Sauvignon Blanc

© Glenneis Kriel

Inkcazelo

Sauvignon blanc ivelisa iwayini ezimhlophe ezinencasa eyahlukileyo kunye neyesintu. Eligama lithetha ukuthi “eyasendle emhlophe” ngesi French futhi oludidi lukholelwa ukuba yinzalo yosapho iTraminer lwamandulo phaya. Iyeyona ntlobo etyalwa kakhulu emhlabeni.

Imvelaphi

Ikhulisiwe eFrance ukusuka pha kwinkulungwane ye 18th futhi yafumana udumo ngenxa yokusetyenziswa kwayo pha kwi-wayini yase Bordeaux kunye nakwi ntlambo yase Loire.

Amanye Amagama

Yaziwa njenge Feigentraube eJemeni, Muskat Silvaner eAustriya, Fume black eUnited States, Sauvignon eCyprus, ePortugal, Ithali, iRiphabliki yase Czech, Slovakia nase Slovania kunye nase Sauvignon Gros eRomaniya.

Imveliso eMzantsi Afrika

Akunasiqinisekiso sokuba ifike nini iSauvignon eMzantsi Afrika, kodwa yayityaliwe eGroot Constantia pha ekupheleni kweminyaka i1880s. Umgagatho ophantsi wesityalo sale wayini waphumelela ekubeni idiliya ezininzi zihluthwe emhlabeni pha kwiminyaka ye 1940s.
Oludidi wafumana udumo nge 1970s, apho isityalo esingenantsholongwane sayo sakwazi ukufumaneka pha kwisebe lezo Limo eNietvoorbij. Namhlanje, ikudid lwezityalo kwezintlanu ezityalwa kakhulu apha eMzantsi Afrika.

Iindawo ze Mveliso

Idiliya ziphumelela kumhlaba osesiphakathini phantsi kweendawo enemozulu epholileyo. Iveliswa kuwo wonke ummandla weziselo zomdiliya eMzantsi Afrika, iStellenbosch sona sibekwa njenge yona ndawo enkulu yemveliso, ilandelwa yi Robertson, iSwartland kunye ne Worcester. Yeyona ndindi etyalwe kakhulu pha eKoloni yase South Coast.

Ukukhula

Oludidi lukhula ngokuthobekileyo liphinde likhule ngamandla, umlinganiselo wemveliso unekhono elisuka pha kwi hektare eziyi 9 t/ ukuya pha kwi hektare eziyi 13 t.

Ukuvuthwa

Idiliya zivuthwa phakathi kwesizini, phakathi kweyo-Mdumba.

Amaqunube

Amaqunube aluhlaza lubhelu ngombala, aphakathi aphinde abemancinci ngesiqu amile okweqanda. Isikhumba sinqinile kwaye sithambile, nangona inyama yona ijusi iphinde ibenencasa enomehluko yengca.

Amagqabi

Amagqabi amnyama luhlaza, aphakathi aphinde abemancinci ngesiqu, anxozonke aphinde abe namajikijolo amahlanu.

Izinambuzane ne Zifo

Oludidi lusengozini pha kwixoshombe elintofontofo kunye nelinomgubo. Liyachaphazeleka kwi bortrytis, ingakumbi kumhlaba ochumileyo, nakwizihlahla ezincamatheleneyo. Liyachaphazelwa yiqabaka futhi lithanda imeko yemozulu epholileyo kuzo zonke indindi ngexesha lokuyikhulisa.

Intsebenziso

Iwayini ezinintsi ze-Sauvignon blanc zibilisiwe. Umxube we Semillion udumile kakhulu. Isauvignon blanc esulelwe yintsholongwane isetyenziselwa kwimveliso ye wayini ebizwa iNoble Late Harvest.

Incasa

iSauvignon blanc eveliswe phantsi kwemeko zemozulu ezishisayo iqhele ukwenza iwayini enencasa yemvula kunye nesiqhamo esilubhelu, kanti phantsi kwemeko yemozulu epholileyo ivelisa iwayini enongiweyo kunye nene-thoni zesintu, iAsparagus kunye namakhiwane aluhlaza.

Translated by Aviwe Damane