Secretary Bird
Inxhanxhosi

© Shem Compion
Secretary Bird.

Inkangeleko

Inxhanxhosi lixhoba lentaka, alifani nezinye intaka ezizingelayo kuba yona inemilenze emide, amaphiko kunye nomsila. Luhlobo lwentaka olulodwa kusapho lwayo kwaye ithiywe ngenxa yokuba nentsiba ezinde ezifana nepeni yapha ngenkulungwane ye 19th apho abantu abasebenzayo bebeyifaka emva kweendlebe. Lentaka imbala omhobe-ngwevu ibenamaphiko amnyama, amathanga kunye neentsiba ezinde ezingasemsileni. Inomqolo omfutshane owombathiswe ngombala obomvu kunye nesikhumba esityheli. Ukongezelela, imilenze mide.
Ima ubude obungange ngenyawo ezi-4. Umsila wayo unempawu ezimnyama pha emaphakathini. Impawu yayo eyahlukileyo zezintsiba zomqhele wayo eziyi 20, into eyenza ukuba ifane nepeni ehleli phakathi kwendlebe zayo ezingabonakaliyo. Intloko ye Nxhanxhosi (etyheli eneziziba ezingenanto) kunye nokumila kwayo kuyafana nokwe Caracara. Ziphinde zibenamashiya amade.

Itya ntoni

Inxhanxhosi litya iinyoka, izilwanyane ezirhubuluzayo, amasele, amafudo, iimpuku kunye nezinye izilwanyana ezingenamiqolo kunye namantshontsho entaka.

Ukuzala

Inxhanxhosi zenza amaqabane obom futhi zithembekile kwiindlwane zazo. Indlwane ibekwa pha emazantsi kwefolokwe yomthi. Izinti zikhula unyaka ngonyaka ngendlela efanayo neye Khozi. Amaqanda amhlophe arhabaxa ngembonakalo, athatha iintsuku eziyi 50 ukuqandusela, amantshontsho wona atya ukutya kwamantshontsho. Zibhabha emva kweeveki ezisibhozo. Ngexesha lokuzala kubakhona uchuku phakathi kweenkunzi. Zombini izini ziyasebenzisana ukwakha indlwane. Amaqanda abekwa pha ngeka Canzibe okanye eyeSilimela, amaqanda afukanywa ikakhulu yimazi. Amantshontsho atyiswa ngabazali bobabini.

Isimilo

Ezintaka ziyayithanda indawo yazo, zimane zibhabhabha xa kunyanzelekile. Ziqhele ukufunyanwa zihamba zodwa, amalungu ahamba ngobuqabane ayaqaqelana xa ehamba. Inxhanxhosi lihamba kakuhle kuba linemilenze emide, lithatha amanyathelo ayi 20 ngemini. Xa isukelwa, ixhomekeka ekubalekeni kwayo okukhawulezileyo. Ifumana ukutya kwayo emhlabeni futhi iyazithanda iinyoka. Ibamba inyoka ngamazipho wayo aqinileyo futhi iyibethe emhlabeni ide ife, ngeloxesha yona izikhusela ngeempiko zayo ezinde. Ekugqibeleni, iyalifumana ixhoba layo, iliwise emoyeni ukulinqanda. E-Mzantsi Afrika ezintaka zigcinwa zivalelwe ukuza zibulale iinyoka kunye neempuku. Ngaphezu kokufumana ukutya ngemiqhele yazo, iNxhanxhosi liyakwazi nokunyathela ingca ukuze lothuse amalovane, iinkumbi kunye nezilwanyana ezingenamqolo okanye iintaka.
Isakhiwo esiqhelekileyo seNxhanxhosi bubudlelwane bayo nobomi. Kodwa ke azinathando kangako, ngamanye amaxesha amaqabane akasoloko ehamba onke kodwa ahambela kude le. Xa izingela, ikhupha iintsiba zayo ifune ukutya ngomqhele wayo omfutshane. Imilenza yona ikhuselwe bubungqindilili beskali. Xa isukelwe, iNxhanxhosi lithembele kwimilenze yayo futhi ukukhupha amaphiko xa ibaleka kuyanceda. Inxhanxhosi zichitha ixesha elininzi zizula-zula emhlabeni zikhangelana namaxhoba. Izilwanyane ezincinci ziyathathwa ziginywe. Ziintaka ezithanda amathuba futhi zihlangana kwiindawo ezigqib’ukutshiswa apho zifumana amaxhoba alimeleyo nawanga khuselekanga. Nangona iyintaka ethanda ukuba yodwa, iyazingela namanye amaqela eentaka futhi iyaxhumana nazo ngokwenza isandi esithile.

Indawo yokuhlala

Ifunywana emathafeni kunye nakwindawo ezinamanzi, ziyadibana kwiindawo ezigqib’ukutshiswa apho izilwanyane zingakhuselekanga kwaye zilimele.

Zifumaneka phi

Inxhanxhosi lifumaneka kuwo yonke i-Afrika kumzantsi we-Sahara.

Igama lesi-Latin

Sagittaruis Serpentarius