
Ruby Cabernet
Inkcazelo
IRuby Cabernet ngumdiliya we wayini ebomvu owaveliswa ngomnyaka ka 1936 ngu Dr Harold Olmo we Dyunivesithi yase Carlifornia, ngokuthi adibanise iCarignan kunye neCabernet Sauvignon.
Imvelaphi
UDr Olmo weza ne Ruby Cabernet ukuze anike ishishini le wayini lwase Carlifornia umdiliya okwaziyo ukumelana nobushushu apho nto leyo I Carbenet Savignon yayisohlulakala ukuyenza. IRuby Cabernet, lena ke, yaveliswa ukuze ikhuphe izithako ezisemgangathweni ze Cabernet Sauvignon kunye nokomelela kwe Carignan.
Lomdiliya wakhutshelwa e makethi ngomnyaka ka 1948, yaze yafumana indumasi kwiminyaka ye 1960. Nangona lomdiliya ikwazi ukumelana nemo yezulu eshushushu, ezona wayini zenziwe ngawo wondwa nezibase mgangathweni ongcono ibazezo zinemidiliya ekhuliswe kwingingqi ezipholileyo.
Amanye Amagam 
Awekho
Imveliso eMzantsi Afrika 
Lomdiliya waqala ukutyalwa eMzantsi Afrika ngonyaka ka 1982 kwaye lengingqi iphantsi kwemveliso yawo ikhule ukuya kuma ngapha kwe 2 000 ha ukusukela ngoko.
Iingingqi Eveliswa kuzo eMzantsi Afrika
Lomdiliya ukhuliswa kuzo zonke iingqingqi ezivelisa iwayini eMzantsi Afrika, iRobertson kunye ne Breedekloof zezona ziphala phambili ngemveliso.
Ukukhula 
Ngumdiliya ochumayo okwaziyo ukuthwala isivuno esiphindwe kane nge hekthare xa ithelekiswa ne Cabernet Sauvignon. Imveliso ihamba phakathi kwe 20t/ha ukuya kwi 30t/ha. Ifanelwe kukuvinwa ngobuxhakaxhaka bomatshini, ingakumbi ukuba ibityalwe kumhlaba omkhulu.
Ukuvuthwa 
Imidiliya ivuthwa phakathi kwixesha lokuvuna, ukuqala kwisiqingatha sokuqala sika Matshi.
Amagaqa Omdiliya 
Lomdiliya uvelisa amagaqa amancinci amile okwe ovali, nathi ajike abemnyama mfua xa sele egqibile ukuvuthwa. Ixolo liqinile, logama inyama yangaphakathi inamanzi nencasana yengca.
Amagqabi
Amagqabi makhulu, aluhlaza ocacileyo, ayamenyezela kwaye anekona ezintathu okanye ezintlanu.
Izonakalisi Nezifo 
Inochuku kancinci kukungunda nasekuboleni.
Imisebenzi 
Iwayini ezimbalwa ezisemgangathweni ezenziwe ngalomdiliya wodwa ziyenziwa.Kodwa ubuninzi balomdiliya busetyenziswa ukuxuba neminye imidiliya, ze buthengiswe busisixa okanye nge wayini ezisezi bokisini. Iyakhawuleza ukuvunda kube Cabernet Sauvignon. Kwaye yenzelwe ukuba iselwe isentsha.
Incasa 
Imidiliya ibanencasa yamaqunube okanye eyengca
Translated by 
Zizipho Silwana