Merlot

Inkcazelo

IMerlot ngumdiliya ovelisa I wayini ebomvu neya phuma ngokudityaniswa iCabernet Franc kunye ne Magdeleine Noire des Charentes. Igama lalomdiliya licatshulwe kwigama elithetha “intaka emnyama encinane", mhlawumbi kuba ezintaka zinombala omnyama buku luhlaza okwesibhakabhaka njengalomdiliya okanye kuba zazithanda ukutya imidiliya ye Merlot.

Imvelaphi

Lomdiliya oko wawukwi ngingqi ye Bordeaux yase France ukusukela kwi 18 Sentyuri . Imveliso e France yasokoliswa zizinto ezininzi ukusukela ngeminyaka ye 1950, kwaqala ngeqabaka enkulu neyathi yonakalisa imidiliya ye Merlot (kunye ne Malbec) emininzi.Imidiliya emitsha yatyakwa endaweni yale yonakeleyo kunyaka olandelayo, kodwa uninzi lwayo lonakaliswa kukubola.

Nzame nganye yokutyala ezanywayo yayifikelwa lilishwa lokonakala. Isimo sasisibi kangangokub abasemagunyeni bama French bakuphelisa ukutyalwa kwe mithi emitsha ye Merlot. Esi sigqibo saphinda sachithwa ngomnyaka ka 1975 ngenxa yokukhula kokuthandwa kwale wayini kwihlabathi.

Amanye Amagama

IMerlot ivamise ukubizwa ngokuba yi Merlot noir, ukuze yahluleke lula kuhlobo olwahluke kwaphela lwe wayini emhlophe ebizwa ngokuba yi Merlot blanc. Amanye amagama ayo aquka i Petite Merle, Merlau, Vitraille, Crabutet, Bigney, Semillon Rouge kunye ne Medoc noir.

Imveliso eMzantsi Afrika

Nangona lomdiliya ubukweli lizwe ukusukwla ngeminyaka yo 1920, imveliso yayo iqale ukukhula kwizithuba zeminyaka yo 1990, ngenxa yodumo lwayo kwimixube ye Cabernet nokwenze iwayini ingaxutywanga neminye imidiliya. Imveliso ikhule ukusuka kwi hekhthare enye ngo 1979 ukuya kwi hekhthare ezingaphaya kwe 5 550 ngo 2016. IOvergaauw eStellenbosch ngumzi mveliso we wayini wokuqala ukukhupha iwayini eyenziwe nge Merlot.

Iingingqi Eveliswa kuzo eMzantsi Afrika

IMerlot ikhula kakuhle phantsi kwemo yezulu epholileyo nakwi ngingqi ezinomhlaba ochumileyo kancinci. Kufuneka kuqinisekwe ngokunkcenkceshelwa ikuba lomdiliya uyonakaliswa yimbalela ngethuba uvuthwa. Utyalwa uMzantsi Afrika wonke, I Stellenbosch ke yona ibe yeyona ngingqi utyalwa kuyo kakhulu lomdiliya, ulandelwa yi Paarl.

Ukukhula

Izityalo zalomdiliya ziyachuma kwaye ziyanda. Imveliso ibaphakathi kwe 8t/ha kunye ne 12t/ha.

Ukuvuthwa

Lomdiliya uvuthwa phakathi kwixesha lokuvuna, ukuqala kwisiqingatha sokuqala sika Matshi.

Amagaqa Omdiliya

Amagaqa omdiliya aphakathi ngokomlinganiselo, arawndi kwaye anombala omnyama- bukuluhlaza wesibhakabhaka xa evuthiwe. Ixolo lipecepece kwaye inyama yangaphakathi inamanzi amaninzi.

Amagqabi

©Glenneis Kriel
Amagqabi ampuluswa, aluhlaza ocacileyo, aphakathi ngokomlinganiselo kwaye anekona ezintlanu.

Izonakalisi Nezifo

Ayingenwa lula zizifo zokungunda ezininzi, ngaphandle kokubola okuyi Mildew. Ingxaki zokubola zingenzeka kwinginqi ezishushu. Yonakaliswa msinya ngumoya, imbalela, nobushushu obuninzi.

Imisebenzi

IMerlot isetyenziswa ukuvelisa iwayini ezenziwa ngomdiliya omnye , maxa wambi ikwasetyenziswa ukuxuba kwi Cabernet Sauvignon nakwi Cabernet Franc.

Incasa

Lomdiliya e Mzantsi Afrika uvelisa iwayini ezimnyama ngombala nezinencasa yamaqunube okanye yengca. Kusenokutyalwa uhlobo olunye lomntu kwi hekhthare nganye, ukufaka umxube kwi wayini.Translated by Zizipho Silwana