Ukufika Kwabathunya Bevangeli Bokuqala eRichtersveld

Indawo Yabathunywa Bevangeli

©Shem Compion
Ababizwa ngokuba zi ‘Hottentots’ akwaziwa njengama Khoikhoi kunye nabaThwa bakhutshelwa bucala nngama Yurophu amatsha awayesandula ukufika antliziyo zimbi ezingenabu thixo kwaye abangaboni abangafuni kuguquka. Kodwa ke oku kungathethwa ngangama Yurophu awayephila kwintshona Kapa kwintsuku zokuqala zendibano.
uVan Riebeeck uqobo walumkisa abo wayesebenza nabo okokuba “abo bangawungeniyo umthandazo wemihla ngemihla…abangathatheli ngqalelo inkolo yabo…(baya) lumkiswa ukususela ngalamzuzu okokuba baqalise ukuwungena kwindawo ebekwe ngenjongo yoku. Abashiyekayo bayakuthi baphoswe ngumdiliya omfaxangiweyo iintsuku ezintandathu.
Ngezo ntsuku, inkampani yayi landela icawe yama Datshi i-Dutch Reformed Church of Holland, kwaye umphathiswa wokuqala, uJohan van Arkel, wafika kwele Ntsona Kapa ngonyaka ka 1995, ngapha kweminyaka elishumi emveni kokuba beqala ukufika. Ama Roman Catholic nama German Lutherans ayengavunyelwanga ukusebenza, ngokufanayo nolwazi olufana nolwama French Huguenots ayengavunyelwanga akhonze ekuqaleni.

Iinkolelo Zikamoya

Kwiminyaka engamashumi alandelayo, bambalwa abaThwa okanye ama Khoikhoi athi aguquka angaba ngama Krestu. Oku akuthethi okokuba abangqongileyo babengenayo inkolo. Babengena mdla kokwenzekayo kwimiphefumlo yabo nase mveni kobomi babo. Endaweni yoko, iinkolelo zika moya zazijongene neemeko ezifana nokucela imvula, ukuphilisa izigulo, ukuchuma kwezivuno, ubuninzi bezilwanyane nezinye iimeko zemihla-ngemihla.
Aba-Thwa, umzekelo babekholelwa ‘kwizi-thixo’ ezininzi nomdali we/Kaggen osisithixo esiphezulu. amaKhoikhoi endaweni yawo, ayethandaza uTsui/Goab, isithixo sabo esiphezulu, sasi chasene no/Guanab, uthixo wokungcola. Kuwo omabini lamaqela, izinyanya (umoya wezalamane ezaswelekayo) wawunikeza unxibelelwano Phakathi kwabaphilayo nezi thixo (ezazibonwa ingxenye zingabantu, enye ingxenye zizilwanyana). Imisebenzi kamoya (shamanistic rituals), umdaniso apho ubani athi aphathwe ngumoya, kunye nezityalo zokuboniswa yayi zizinto ezazivela rhoqo kwizenzo zabo zenkolo.

Abanyanisekileyo

Kuhambo lokuqala lokujonga labathunywa bevangeli eNamaqualand lwenziwa ngu Christian Albrecht ngo 1805. Ekuhambeni kwaloo nyaka, yena nomnakwabo uAbraham baqala isikhululo sabathunywa sevangeli kwingingqi ye Namaqua enkulu eWarmbad (kule mihla yi Namibia), encediswa ngu J. Seidenfaden.
Ngo 1811, uAbraham wasweleka sisifo sephepha (TB) esosiseko sapheliswa sisikhohlakali inkosi uJager Afrikaner. Abanyanisekileyo babalekela eMazantsi ukuya eMpuma ye Namaqualand, kunxweme le Ntsona eyaziwa njenge Bushmanland. Apha bazimisela bavula imishini entsha ePella (kufuphi nendawo yalemihla yokuhlala epofadder).
i-LMS namanye ama ‘Lutheran’ aqhubeka ukwenza iindlela kwi Namaqualand. Ngo 1813, uMfundisi, John Campbell waziwa ePella, nomthunywa wevangeli ongum Jamani, uChristopher Sass, wavula imishini eSilverfontein. Ngo 1815 uRev J.H Schmelen waqala imishini ye Bethanien eNamibia.
Ngo 1816, umfundisi uBarnabas Shaw wamenywa okokuba alungise eWesleyan mission eLeliefontein, kwifama eyayinikezwe abantu bakudala yi rhuluneli uRyk Tulbagh Phakathi ko 1700s. oku kwenziwa ngesicelo senkosi uHaaimaap, kungenjalo waziwa njengo Jantje Wildschut (Johhny Wildshot). Ngo 1818, umfundisi uSchlemen wahamba waya eKookfontein (eyaziwa ngokuba yi kokfontein okanye Besondermied) wavula isitishi semishini khona, wasibiza ngokuba yi Steinkopf kuzuko lalowo wayengu mcebisi notitshala wakhe eLondon. Waqala enye imishini eKommagas.

Intlahla yase Pella

©Shem Compion
Kungekudala, Renish Mission Society yazibandakanya esenzweni, ngo 1830, omnye wabahloli, uGriqha/Dr. E. Richter, wandwendwela emazantsi, emantla-ntshona we Namaqualand ukujonga lo mmandla ufihlakeleyo. Isitishi sase mishini savulwa phakathi kuka 1800 njenge ‘sitishi’ semishini yase Steinkopf. Abantu base Kuboes yayingumxube wama Nama nee Bastaards, wonke ummandla waze waziwa ngokuba yi Richtersveld kuzukiswa logqirha ulungileyo wathi walundwendwe apha. Ngo 1852, icawe iRhenish (ethetha umlambo we Rhine) waqala imishini ye Concordia, ekufuphi kakhulu eSpringbok.

Translated by Zikhona Plaatjie