Ukuqaphela iingxaki ezinkukhwini- Ngokujonga

© Chris Daly
Ukusebenzisa nje ubuchwephesha buka Stockman nokuva ngendlebe kwakho, oku kuzakunceda ukwazi ukubona iingxaki phambi kokuba zixake. Nazi ke iingcebiso ezisuka kwi Agricultural Research Centre yase Onderstepoort Veterinary Institute malunga ne mpawu ubani anothi azijonge:

Uhambiso lwee nkukhu

©Chris Daly
Ekungeneni kwi ndawo yemveliso, jonga indlela yokuhambisa iintaka. intaka ke ezigodolayo, ziye ziqokelelane zime zonke, logama intaka eziva ubushushu zidibana kwi ndawo ezipholileyo zime okanye zilale zikhokhe umoya zizama ukuzipholisa. Xa ke intaka zithi zigcwale kwindawo zokutya nosela lonto ingathetha okokuba akukho zindawo zaneleyo zokutyela nokusela. Oku ke kuye kwenze ukhuphiswano, kuphele intaka ezingena mandla zisoyisakala zifumana amanzi nokutya okuncinci kunezinye ezisemandleni intaka. Imbalela ingenza intaka ziqokelele ukutya kwindawo ezingenayo imbalela.

Imbonakalo

©Chris Daly
Qwalaselisa imbonakalo yentaka okokuba zikhangeleka zise mpilweni, zinomvandedwa, zixhwalekile na. Ingaba Zikhona na impawo zeempiko ezixhwithekayo, ingaba ubona indawo ezingena mpiko kwintaka?
Jonga kwakhona ubungakanani bentaka. Ingaba zonke ziyalingana okanye Zikhona ezincinci kunezinye? Ingaba yintoni unobangela walomahluko? Ingaba zikhona na intaka ezibuthathaka kwasekuqaleni, ingaba ziyagula, okanye intaka ezisemandleni ziyazivalela ezi zibuthathaka ukuyo kufikelela ukutyeni?

Amalungu omzimba awohlukileyo

Okulandelayo, kufuneka kuhlolwe amalungu ahlukileyo omzimba ukususela entloko ukuyoma emsileni nase zinyaweni.

Intloko nentamo

©Chris Daly
Isacholo nesilevu kufanele zibe bomvu , kungabonakali kudumba okanye kusikeka. Umbala oluhlaza okwesibhaka bhaka okanye obomvu ubonakalisa ingxaki kwisacholo kunye nase silevini. Umbala opinki ophatshileyo abonakalise ukugula, nokulunywa zincukuthu, ukudiniswa bubushushu okanye intaka zibe ziphantsi kwemeko eyenzeka nyaka nonyaka apho ziphulukana khona neempiko ezindala kuphume ezintsha.
Amehlo kufuneka afane nesangqa, avuleke ngokwaneleyo kwaye akhazimle. Kubonisa ingxaki xa amehlo evalekile, ebukekela , kukho ubumhlophe obuthile okanye kukhona ubumdaka obuphuma emehlweni. Impumlo kufuneka zicoceke , zivuleke ukuze kuphefumleke kakuhle ngendlela. Akufunekanga kubekho bumanzi obuhamba empulweni njengoko oko, kungenza izikhokho ezinokuthi zivale iimpumlo. Lendawo iphakathi kwe mpumlo namehlo akufunekanga idumbe.
Umlomo kufuneka ubengumlinganiselo oqhelekileyo kungekho ndawo zilahlekileyo ngaphandle kokuba yinyama ethile njengoko zichetywa umphezulu ukuze zingaxholani kwindawo zogcino.. Umlomo ke uhlala uvaliwe xa kungekhongxaki, kodwa xa ixakwe kukuphefumla ngenxa yempumlo ezivalekileyo intaka okanye iphatheke kakubi nokuba inobushushu. Umlomo lo kufuneka ungavakali ulula esandleni kwaye ungwanzilili. Intamo kufuneka yomelele ime nkqo ukuze igcine intloko ijonge phezulu. Akufunekanga ibebuthathaka okanye ijijeke.

Umzimba

©Chris Daly
Umzimba wonke kufanele ugqunywe ziintsiba, ngaphandle kwentaka ezithile apho intamo nesifuba zize azinantsiba. Iintsiba ke zilala ncwaba emzimbeni, ziphakame xa intaka zilala , okanye xakubanda naxa zigula. Kubalulekile ukujonga amakhalane, intwala kunye namangolwane apha phakathi kwempiko. Amakhalane afumaneka entloko, ze intwala kwintsiba zentamo nangaphantsi kwempiko.
Iintsiba kufuneka zicoceke. Intsiba ezimdaka apha emazantsi zingabonakalisa isifo sorhudo. Ukudumba kwindununu kungabonakalisa iqanda elingakwazi ukudlula.
Imilenze kufuneka yomelele, ime ngqo kwaye ibe mpuluswa nombala otyheli. Akufunekanga kubonakale ukusikeka, ukudumba okanye amakhatshu emilenzeni. Kubalulekile okokuba zibe zihamba kakuhle ,aziqhwaleli.

Translated by Zikhona Plaatjie