Nyala

© Nigel Dennis
Male nyala.

Igama

Nyala [Nyala angasii of Tragelaphus angasii]

Inkangeleko

©Roger de la Harpe
Female nyala and calf.
Le bhokwe izikiziweyo inesikhumba esivukuvuku iphawulwe yimigca emhlophe exwesileyo kunye namabala emikhonweni. Iinkunzi zikhangeleka zingwevu ngombala. Zinamaphondo amade agobele ngaphakathi (650 mm) nobuso obumbaca.
Zineenwele ezinde ezithe rhwelele apha ngaphantsi, eziqala ezintsi kwesilevu ukuya kutsho phakathi kwemilenze yangasemva, zikwanaso nesingci esixineneyo esimnyama ukusukela entloko ukuya kutsho emqolo nangasemva.

Iinkunzi zinobunzima obungama 115 Kg kwaye zinobude obuyi 1.05 emagxeni. Imazi ke zincinane yaye azinamaphondo, kwaye zinobunzima obunga 59 Kg kunye nama 900 mm emagxeni. Iimazi zinesikhumba esibomvarha kunye nemigca egqamileyo emhlope emikhonweni.

Isidlo

Le nyamakazi izondla ngokukhangela okanye itye ingca kwaye itya namgqabi, iziqhamo kunye nee ntyatyambo. Lomxube ekutyeni kwayo yenye yezinto eziqinisekisa impumelelo empilweni yazo.

Ukuzala

Zizala unyaka wonke, kodwa ukukhwelana kuyanyuka e Kwindla nase Ntwasahlobo. Zizala itakane elinye ngexesha emva kokumitha intsuku ezingama 220. Nangona namawele iyinto enganqabanga.

Imazi ziqala ukumitha phakathi kwenyanga ezingama 14 ukuya kwi 18. Umtyhi phakathi kokuzala ulinaniselwa kwintsuku ezingama 297. Amathuba okukwela wee nkunzi axhomekeka kulawulo namandla okoyisa ezinye.

Ukuziphatha

Omnye umba owenza umdla ngowokuba inkunzi ezisakhulayo zikhangeleka okwe mazi. Kuqikelelwa ukuba oku kufihla ezinkunzi ezincinane kwaye kuzikhusele emehlweni anomona wezinkunzi zigonyameleyo. Inkunzi zincinane ziye zibenethuba lokukhula ngoxolo phantsi kokhuseleko lomhlambi.

Intlalo

Le nyamakazi inkulu ke ihlala kumahlathi ashinyeneyo nasemahlahleni asecaleni kwamanzi angatshiyo. Iyazifihla yaye ibonakala lula ebusuku. iNyala ayinabango, kodwa izini zozibini zinamakhaya ohlukeneyo ngokushiyanayo. Ubukhulu bezindlu zemazi buphindene kabini kunezo zenkunzi

Apho Zifumaneka Khona

Ngenxa yofuduko, iNyala zifumaneka kwinani le game reserves nakwi fama zabucala ku Mzantsi Afrika wonke. Ubuninzi bazo buse Kruger National Park.

Inkcukacha Ezibalulekileyo

Ubunzima (Imazi): 55 - 68 kg
Ubunzima (Inkunzi): 92 - 126 kg
Ixesha lokumitha: Inyanga ezi 8
Inani lamatakane: 1 itakane
Ubunzima ngethuba izalwa: 5 kg
Ubume: Artiodactyla
Usapho: Bovidae
Amaphondo: 64 cm (record - 84 cm)
Ukuzala: Itakane elinye lizalwa naxeshaliphi enyakeni (Kuyenyuka kweyeThupha-eyoMnga. Imitha inyanga +- 7.

Imizila Yenyawo

Inyawo zangaphambili zeenkunzi zimbaxa kunezo zeemazi. Inkunzi ezindala zikwa nkulu kunee mazi.