Ukuphatha Imivundla

©Judy Stuart
Xa usondela apho ugcina khona Imivundla, thetha nemivundla uyazise okokuba uyeza kwaye awulilo utshaba. Yibambe kakuhle Imivundla yakho ngalo lonke ixesha, yibambisise kodwa ngobunono.
Xa uphamisa umvundla omdala, thatha isikhumba emveni kwendlebe naphezulu kwamagxa bambisisa ngesandla esinye, nesinye sifake esiswini somvundla. Oku kushiya umvundla uziva ukhuselekile, kwaye akasokuze akukrwempe. Ungaze uwubambe ngendlebe umvundla. Oko kwenza intlungu ezingu mmangaliso.
Ukuthutha umvundla kwenye indawo, wubambe uxwese apha emzimbeni wakho, intloko uyifake phantsi kwngqiniba yakho. Xa ukhupha umvundla kwindlu enomnyango omncinci, bambe apha emveni kwentamo nangahantsi ibengathi uyayiphakamisa uyikhuphe kwindlwana ngomva – ngomsila kuqala.
Ukujonga umphantsi womvundla, bamba apha phantsi kwentamo, intloko, nendlebe ngesandla esinye. Faka esinye isandla apha ngaphezulu usondeze umvundla emzimbeni wakho. Wutsalele ngemva ngobunono, uwuxhasa ngokupheleleyo. Yenze lento ngokucotha kodwa uqinise, umvundla uzakulala ngomva ngoku khululekileyo.
Ukubamba abantwana bomvundla aba balekayo, ba bambe ngokubeka isandla ngemva, ubaphakamise. Xa ubamba abantwana bancinci kakhulu bomvundla abasekwi ngqweji, gquma umntwana ngesandla sakho uwuphakamise. Zama ukuyi phatha kakuhle Imivundla emincinci. Jonga zonke ingweji mihla le ususe ibhedi ezimanzi okanye abantwana abafileyo.
Imivundla ebanjwa oko oko, iye ifunde ukuba themba abo bayiphathayo kwaye ababalumi okanye bakrwempe xa ibanjwa. Mvundla ngamnye kufuneka ujongwe Kanye ngenya ujongwe isigulo ekuthiwa yi ear canker nocheba inzipho kakukho isidingo.
Xa ujonga amazinyo omvundla, guquka njengoko kusithiwo phezulu, ubeke umva etafileni okanye phezu kwakho. Ngeminwe emibini phakamisa umlebe ongaphezulu (ohlulwe kubini) ubeke ecaleni. Amazinyo aye abonakale kwaye alingane kakuhle emlonyeni. Xa amazinyo engadibani kakuhle emlonyeni, kuthetha okokuba umvundla une milacclusion (Amazinto angalinganiyo) kufunekwa uxhelwe. Ayinyangeki lemekokwaye yenza umvundla ungakwazi ukutya.

Translated by Zikhona Plaatjie