Ukugcina Ulwazi Nemivundla

© Karoline Steenekamp

Isihloko Gqabagqaba

Nakweliphi ishishini, ukugcina ulwazi kuko okwenza liphumelele okanye lingaphumeleli ishishini. Kubalulekile ukugcina inkcukacha nge ndleko, nengeniso yeshishini – kwaye ukuqonda okokuba ezolimo lishishini. Ngamanye amaxesha lishishini elincinci, maxa wambi libelikhulu kwaye nendlela yokugcina ulwazi ibe yindlela eyiyo. Nokuba kufuywe imazi ezine (4) okanye ezintlanu (5) indlela nje elula yokugcina ulwazi ibalulekile.

Yonke imali echithiweyo okanye esetyenzisiweyo kwishishini kufuneka ibalwe kwaye ibhalwe. Oku kuquka ixabiso lwemivundla, indlwane. Ulawulo lwezixhobo nokutya.

Imali engenayo esuka ekuthengisweni imveliso kufanelwe ibhalwe phantsi.

Kwanto ebandakanya imveliso yentlobo zemivindla kufanele ibhalwe phantsi. Akukhonto imbi ukogqitha ukulibala ukunikeza imazi yomvundla ingqweji, xa uyojonga imivundla kusasa ufumane ifile, abantwana bebanda ceke phantsi.

Ukugcina imihla mvundla ngamnye alunyulwe ngawo kubaluleke kakhulu.

©Judy Stuart

Amakhadi Kwindlwana

Ndlwana nganye kufanele ibhalwe kwaye ibene khadi libekwe kwindlwana nganye. Kufuneka ibekwe ngendlela ukuze imivundla ingawahlafuni amakhadi la. Kwaye akhuseleke ebumanzini okanye imivundla ishiye ilindle phezu kwawo.
Angagcinwa kwi file ijongwe mihla le. Kwi khadi lwendlwana nganye bhala yonke into eyenzekayo kumvundla njengodityaniswa ngesondo, ukuzala nenani labantwana abazelweyo. Ubene ndawo zokubhala inkcukacha ezinje ngokuba bangaphi abantwana abasese ngqwejini ngosuku lwesibini, lwesithandathu, nangosuku lweshumi eline sine de kulunyulwe.
Kwaye yibanendawo yokugcina inkcukacha zabantwana aba abangazalwa yile mazi kodwa abagcinwe engqwejini. Igama nenani lwe nkunzi zemivundla ezisetyenzisiweyo mazibekho kwi nkcukacha kwelikhadi (Bona umzekelo we khadi).
Gcina ulwazi kwi file malunga nentsuku zoku nyangwa, namayeza anikeziweyo nentsuku zokuchetywa inzipho, ukujonga iindlebe njalo njalo. Kubalulekile ukugcina ubukhulu bemivundla evelisayo nale mincinci ikhulayo. Gcina ezinkcukacha kwindawo yogcino lwazi.
Iintsuku zokuxhelwa mazibhalwe phantsi, kwaye ubunzima bomvundla phambi kokuba uxhelwe nasemveni kokuba uxheliwe. Oku kunikeza ulwazi ngemali enokulindeleka. Zikhona ke iindlela zokugcina inkcukacha ezenzelwe kuchwepheshe lwe computer, kodwa ke ziye zifuneke xa kufuywe imivundla emininzi.

Translated by Zikhona Plaatjie