Ukuthuthwa kweeHagu

©National Pork Board, USA
Kukho imigaqo nemimiselo eyahlukeneyo ekufuneka ilandelwe xa kuthuthwa iihagu. Ngamafutshane, injongo kukuthintela ukusasazeka kwazifo nokunciphisa uxinzelelo lwezilwanyana ngethuba zithuthwa.

Ukhuselo kwiZifo

Ukuthintela izithuthi ukuba zingasasazi izifo, kufanele zicocisiswe kwaye zifakwe nezibulali ntsholongwane ngaphambi kokubuyela kuyo nayiphi na ifama yeehagu. Kwii ngingqi apho kukho imithetho ethintelayo, iihagu azinakuthuthwa ngaphandle kwephepha mvume elisuka kwi Sibhedlele sezilwanya salo salongingqi. Ukuba iihagu ziyathutha, kufuneka zingadityaniswa neehagu eziphilileyo ngethuba zithuthwa.

Ukuhlala Kakuhle kwe Zilwanyana

Kufuneka kuzanywe kangangoko ukuthuthwa iihagu ngexesha elipholileyo losuku. Kodwa azikuthandi nokuthuthwa ebusuku. Ezi zilwanyana kufuneka zikhuselwe elangeni, kwingqele egqithisileyo, inkwankca yomoya kunye nee rhasi ze exhozozo zemoto. Kufuneka kwenziwe umthunzi owenziwe ngamalaphu okanye ngezinto ezivalekileyo ukuba zizakuthuthwa ngexesha elifudumeleyo lemini. Kunganceda nokuzimanzisa iihagu ukuba ziyatsha kakhulu.
Kufanele kungabi mtyibilizi phantsi kwaye namacala kufuneka aphakame ngokwaneleyo ukuthintela iihagu ekutsibeleni ngaphandle kwesithuthi.
Kufuneka zibekwe zodwa iihagu ezilinganayo ngokuzalwa nangomlinganiselo. Kungenziwa nezinto ezihlulayo iihagu ngokoluhlu okanye ukwahlula amanani amakhulu ibengamaqela amancinci ukuthintela ukutyumzana, ukulwa nokuxhaphazana.
Ezi ndawo zahluliweyo kufanele zibenkulu ngokwaneleyo, ukuze zonke iizilwanyana zikwazi ukungqengwa ngaxesha nye. Intshontsho ngalinye lehagu lidinga malunga ne 0,56 square meter ubuncinane, ze zona iihagu esele zikhulile zidinge malunga nama 0,74 square meters ubuncinane.
Nangona iihagu zivamise ukungaphiwa kutya ngethuba zithuthwa, kodwa ukuba zihamba imigama emide kufanele zinikwe amanzi kwiyure ezili 18 zohambo lwazo.
Umkhomba ndlela obhalwe ngumbutho we The South African Pork Producers Association’s, Pigs for Profit, ucebisa ukuba amafama alayishe iihagu xa sele izithuthi zikulungele ukuhamba, kuba iihagu ziyalwa xa zidikiwe ingakumbi ukuba isithuthi simile. Ngoko ke qokelela onke amaphepha ozakuwadinga ngaphambi kokuba ulayishe iihagu.

Ukuphathwa kweZilwanyana

Kufuneka zinonotshelwe izilwanyana xa zilayishwa kwisithuthu, kuqinisekiswe ukuba akufakwa xinzelelo. Oku kungenziwa ngokufuna abasebenzi abaqeqeshiweyo ukulayisha iihagu, ngokusebenzisa ukuziphatha kweehagu, ngokusebenzisa iileli zokulayisha kunye namaqonga azakwenza kubelula ukuba iihagu zikhwele ngokukhululekileyo kwizithuthi. Umzekelo, iihagu zihamba lula xa zihanjiswa ngokwamaqela. Kukwalula ukulawula indlela ezihamba ngayo xa uphambi kwazo.
iPigs for Proft icebisa ukuba amafama asebenzise iintambo zokurhintyela ihagu kumhlathi ongentla xa kufuneka zikhwelise iinkunzi nganye nganye.
Ungazami ukukhwelisa iimazi okanye iinkunzi ezindala uwedwa ngoba ziyasinda kwaye zinamandla awodlula awomntu. Lonto uzakube uyisebenzisa ukuzilayisha kufuneka ilingane ngobude nobubanzi nesithuthu esilayisha iihagu. Nto leyo inganzima ukuba iihagu zizakuthuthwa ngezithuthi ezahlukeneyo.
Zisenokuphakanyiswa ukukhwela kwizithuthi, kodwa oku kungabanzima kwaye kubangela ukuba zilimale iihagu. Izilwanyana akufunekanga zitsalwe ngemilenze okanye ziphakanyiswe okanye ziphakanyiswe ngeentloko, ngeendlebe okanye ngemisila. Abaqhubi bezithuthi kufuneka baziphathe kakuhle izilwanyana. Kufuneka baqhube ngocoselelo kangangoko, ukuthintela ukuwa kwezilwanyana, ukungqubana nokulimala kwazo. Izithuthi kufuneka zimiswe kuphela xa kukho isidingo, kwaye kufuneka kuhlelwe elinye icebo elinokuthi lenziwe xa kunokubakho into evelayo engxamisekileyo okanye konakale isithuthi, ngaphambi kohambo. Abaqhubi kufuneka baqeqeshwe ukuze bayazi ukuba mabenze ntoni xa kunokuvela ingxaki ekhawulezileyo kwaye babene foni yokufonela umntu ukuba badinga uncedo.