Ukuchonga Ngembonakalo yee Kati Zasendle zase Afrika

©Robert Hofmeyr
Iikati zasendle zeli lase Afrika (Felis silvestris lybica) luhlobo lwesilwanyana sakwantu okanye semveli zase Afrika kwaye sisinyanya kwii kati ezifuywa emakhaya. Ezi kati zifana ncakasa nezase makhaya iikati, umahluko yimilenze emide kwezi zasendle ethi izenze zikwazi ukuhlala phantsi ngentsula zimile.
Iikati zasendle zinesikhuma esinembonakalo yesanti kodwa ngombala zimdaka, ziya ukuba bomvu, zihluke ngoku gqama kulemibala ngokwendawo ezimanzi, apho umbala uye ugqame logama uye umbala ungagqami kwindawo ezomileyo, amabala angagqamanga kunye namabala athe gca, oku kwe kati, kodwa nemibala embalwa kwaye eqeleleneyo kakhulu. Zibanezibhaxu ezimdaka mhlophe ngombala emqaleni, ezantsi kwe sisu naphakathi kwemilenze ephezulu.
Ikati endala ingama 85 ukuya kuma 100 cm ubude nobunzima obungama 2,5 ukuya ku 6kg. umnombo uyafana nowe ngqawa, kodwa nje yona incinci. Ubude bekati endala ekunene ngaphambili nenyawo zangemva bubude obungama 36mm.
Zizilwanyana ezithanda ukuba zodwa, ngaphandle kwexesha lokudibana kwezilwanyana ngokwe sondo okanye xa umama encancisa amantshontsho. Iimazi zivelisa amantshontsho ukuyokuma kwisihlanu mazi nganye, athi ke nawo aqale ukuzingela xa ebubudala beveki ezineshumi elinesibini (12) azimele xa enenyanga ezintlanu.
Ezikati zibhalwe kuluhlu lwezilwanyana ezisemngciphekweni wokuphela, kungako ke zona ziye zidityaniswe neekati zasemakhaya. Ezingaxutywanga azisafumaneki kwezinye iindawo ezinee kati zasekhaya.

Indlela Yokubulala Nokuzityisa

©Roger de la Harpe
Iikati zasendle, ziye zitye izilwanyana ezincinci ezifana neerote, imivundla, iintaka, izirhubuluzi, ezihlala emanzini (umzekelo amaxoxo), izigcawu, kodwa zidume ngokutya iinkukhu kunye namatakane egusha asene ntsuku ezine kwezinye iindawo.
Ziye zithathe itakane elinye ngexesha, zililume apha emqaleni, zilitsale maxa wambi zilogqume. Kuye kubonakale imikrwelo yeenzipho ngaphantsi kwesikhumba. Maxa wambi azilibulali itakane, kodwa liye lidumbe intamo, intloko ejonge ezantsi, yenze ingxolo esuka kuqhoqhoqho. Iikati zasendle ziye zitye inyama yesifuba kunye nemiphakathi yamathanga, zishiye amathumbu.

uLawulo

iikati zasendle azifane zenze iingxaki ezinkulu kwimfuyo. Umonakalo ungathintelwa ngokuthi kusetyenziswe uhlobo locingo elaziwa ngokuba yi (Jackal fencing elibubude obuya phezulu obungu 1,2 m nemigqobho engama 74 mm), icingo lombane, ukwenza ubuhlanti bezilwanyana ezisemngciphekweni, ingxolo, ukukhanya, nezikhuseli kwingxolo, ukusebenzisa izilwanyana zokugada ezifana ne nja engumalusi eyaziwa ngokuba yi ‘Anatolian dog’ ngesingesi, iidonki, inciniba, kunye nabelusi ukujonga iigusha ngamaxesha ezisemngciphekweni.
Amafama adinga iimpepha mvume ukuze abambe ikati yasendle. Nokusebenzisa indlwana ezenzelwe ukubambisa ezikati, eziye zisetyenziswe ukubamba ingqawa, zisebeza kakuhle nasekubambeni iikati zesendle.
Ukufumana ulwazi oluthe vetshe qhakamishelana neforum yolawulo lwezilwanyana ezitya ezinye (Predation Management Forum).

Translated by Zikhona Plaatjie