Ukutyelela iVredefort Dome

© David Fleminger

Ukwakheka kwe Vredefort Dome

Isakhiwo esipheleleyo se Vredefort Dome sigqithela ngapha komjikelo ongama 300km. Inabe ukusuka emantla e Johannesburg emntla mpuma ukuya eWelkom eku mzantsi ntshona. Uqikelelo lombindi we Dome yidolophana encinic ebizwa nge Vredefort.
I-World Heritage site, keyona iphelela kwi core zone emi kuma 120 km asemazantsi ase Johannsburg, ngakumfula iVaal River. Le ‘Dome Mountain Land’ isisikhumbuzo zentsalela se central uplift neyayikade ime embindini wale crator. Kulendawo, iArchaean granite dome kunye ne namatye aphethukileyo ayihrangqileyo ikhukuliseke yaze yadala ebukekayo yona iseries ye parallel ridges and valleys, zijika-jika ngesithozela phakathi kwe Vredefort, Parys kunye ne Potchefstroom. Ezi ndawo zikufuphi kodwa aziyonxalenye ne ore zone, ukuze uphuhliso lwezi dolophu lungathintelwa yimithetho yokukhusela iindawo zenkcubeko.

Imida yeyona Ndawo Ingundoqo

Imida ye ndawo yeyona ndawo ingundoqo (core zone) ibukuhambelana nendlela eziliqela ezidibanisa ezidolophu zintathu. Imida yase mpuma yi Parys-Potch tar road (R53). I-Schoemansdrift-Potch road (part tar-part gravel) ekumda ongase ntshona (ebizwa nge Schoemansdrift Road) idibanisa indlela ezimbini ze Potch-ward ezikwicala le Phondo lo Mntla Ntshona. Kwaye, emazantsi kukho iqela leendlela zegrabile ezimile okwe ceba lenyanga kwelicala lingase Free State. Kukho umda oyi 5km ojikeleze le ndawo ibuku skwere ukumila.
Kumbindi wommandla we Dome kukho iVaal (nethetha ‘enothuthu okanye embatshileyo) Rivee, nohamba ukusuka empuma ukuya entshona. I-Vaal yeyona ndawo inkulu inamanzi ngokwemigangatho yoMzantsi Afrika. Kwaye inikisa ngamanzi eJohannesburg kunye neendawo zoshishino eziyingqongileyo. Uninzi lolushishino lusemantla komfula we Dome, kwidolophu zase Sasolburg, Vanderbijlpark and Vereeniging. I-Vaal River ikwadume nangezemidlalo yamanzi, ezifana nokuloba, ukuhamba ngesikhitshane, iwater skiing, kayaking kwakunye ne
white water rafting. I-Vaal Dam, emantla omfula ukusuka eVereeniging, yenye indawo ephuhlileyo yokutyelela.

Ukumila Komhlaba Okungazinzanga

Ngenxa yokumila komhlaba okungazinzanga kwe Dome Mountain Land, ukuhamba kwamanzi avamise ukunaba mbaxa kuphazamiseka kukuphinyela phakathi kukwalekana kwamatye. Oku kubangela amatye ukuba ahambe ngesantya esiphezulu, aze ahlukahlukane abengama dama-streams kunye neerapids. Ezi ke zohlulwe ziziqithana ezingamakhulu-khulu. Esona siqithi sikhulu singama 150ha, ze esinye siqulathe ibala legalifa elinemingxuma eli9. Esi siqithi sokugqibela, nesibizwa nge Golf Island, sidityaniswe yibhulorho encinane ne Parys.
Ezi ziqithi ze Vaal habour, zibubutyebi bezilwanyana, izityalo kunye neendidi zeentaka. Zazikade zinezindlu zabantu kunye nezinye izinto ezinganikisi mdla, ingakumbi kwingingqi yase Parys. Ingakumbi kwingingqi ye Parys apho eziziqithi zizininzi kwaye zinkulu. Ngethuba le Anglo Boer War yesibini, ezi ziqithi zagcwalisa ngakumbi ngabaphambukeli ababenyubeleza ukuwela lomlambo bazimele kumahlahla ashinyeneyo. Ezi ziqithi zazingabangwa mntu, kwaye zingekho phantsi kwe Orange Free State okanye iTransvaal.

Dlala Kakuhle

Ekupheleni kweminyaka yoo 1800, le mmo yatshintshwa ngabaphathi bezindawo zombini. Aba baphathi bobabini babanga ukuba ezi ziqithi ziphantsi kwazo. Kwabakho imfazwe ende yomthetho, ezama ukufumanisa ukuba sesiphi isiqithi esiphantsi kobani. Ekugqibeleni, ikomithi ekhethekileyo yaqulunqwa ukuze ihlole isiqithi ngasinye ze emvakoko inikise ngaso kwisixeko esifanelekileyo.
Kuba ke zazingenakuhlulwa kubini ezi ziqithi, ngomnyaka ka 1985 kwatyikitywa isivumelwano esibizwa nge ‘Vaal River Island Treaty’. I-Transvaal yafumana iziqithi ezili 100 ze yona iFree State yafumana ezingama 90. Yinto ke leyo endiyibiza ngesivumelwano esixoxwe ngendlela.
Namhlanje, iVaal River iphawula umda phakathi kwe Phondo loMntla Ntshona kunye nele North Free State Province. I-Dome iqhagamshelanisa omabini lamaphondo olawulo kwaye oku kwenze ukuyiphuhlisa nendlela zokupaphasha zithande ukuba yindida. Ngaphezulu, indawo ene core ye Dome iquka iifama ezingapha kwe 100 zabucala kune neqela lomasipala bengingqi. Ubani uyathemba ukuba wonke umntu obandakanyekayo akwazi ukudlala kakuhle avumele iDome iphuhle njengoba ifanelekile. Qaphela ke, ukuba uninzi lwemitsalane ye Dome luphantsi komhlaba wabucala kwaye ayinakusuke ityelelwe nje ngaphandle kwemvume yomnini ndawo.

Translated by Zizipho Silwana

Ukuqhuba eVredefort Dome

Xa usiya eVredefort Dome ungena nge Parys, idolophu apha enomtsalane elungele ukutyela iholide....more

Izityalo kunye neZilo ezise Vredefort

I-Vredefort Dome imi kumhlaba we Grasslands biome, kwimida ephakathi kwe Highveld kunye neqhina le Transvaal. Indidi yengca elapha iqhele uk...more

Idolophu Yase Vredefort

Nangona idolophu yase Vredefort yanikisa ngegama layo kwi Dome, zimbalwa ezinye izinto ezithi zibenomtsalane kubatyeleli bale lali izolileyo...more