Ukufuywa kwe Mivundla Ukuze Ityiwe

©Judy Stuart
Imivundla ingabayimpendulo yokuqiniseka ukuba ikhona into yokutya kwi lali zase Afrika, Apho kukho inani elikhulu labantu abangaphangeliyo nabangondlengaka.
Abantu abakwindawo ezisokolayo bangafundiswa ukuvelisa ukutya ngokukha amanzi emvula, ukukhulisa imifuno, nokufuya imivundla ukuze zinike i proteni edingekayo emzimbeni ukuze umntu abene mpilo entle.
Iilali ezininzi zinabantu abadala abaninzi nabantwana. Iinkomo, iibhokhwe okanye iigusha akubikho lula kubo ukuba bazikhathalele logama iinkuku zingelocebo lihle kuba zidinga umbona, mbona lowo ungasetyenziswa ngokutya kwabantu.
Zininzi izinto eziluncedo ngokufuya imivundla: Imivundla ine proteni ephezulu kuzo zonke inyama ezifuyiweyo ngoko ke inyama encinci iya ekutyiweni. Zidinga indawo encinci ukogqitha ezinye izilwanyana ezifuywayp kwaye ziphatheka lula. Zingatyiswa imifuno yase gadini kwaye zingatya ukutya okushiyekileyo ezifana nezonka ezidala kunye ne papa eshiyekileyo.
Kodwa ke, kubalulekile ukuba ezingingqi zifumane uqeqesho. Imivundla kufanele igcinwe kwii kheyji, ngoko ke koxhomekeka ukuba iphethwe kanjani kwaye ukuba ayihoywanga, ingafa lemivundla ngokucotha xabuhlungu.
Ukuqala, uzakudinga amanzi, igadi yemifuno kunye nokukhathalelwa kakhulu. Amanzi emvula akufanelanga iqokelelwe ngama gqongo namatanki amanzi. Lamanzi athi asetyenziswe ukunkcenkceshela igadi yemifuno ekufuneka ihlale ikhona unyaka wonke. Tyala imifuno ne herbs ezithile zihlale zikhona.
Iminqathe kunye ne spinatshi kukutya okulungileyo - Imiphezulu kunye namakhoba aya kwimivundla, kodwa ne cauliflower kunye ne khaphetshu kunye ne beetroot azinokunikwa imivundla. iParsley kukutya okulungileyo kunye ne tonic logama amaqunube ehlathi ebalulekile njengeyeza kunye ne nettles ezinukayo zenza ingca elungileyo, Ingca eyomileyo ingasikwa kwingca ezikhuleleyo kwaye ibalulekile lendlela yokutya.
Umgquba osuka kwimivundla iphindela kumgquba okanye iphindele kwigadi yemifuno isetyenziswe njengesi chumiso. Amantshontsho emivundla afuywe ngalendlela angasetyenziswa ukondla usapho, kutshintshiswe ngezinye izinto okanye ithengiselwe amanye amafama asakhasayo - abazothi nabo, baphinde baqeqeshwe ngabanye.
Amafele emivundla exheliweyo asenokusukwa ngesandla okanye aqokelelwe okanye atshiswe ngelanga kwindawo ezinelanga. Oku kuxhomekeka kumgangatho wefele. Ngamafele asemgangathweni ophezulu kuphela anokuba tannes njengoko kuxabisa kakhulu. Impahla ezininzi zesintu zidinga imicu yamafele, ngoko ke amafele omvundla anombala olungileyo afana ne New Zealand Reds angasetyenziswa ngengesidlokolo njalo njalo.
Amafele kungenziwa ngazo izihlangu zokuhruqisa, karosses okanye iminqwazi kunye nemisila kungenziwa ngayo e ringi zesitixo zingathengiselwa abakhenkethi. Ngaphandle kokunikisa ngenyama, imisebenzi eyenziwe ngofele lwemivundla ingadala amathuba emisebenzi ifake nengeniso eyongezelelekileyo kusapho.

Translated by Zizipho Silwana