Slender Mongoose
i-Litse

© Nigel Dennis

Igama

i-Litse laziwa njengelitse elichokozwe mnyama okanye enomatse onomsila omnyama. Galerella sanguinea]

Inkangeleko

Imazi yelitse inomzimba ongange 575 gr. futhi zincinane kunenkunzi zona zingange 715gr. Umbala wayo uyahlukana usuka kumbala-mdaka ukuya kumbala ombuvu-mnyana kuxhomekeke kwindawo yokwabelana kwazo. Umphantsi wayo ulula ngombala. Inomsila omde ochokozwe mnyama, lonto ke lolona phawu lwelitse. Kwindawo ezibandayo libamnyama.

Itya ntoni

Ilitse litya kakhulu iimpuku, izilwanyane ezirhubuluzayo ngamanye amaxesha zity neentaka, futhi yaziwa nangokuthatha izilwanyane ezingenamqolo.

Ukuzala

Izala kuwo wonke unyaka, kodwa ukuzala kwenzeka pha kwisizini yemvula. Zinexesha lokumitha elithatha iveki ezisibhozo ukuya kwezisithoba ziphinde zihambise inzalo kanye okanye kabini ngonyaka, inzalo enethole elinye okanye amathathu.

Isimilo

Liyathanda ukuzihlalela lodwa kodwa iindawo ka wonke-wonke iyakhuselwa ngamabutho anenkunzi ezine. Lendawo iyakwazi ukugcina udidi oluninzi lweemazi. Iinkunzi ezalanayo nezingazalaniyo ziyaqukwa kulemibutho. Iindawo azinakwabelwano pha kwiimazi ezindala. Zombini izini zenzalo ziyohlukana ziyokuzifunela indawo yazo.

Indawo yokuhlala

Ilitse lithanda iindawo ezinamathafa, apho zithanda ukuhlala kwiindawo enemithi. Inzulu ziyasungulwa kwiindawo ezingasetyenziswa, ematyeni nase mithini ethambekileyo. Ziyathanda ukuquqa kwi-koppies.

Zifumaneka phi

Ilitse lincinci ngomzimba kwaye lifumaneka emaphakathini nakwi ngingqi yase mntla-mpuma yo-Mzantsi Afrika nase Namibia, Botswana, Zimbabwe nase Mpuma nase Ntshona ye Afrika.