Ubume bezo Politiko kuma Pedi

© Dr Peter Magubane

Igunya lama Pedi

Kwakukho ixesha apho ama Pedi ayenamandla kwindawo enkulu kwicala lase Limpopo, Vaal kunye nomlambo iKomati, Amandla awo ayefikelela kwindawo eyaziwa nge Sikhukhuneland kulemihla, eyona ndawo ibalulekile kuma Pedi phakathi kwe Olifants ne Steelpoort rivers.

Nangona amaqela angaphantsi ayebonakala ekonwabele ukuzimela okanye inkululeko, ulawulo lasekuhlaleni lwalugcina igunya lama Pedi. Okwakuhamba phambili yayingama Pedi awayenyanzelisa okokuba iinkosi eziphantsi kwawo zithathe amakhosikazi wazo okuqala kusapho olulawulayo.

Kwizizukulwana, lento yenzeka ngendlela apho unyana kunye nendlalifa yenkosi wayenyanzeliswa ukutshata nomzala wakhe, kwaye abhatale ilobola ebaxiweyo kwi maroteng ngenxa yoko. Izi phathamandla zama Pedi neenkosi zazibopheleke kubudlelwane apho kungalinganwayo khona.

Ukungeza kule lobola, iinkosi ezingaphantsi kwakulindeleke okokuba banikeze imbeko nozuko kulowo ubalulekileyo ngezinye iindlela, nokumazisa rhoqo kuzo zonke iziganeko ezibalulekileyo, efana nokuvulwa kwamabhoma.

Xa kuthethwa, inkundla yenkosi ephezulu yayisetyenziselwa ukucela ushwele kubantu abangaphantsi kwayo, kodwa eneneni umsebenzi wayo wawubonakala uphelela kwezopolitiko kuphela, ezifana nohambiswano phakathi kwamaqela, ingxoxo zendawo kunye nokuthatha indawo ebukhosini njenge nkosi. Unxibelelwano phakathi kwenkosi ephezulu kunye nezinye iinkosi ezingezantsi lwalusenzeka ngendlela ethile ngokusebenzisa izithunywa okanye izithethi (batseta).