Xa usiya eVredefort Dome ungena nge Parys, idolophu apha enomtsalane elungele ukutyela iholide. Le dolophu yakhiwe ngakumazantsi omlambo wase Vaal. Ukuze ufike eParys ube usuka eJohannesburg, hamba ngoMzantsi N1,ulandele imikhomba ndlela eya eBloemfontein. Emva kokuba udlule iGrasmere Toll Plaza, indlela eyomeleleyo yasedolophini itshintsha ibengamasimi anabileyo. Malunge nama 80km ngaphandle kwe Johannesburg, uzakudlula ibhulorho ende ephezu kwe Vaal River ube sele ungena kwiphondo le Free State. Emva kwelinye i10km (malunga nama 90km ukusuka eJohannesburg), phuma ngendlela ebhalwe ‘R59 – Parys/Sasolburg’, kanye phambi kokuba ufike kwi Kroonvaal Toll Plaza. Jika ungene ngasekhohlo kwindlela esecaleni ze uqhube ama 20km de ufike kwidolophu yase Parys.
Kumgama omfutshane ungenile edolophini, indlela enkulu engena eParys (Loop Street) ifikela ku phawu luka stop ize ijike ikona ekufutshane engena ngasekunene (Water Street) ungene ngase khohlo (Breë Street). Landela lendlela imile okomkhono wenja uyonkungena kwindlela yabakhenkethi, iBreë Street; indlela enkulu egcwele zii restyu,ivenkile ze antique, iart galleries kunye nezinye iivenkile, zinike ithuba lokubuka okanye uthenge. Xa ugqibile, qhubeka wehle ngesitalato i Breë Street ude ufikelele kwi traffic light yokuqala (neyokugqibela) eParys. Ukusuka apha ungaqhubeka uhambe ngqo ukuze ufikelele kwidolophu encinci yase Vredefort (15km). Kungenjalo, ungajika kwindlela engasekhohlo, unqumle kwibhulorho enomtsalane ephezu kweVaal, usingise e Potchefstroom ngendlea uR53 (malunga nama 50km).
I-Vredefort Dome Mountain Land icace gca, imi emantla omlambo we Vaal, kwaye kungafikelelwa kuyo ngenye yezindlela zimbini zine tha. Indlela ezine grabile ezikusa ngakwi Dome Mountain Land zinika abaqhubi iindlela ezininzi abanokuzikhethela phakathi kwazo. Le ndlela intle kwaye inomoya uzolileyo kanye ngalandlela yasemaphandleni. Qaphela ke, kananjalo ukuba ezindlela ziphinyelayo zingathanda ukuba rhabaxa.
Zilungiswa manqapha-nqapha kwaye kwezinye iindawo ziingabambi mpela. Awudingi kude uhambe ngemoto eyi 4x4, kodwa kukhuthazwa imoto ene suspension esemgangathweni kwaye ekwaziyo ukuhamba emhlabeni ogadalala. Ungafumana umkhomba ndlela/ imephu yalengingqi kwenye yee ofisi zabakhenkethi ezisedolophini, ukuze ungalahleki kakhulu.
Kwi traffic light eBreë Street, jika ngasekunene ungene ku R53 oya ePotch. Kwicala elingaphaya kwe bhulorho, uzakubona ivenkile ebhalwe Jalapor’s General Dealer shop. Le venkile oko yanikezela ngenkonzo kubantu base Parys ukusukela kwiminyaka yoo 1920, kwaye ubukhulu becala isenziwe ngendlela yayo yakudala. Ikwicala elingelilo lomlambo kuba amaNdiya ayengavunyelwanga ukuba abeneevenkile eOrange Free State.
Emva kwe 2km, uzakufika kwi intersection eno R500 oya eFochville. Jinka ngasekhohlo uqhubeke ngo R53 usingise ePotch.
Kwi 10km uphumile eParys, jika ngasekhohlo kumkhomba ndlela we Venterskroon. Le ndlela ngoku izakutshintsha ibeyi grabile njengokuba usehlela kumadlelo achumileyo phakathi kwemisele emibini yeVredefort Dome.
Emva kwee khilomitha ezimbalwa, uzakufikelela kwibhulorho emxinwa ephezu konkcenkce mlanjana omhle. Kukho indlela ejikayo ngasekhohlo ebhalwe ‘Koppieskraal’. Le yindlela enqumlayo ephindela e Parys, enemibono enomtsalane.
Ukuba uqhubeka ngokuhamba ngqo usingise eVenterskroon, iindlela zikhokelela kumsele welitye eliphethukileyo. Konke okumangalisayo ngeVredefort Dome kuqala ukubonakala. Ungemisa kwifama yamandwendwe iThabela Thabeng, ukuze ukhawuleze ubuke ukumila komhlaba okunikisa umdla.
Malunga ne 15km uphumile kwindlela ene tha, uzakufika e Venterskroon. Le lali indala yayinemigodi ibukeka intle kwaye sele kongezelelwe nezakhiwo ezitsha (kuquka ivenkile ethengisa ikofu kunye ne senta yeenkcukacha) ezenzelwe abatyeleli.
Xa sele ugqibile, indlela iqhubeka nge Venterskroon kunye nendlela encinci egqithayo. Uzakuhambe uthi thu kwifama iLeeufontein,enye yezona zindala eTransvaal.
Uzakuhambe udibane nendlela enqamlezileyo (cross-road) Jika ngase khohlo. Emv komgama omfutshane, uzakufika kwi ndlela ezidibanayo (t-junction) enendlela iSchoemansdrift-Potch road. Jika ngase khohlo usingise e Schoemansdrift.
Amasimi athe thantalala kwiinduli njengoba uqhubeka kwi Dome, wehlele emazantsi uye kumlambo iVaal River. Emva kwee khilomitha ezimbalwa kukho iindlela ezidibanayo kunye ne Skandinawiëdrift road. Qhubela kwicala langase khohlo ubheke eSchoemansdrift.
I-Schoemansdrift yindlela ende, enecala elinye ehambe phezu komlambo iVaal River. Le ndlela intle, kwaye le bhulorho yindawo ethandwa kakhulu ngabalobi balengingqi. Kwelinye icala le Vaal, indlela ijikela kwindlela ezidibanayo (T-junction). Jika ungene ngasekhohlo de ufikelele kumazantsi omlambo.
Kukho iindlela ezininzi zegrabile ezibhidekisayo kweli cala le Vredefort Dome, ngoko ke zifumanele imephu kwenye yesenta zeenkcukacha phambi kokuba uthabathe oluhambo. Awunakufane ulahleke gqithi, kuba zonke iindlela zihamba ziphelele kwindlela ene tha nedibanisa iVredefort kunye ne Parys (R59).
Xa sele ufike ku R59, jika ngase khohlo ungene eVredefort okanye ujike ngasekunene ukuze ubuyele eParys. Indlela ejikayo ayinakubangaphaya kwe 100km, kodwa ukuze ungazixheshi endleleni, qala ukuqhuba kwangethuba.
Ukuze ufike kuledolophana ixakekileyo, thatha amazantsi endlela u N1 esingisa eBloemfontein. Emva kwe khilomitha ezimalunga nama, kukho ukwahlukana phakathi kuka N1 kunye no N12 (Zibhalwe Potch kunye ne Kimberly). Thatha uN12 uguguthe nduli ezicacileyo umgama omalunga ne 100km. Endleleni, uzakugqitha iMponeng Mine, owona mgodi unzulu ehlabathini. Wakufika ePotch, landela imikhomba ndlela ekusa ku R53 ezokubeka eParys. Lendlela izakubeka emantla ase Vredefort Dome Mountain Land. Njengelizwe lokugqibela, xa uphindela e Johannesburg, iindlela zisenoku bhidekisa kancinci. Xa sele usondela imetropolis, uzakubona uphawu luka N1. Le ndlela izakusa kwi highway enekonkrethi (neyaziwa njenge Western Bypass) udlule iRoodepoort uye ePretoria. Ukuba ufuna ukuhamba ngo M1, nokhokelela kwi Northern Suburbs ukuya eSandton, landela iimpawu zika N12 eziya e Witbank, ze uthathe indlela ebhalwe ‘M1 North’. Isayini/ Amaphawu aphuculiweyo anganceda ekuhambeni lendlela ibhidisayo,nesoloko indifumana ngalo lonke ixesha.
Translated by Zizipho Silwana