uAlbertina Sisulu Eminye Imisebenzi yezo Politiko

© Eric Miller

uMongikazi eSoweto

Emveni kokuba ephumelele amabanga aphezulu, uAbertina Sisulu wagqiba ekubeni athabathe ingqeqesho yokuba ngu Mongikazi. Ngo nyaka ka 1940 waqala ukusebenza eJohannesburg General Hospital, apho wayesebenza khona njengo Mongikazi kunye nonkosikazi wokuqala ka Nelson Mandela uEvelyn.

Wayesebenza kunye naye uBarbie, owayengu dade walowo wayezakuba ngumyeni wakhe, uWalter Sisulu. Ubomi bokuqeqeshelwa ukuba ngu Mongikazi babungekho lula. uAlbertina kwanyanzeleka ajongane nobandlululo lwaba mhlophe awayesebenza nabo, nkqu nabo babesezantsi kuye. Ngaphezu koko kwakunyanzeleke okokuba oko kuncinci wayekufumana azibhatalele iunifomu, kwaye ixesha lakhe elininzi wayelichitha kwikhaya la bongikazi.

Njengo Mongikazi osebenza ngoomama abakhulelweyo, uAlbertina wayehambela izigulane elokishini kwaye ehamba ngeenyawo. uAlbertina waye phatha izixhobo zakhe njengo Mongikazi obelekisayo namayeza kwindlu nganye. Wayezifaka zonke kwi sikhwama. uAlbertina waba ngu Mongikazi ngokuse sikweni ngonyka ka 1944, ze wabangu Mongikazi osebenza ngaba khulelweyo ngonyaka ka 1954.

Ngonyaka ka 1980 watyunjwa njengo Mongikazi ophezulu kwisibhedlele esincinci eOrlando East, eSoweto. Waqhubeka esebenza apho de wathatha umhlala phantsi ngonyaka ka 1983. Emveni koko wasebenzela udokotela uAbu Baker Asvat, uGqirha owayezisebenzela eSoweto. Wamvumela aqhubeke ngezopolitiko ngexesha emsebenzela ze aba babini banobudlelwane obusondeleleneyo. Waqhubeka emsebenzela de wabulawa ngonyaka ka 1989.

Ubunzima boo Mama naBantwana

Ngeminyaka yo 1950 uAlbertina waba yingxenye ebalulekileyo yombutho oyi Federation yamanina alapha eMzantsi Afrika. Wayengaphambili kumlo ochasene nengcinezelo ngokwe sini kwaye eqhanqalazela umthetho wamapasi.

uAlbertina waye khona kwiqela elali qesha abongikazi baye eTanzania bathathe indawo yama Nesi ase Britane athi ahamba ngexesha iTanzania yaba lilizwe elizimeleyo ngonyaka ka 1961. Ngonyaka ka 1983, naye waba ngomnye uMongameli we United Democratic Front (UDF).

Ngonyaka ka 1989 wakhokhela iqela leenkokheli ze UDF zisingise e-Europe nase Melika bedibana noososiba jikelele noo Mongameli ukubazisa ngobunzima babaninzi eMzantsi Afrika ngexesha lengcinezelo. Konke oku kweza ngexabiso, elaliquka ukuhlukunyezwa ngama polisa, imithetho yezibheno kunye novalelo.

Emveni kokuba umzabalazo uphelile, kwaye uMzantsi Afrika ubambe unyulo lokuqala olukhulekileyo ngonyaka ka 1994, uAlbertina Sisulu waba lilungu lase Palamente kwaye eyonanto yayimkhathaza yaba bubunzima babantu abangomama nabantwana. Kwiminyaka engapha kwama shumi amahlanu (50), ubomi buka Albertina bachithwa ngokuzimisela kumbutho iAlbertina Sisulu Foundation, esebenza rhoqo, ezama ukwenza ngcono ubomi babantwana nabantu abadala.

Waseka iAlbertina Sisulu Multipurpose Resource Centre /ASC eyayijongene nokuphuhlisa iOrlando West, indawo apho usapho lakwa Sisulu lwaluhlala kuyo. Lendawo Injongo yayo kukujongana neengxaki zase kuhlaleni, zinciphise ubunzima, benikeza ngezi nkonzo zilandelayo: Isikolo sabantwana abakhubazekileyo Indawo yokugcina nokufundisa abantwana Indawo yolutsha olungafundiyo, kwaye olukhubazekileyo apho bangafunda khona izakhono ze bakwazi ukuqeqesheka kwaye babene galelo kwezo rhwebo zesizwe Uhlelo lokutya Iholo loluntu lasekuhlaleni Uhlelo lokufikelela kuluntu.

Translated by Zikhona Plaatjie