki ezintandathu, ihagwana iye iphulukane nobumnandi bokubalintshontsho phambi kwexesha kunaxa ilunyulwe ngumama.
Isizathu sokulumla amantshontsho phambi kwexesha kukunikeza imazi ixesha lokuphumla phambi kokuyithumela kwinkunzi kwakhona, kwaye oko ihlala ikulungele ukukwenza. Imazi ilindeleke ukuvelisa amantshontsho kabini ngonyaka kodwa idinga ixesha leveki ezintathu zokuphumla.
Iminyaka yokulumla ayibekwanga kwaye ikhona inzuzo xa ungazilumli ngexesha elinye ‘uzohlula’. Oku kuthetha okokuba uthatha ezo zincanca ngamandla uzibeke kwindlu yokulunyulwa iveki phambili kwezinye. Ngenxa yonqongophelo lokhuphiswano, iihagwana zifumana ithuba lokuncanca kakhulu.
Ukulunyulwa kunzima kwihagwana ngendlela ezininzi:
Oohagwana baye bavimbeke ubisi olutyebileyo ulunezakha mzimba luka mama wazo,oluthi lufumaneka rhoqo ngeyure xa ihagu ivelisa ubisi.
Kufuneka ziqhele indawo entsha, amavumba amatsha, izitya zokutyela kunye nengxolo entsha.
Oohagwana bangaxutywa namanye amantshontsho alunyulwayo kwaye kungafuneka azimele ngokuthi azilwelwe.
Xa kuxutywe amantshontsho axubileyo ngeminyaka, kuzakuba usuleleko lwezifo olutsha neencukuthu, ezithi zinikeze umceli mngeni kwimpilo yeehagwana ebezikade zizihlalela zingaxutywanga.

Imigaqo yoku Lumla Iihagwana

©National Pork Board, USA
Umthetho wase Mzantsi Afrika ufuna zonke izilwanyana ziqaphelwe, oku kuthetha ukugcogcwa endlwebeni kwiihagu (ear tattoo). Inani okanye uphawu luzakufana nolwezinye zomnikazi nokuba ziinkomo. Elinani linikeza licandelo elisebenza ngokubiwa kwemfuyo emapoliseni kwaye kufuneka uylibhatalele oluphawu. I-ofisi ka rhulumente yezilwanyana ingaluncedo.
Imigaqo elandelwayo xa ulumla iihagwana ingaquka ukugonyisa ulawule nonyango ngokutofa inaliti. Umsila kunye nempilo yamehlo azinyanzelekanga kodwa inaliti ye iron kufuneka inikezwe kwiveki yokuqala yobomi bamantshontsho.

uKukhathalela Amantshontsho Alunyulwayo

©National Pork Board, USA
Imithetho engqongqo kumafama wehagu malunga nokukhathalela oohagwana abalunyulwayo kukwakha “igumbi eliyi ndlwana”, esecaleni, ekhuselekileyo kwaye ephantsi kwenkathalelo yalowo uzikhathalelayo, kwaye ekufuneka aqinisekise okokuba oohagwana bashushu, komile, bahleli kakuhle kwaye batye ngokwaneleyo.
Ukukhula kakuhle kunye nobukhulu bomzimba kubonakala zisencinci iihagwana, kubalulekile okokuba amantshontsho alunyulwayo afumane okona kutya kubalaseleyo.
Nawuphi na umfuyi okanye iqela loshishino kufuneka babeno mlinganiselo wehagwana ezilunyulwayo one 18% ukuya ku 20% we protein, ekutyeni okanye kokuthengiswayo. Kuyabiza ngokwamaxabiso kodwa izakuba nembuyekezo ngokwe mali kumfama osakhasayo.

Ukukhathalela Amantshontsho

Eligama lithi ‘growers’ lithathe indawo yegama elidala elithi ‘fatteners’ ngesingesi kwaye lisetyenziswa kwihagu ezisencinci ezisuka kwindlwana zokulunyulwa kwiiveki ezilishumi (10) ukuya kwishumi elinesibini (12) ubudala.
Amantshontsho ngawona angasokolisiyo kuzozonke iihagu ngeminyaka yazo. Umsebenzi wawo kukutya kakhulu xa enikezwa ukutya ngumfama, xa kungangcolanga ukutya, ukungunda okanye iiplastiki. Umlinganiselo we 16% we protein kwintshontsho kufuneka ubeyingxenye yendlela atyiswa ngayo amantshontsho. Ungayonga imali ngokuthi utshintshe ukutya kwentshontsho ngokutya okuthengwe evenkileni, kwindawo zobisi, kwivenkile ezincinci kunye neendawo ezithengisa imifuno.okoku kutya kunganceda ukuqinisekisa ukutya oku kuko ngaphandle kokunikeza icarbohydrates kakhulu. Musa ukutyiswa iihagu icarbohydrates ezininzi. Maxa wambi ziye zinikezwe ipilisi yokuncedisa impilo.
Kuba iihagu zitya yonke into, oko akuthethi kuthi mazinikezwe inkunkuma ukuba ziyitye. Xa ukutya kungcono, nazo zizakukhula ngcono nemizimba yazo ingenise imali eninzi xazikhulile.

Translated by Zikhona Plaatjie