Pinotage

© Kevin Crause

Inkcazelo

Ipinotage ludidi olubomvu wewayini ephuma eMzantsi Afrika. Iyakhuliswa, nakuba ngamanani amancinci eAustralita, Brazil, Israel, New Zealand, Switzerland, eUnited States nase Zimbabwe.

Imvelaphi

Uprofesa Abraham Izak Perold wakwi yunivesithi yase Stellenbosch wakhupha iPinotage ngeminyaka ye 1920s, ngenxa yokudibanisa umungu we Pinot noir kunye ne Cinsaut (ekuqaleni yayaziwa njenge Hermitage).

U-Perold kwakusolwa ukuba wayefuna ukwenza idiliya enencasa njenge Pinot kunye neempawu ezikhula lula ze Cinsaut. Lomxube wakhupha iimbewu ezine, apho uPerold wayityala egadini yakwi ndawo yakhe yokuhlala kwi yunivesithi yase Stellenbosch kwifama yovavanyo iWelgevallen.

Emva kweminyaka emibini uPerold wathatha isikhundla e-KWV, lonto yazalisa ekubeni iWelgevallen ingahlali mntu kwithuba elide. Kuthiwa uDokotela Charlie Niehaus, owayengumfundisi omncinci ngelothuba, wasindisa izithombo zembewu kwiqela elalithunyelwe ukuba liyococa igadi, ngenxa yokuba igadi yayene kakhulu.

Uniehaus wanika izithombo zembewu kuProfesa CJ Theron, owayeyintloko ye Sebe lweDiliya kunye nerhwebo lweDiliya kwi yunivesithi yase Stellenbosch pha eminyakeni ye 1940s kunye ne 1950s.

Iidiliya zamiselwa kwinesari yezilimo eElsenburg zaphinda zahlanganiswa neempande ze Richter 99 kunye ne Richter 57, olu yayiluphawu lwelakhi, kuba uhlobo oluninzi lweempande lwalusuleleke yintsholongwane yesifo ekwakumele ukuba bayibulale. Udidi olwalukhula kakuhle lwakhethwa ukuba lube lulo olusetyenziswayo kwidiliya yonke ye Pinotage.

Amanye Amagama

Lomxube waqalwa wabizwa nge “Perold’ Hermitage x Pinot”,nangona igama iHerminoire lwalujongelwe ukubiza lewayini. Igama iPinotage lwakhethwa ngenxa yokuba uTheron wabonisa umthombo wembewu ezine zediliya kuPerold.

Imveliso eMzantsi Afrika

Udidi lokuqala lwediliya yorhwebo yatyalwa eMyrtle Cove ecaleni kwase Sir Lowry’s Pass okanye eMuratie eStellenbosch. Oludidi lwathatha ithuba elide ukuvelisa ingcambu, kwakukhona amafama amathathu qha awayena kwiifama zaawo pha eminyakeni ye 1950s.

Esisilimo safumana udumo emva kokuwina itayitile yokuba yeyona wayini engcono pha kwinkqubo yase Koloni yediliya kunyaka u1959 ukuya ku 1961. iDiliya yase Stellenbosch yamafama yiyo eyaqala ukusebenzia igama iPinotage pha ku 1961, ukugqamisa i1959 Pinotage yase Bellevue Estate phantsi kwegama iLanzerac.

Indawo Yemveliso

Ku-Mntla Koloni, umlambo we Olifants, Swartland, Klein Karoo, Paarl, Robertson, Stellenbosch, Worcester, Breedekloof kunye nase Cape South Coast.

Umdlandla

Esisilimo sithobekile sinomdlandla olungileyo, onesivuno esingange hektare eziyi 15t ukuya kwi hektare eziyi 15t.

Ukuvuthwa

Luhlobo oluvuthwa ekuqaleni ukusuka pha kwisiqingatha sesibini pha kweyo Mdumba.

Amaqunube

Amaqunube mancinci, amile okweqanda abenombala omnyama oblu bumnyana xa avuthiwe. Isikhumba sona singqindilili, nangona umphakathi wona uthambile ingathi yijusi.

Amagqabi

Amagqabi wona anesiqu esisemaphakathini aphinde abemakhulu, ambala omnyama buluhlaza, made kwaye anamajikijolo amahlanu.

Izinambuzane ne Zifo

Oludidi alukho sengozini kakhulu kumgubo wexoshomba kodwa alukwazi ukumela ne bortytis njenge Cabernet Sauvignon. Iyasinda kwingxaki ezininzi ngenxa yokuba iPinotage ivuthwa ekuqaleni kwesizini.

Intsebenziso

Ipinotage ingasetyenziswa njengolona hlobo olulodwa okanye umxube kwezinye idiliya. Umzekelo omnye, iCape Blend, echazwa njengolona hlobo olwahlukileyo olubomvu lwaseMzantsi Afrika luquka ipesenti engange 30 hayi ipesenti eyi 70 ye-Pinotage engaphezulu.

I-Wayini

Ingenziwa ibezindidi ezininzi zewayini, ngokuxhomekeka kwendlela ekhuliswa nevuthiswa ngayo. Ipinotage kwiimpande ze Richter 110 etyalwe eNtshona ingavelisa incasa eyahlukileyo ye-banana, zona ezityalwe eMpuma kumhlaba onzulu zivelisa incasa engathi sisiqhamo setsheri emnyama, kukhona nevunjana lesikhumba kunye ne tha. Intsebenziso ekrelekrele ye-oki, iyakwazi ukunika iPinotage incasa yetshokholethi okanye eyekofu.Translated by Aviwe Damane