uAlbertina Sisulu - uMama we Sizwe

© Eric Miller

Emveni kokuba umama uAlbertina etshate notata uWalter naye wazibona engenwe ngumdla wezopolitiko owayenawo uWalter. Wathi esakuya ngaphantsi komhlaba eyokukhohkela uMkhonto Wesizwe (Iphiko lobujoni lombutho we ANC) yabanguye oseka usapho ngento yonke.

Ngomvuzo wakhe wokuba ngu Mongikazi wayexhasa abantwana bakhe, abantwana awayehlala nabo kodwa ingengabo abakhe, kunye nabatshana bakhe abangamantombazana nabafana. Wayengenako konke, kodwa waye qinisekisa okokuba iindwendwe zakhe zonke zifumane okutyiwayo, kwaye ikhaya lakhe negadi yakhe zihlala zicwalile. Amatsha ntliziyo amaninzi angabantu abango tata babenyanzeliswa ngokuya elubhacweni okanye bavalelwe ngamaxesha engcinezelo.

uAlbertina Sisulu wathathela kuye uxanduva lokuba ngumama wesibini kubantwana babahlobo bakhe ababengakwazi ukuhlala nentsapho zabo. uDali Tambo, unyana ka Olive Tambo, wayengomnye waba bantwana. “Wandinikeza uthando lokwenene. Wayendibiza unyana wakhe, ndandimbiza mama kwaye wayengu mama wam wesibini,” watsho. Ngexesha uNelson Mandela nomyeni wakhe beseluvalelweni kwisiqithi iRobben Island wakhathalela abantwana bakhe kunye nabaka Mandela.

Ezintsapho zazino budlelwane obuluqilima obahlala baphumela kwizizukulwana ngezizukulwana. uAlbertina wahlala esondele ku Mandela nasemveni kokuba umyeni wakhe eswelekile kwaye wabangomnye wabantu bokuqala ukumndwendwela ukuqala kwakhe ukugula.

Translated by Zikhona Plaatjie

iLifa lika Albertina Sisulu

uAlbertina Sisulu, othandwa kakhulu de abizwe ngokuba ngu Mama we Sizwe okanye uMa Sisulu, udume ngokuba litsha ntliziyo lase Mzantsi Afrika...more

Nelson Mandela and South Africa's Famous Ladies Luncheon by Raymond Louw

Isizathu sokuba uMandela anikeze ixesha lokonwabisa aba bafazi- kwaye yayingumbono wakhe- yayingu mceli mgeni kwilizwe....more