Ukukhulisa Amathole nee Mazi

© Rykie Visser Agrinet

Ukuqala ixesha elitsha lokuncancisa, iinkomo kufuneka zizale. Ukususela apho, imazi okanye inkunzi iye izalwe. Iimazi zamathole zizalelwa ukuthatha indawo yeenkomo eziwushiyayo umhlambi. Ukukhulisa iimazi kuqala xa izalwa iphele xa iqala ukuzala.

Ukubaluleka ko bisi Lokuqala iColostrum

©Eric Miller
Ithole elisandula kuzalwa kufuneka liphathwe oko sana, ingakumbi kwinyanga zokuqala zobomi balo kwi yure ezintandathu emveni kokuzalwa, nceda ithole lincance kumama okanye senga inkomo ngesandla unike ithole icolostrum usebenzisa ititi. I- colostrum lubisi lokuqala elivela emveni kokuzala. Iinentwanantwana ezikhusela izifo umama ebejongene nazo ngexesha esamithi.
Oku kunikeza ithole impilo entle kubomi balo kwiveki zokuqala. Icolostrustm inezinga eliphezulu elihluthisayo kunobisi eliqhelekileyo, umzekelo 24% kune 13%, ngenxa yamafutha aphezulu nezinga leprotein. Ubisi olungqindilili luyehla emveni kweyure ezingamashumi amabini anesine. Logama ufunxo loko kulwa nezifo luphela emveni kweyure ezi 6 ukuya ku 8, icolostrum inikeza ukhuseleko esiswini kwaye kufuneka linikwe xa isuka kumama walo.

Ukutyisa aMathole

©Rykie Visser Agrinet
Emveni kwe yure ezingama 24, faka ithole elisandula kuzalwa kwindlwana yalo (1.0 ububanzi 1.8 ubude) nendawo yokulala eyomileyo efakwe ingca eyi mizi. Iindlwana kufuneka amadonga abe ngu 1.2 m ubude kumacala amathathu nephahla elingu 1.5 m ubude. Tshintsha indawo yokulala emanzi kanye ngemini ngeyo mileyo. Gcina amathole kwindlwana de abene nyanga ezintathu, emveni koko imazi zingagcinwa ziliqela.
Ukutyiswa ubisi, usebenzisa ubisi olupheleyo okanye elithathe indawo yobisi iyaqhubeka emveni kokutyisa icolostrum. Selisa ithole ngalinye iilitha ezimbini ukuya kwisithathu zobisi kusasa nase mveni kwemini.
Ubisi oludikidiki lunganikezwa amathole gqo emveni kokusenga iinkomo. Logama kungasetyenziswa ititi, amathole angalulekwa afundiswe ukuselela epheyileni. Cocisisa izixhobo zokusela emveni kokutyisa amathole ukuthintela iintsholongwane zingosuleli amathole. Qhubeka uwatyisa ubisi de alunyulwe kwinyanga ezimbini ukuya kwezintathu. Zama ukuzilungiselela ukutya ngokungongezi umlinganiselo wobisi ngemini xa sele uwalumla

Ukulumla aMathole

Ukuqala ukulumla, nika ithole ukutya okuthambileyo (18% ye protein ekrwada) xa linentsuku ezisixhenxe ubudala. Qalisa ngonikeza umlinganiselo we 150g yokutya okuthambileyo (ikomityi enkulu) kumgqomo wokutya Kanye ngemini. Fundisa amathole atyele emgqomeni ngokuqaba okunye kokutya okomileyo ezimpumlweni. Ngoku lenca impumlo yalo, ithole liye liqhele ukutya.
Nikeza ukutya okutsha mihla le. Nyusa umlinganiselo mihla le xa sele kuphelile susa ukutya okudala njengoko kungunda msinyane ngenxa yamathe. Lumla amathole xa ukutya kwako kokuqala kufikelela kumlinganiselo we 1 kg/ngemini.
Qalisa ukutyisa umlinganiselo we 0.5 kg/ngemini yegqokelela yengca ukususela kwinyanga ezimbini ukukhuthaza ukutya ingqolowa. Tshintshela kukutya kwamathole asele emadala (16% crude protein) ukususela kwinyanga ezintathu ubudala. Ukutya kwethole elikhulileyo (15% ukuya ku 16%) une crude protein encinci kunale yokutya okuncinci (umzekelo 18%). Nyusa umlinganiselo wokutya kwamathole amadala kanye ngeveki. Ukutya kwe kwemini kuye nyuka xa amathole ekhula, ukuqala ku 3 kg kwinyanga ezintathu ukuya ku 18 kg ngosuku kwinyanga ezingamashumi amabini nesine (24).

Ungawafaka nini Amathole Emadlelweni

Imazi zingafakwa emadlelweni zityiswe i- 1 kg yomxube ngosuku kwinyanga ezingamashumi amabini (12) eminyaka. Emveni kwezinyanga ukutya emadlelweni kuphela kufanele konele. Ingca eyonelisayo (efana ne kikuyu okanye rye grass) kufanele ibekhona, kunge njalo kufanele itshintshwe ngengca kanye ingqolowa.
Xa kungekho madlelo, kufuneka zityiswe ukutya okusempilweni okuxutyiweyo. Umlinganiselo kufuneka unikezwe ngokweminyaka, kwaye oku kuyatshintsha xa amathole ebamadala. Jonga ubunzima be mazi rhoqo ukuqondisisa okokuba indlela yokutya izilungele. Zimithise iimazi xa zinobunzima obungu 300- 330 kg okanye xabefikelele inyanga 12-24 zeminyaka. Oku kuqinisekisa ukuzala kokuqala kwinyanga ezingama 24 ukuya ku 25 zeminyaka.

Translated by Zikhona Plaatjie