Rhombic Egg Eater
Inyoka Etya Amaqanda

© Tyrone Ping

Igama

Inyoka etya amaqanda. [Dasypeltis scabra]

Inkcukacha Ezibalulekileyo

Udidi: Reptilia
I-oda: Squamata
Usapho: Colubridae
Ubude (Imazi): 964 mm
Ubude (Inkunzi): 595 mm

Inkcazelo

Lenyoka incinane, iqinile inentloko encinci engqukuva. Umsila mfutshane, iinkunzi zinemisila emifutshane. Umva wona ungwevu, ntsundu okanye umnquma-ntsundu, iphinde ibenomxube omnyama neebhloko ezinemibala emnyama. Umlomo wona mnyama.

Ulwabelwano

Lenyoka itya amaqanda ifumaneka pha ngasemazantsi wezwe napha kumntla we-Sudan nase ntshona ye-Gambia.

Ukuzala

Ibeka amaqanda ayi 6-25 ehlobo, ukuqandusela kuthatha iintsuku eziyi 80-90.

Impawu Zasendle

Unomathambezantsi utya amaqanda kuphela kwaye ukuphakama komlomo wayo kuncedisa kakhulu pha ekuhlafuneni. Iqokobhe liyaphinda-phindana emva kokuba ukutya sekungenile esiswini.