Lion
Ingonyama

© Peter Delaney

Igama

Ingonyama [Panthera leo]

Inkangeleko

Inkunzi yengonyama ingu 1.2 m ubude emagxeni ize ibenobunzima obubalelwa kuma 130 Kg. Umphantsi wayo umhlotshana buku santirha. Amafakaza namabala zimpawu ezifumaneka kwizilwanyana eziselula kwaye kwi mazi ezimpawu zihlala zikhona apha ngaphantsi nasebudaleni. Zinkunzi zodwa ezinesingci eside esivukuvuku phezu kwentloko nasemacaleni obuso. Kwezinye ke esi singci siphantse ubamnyama.

Isidlo

Iingonyama zizingela izilwanyana ezinkulu ezinje Qhwarhashe, Inqu, Inyathi,Inkukhama nqu ne Ndlulamthi. Amaxhoba amancinane afana neMpala,Itshabanqa ne Ncanda zithathwa xa kuthe kwavela ithuba. Umsebenzi wokuzingela uyekelwa iingonyamakazi zomhlambi, ezithi zizingele ngokwamaqela.

Ukuzala

Iingonyama azinamaxesha ekhethekileyo okuzala, nangona imazi zikumelelanisa ukuzala kwazo. Emva kokumitha iintsku ezingama 110, enye ukuya kwemane amantshontsho aye azalwe. Amantshontsho aqala ukuty inyama emva kweveki ezilishumi. Imazi ziyawancancisa amantshontsho azo nawezinye, ukuya kuma kwinyanga ezintandathu. Emva kokuba ezelwe amantshontsho afihlwa iveki esi ntandathu emva koko oonina bangazisa apho kudlala khona namanye amantshontsho wezinye. Amantshontsho axhomekeka kwimpumelelo yomhlambi ixesha elingange minyaka emithathu.

Ukuziphatha

Umhlambi ngamnye ubane mazi ezizalanayo ezimbini ukuya kwi shumi eslinesibini, namantshontsho azo, nenkunzi ezilawulayo. Ezi nkunzi zabelana ngezikhundla zolawulo zincedisane nokugcina ucwangco emhlambini.Umgqumo wengonyama sisandi esincomekayo, kwaye inoba sesona sandi siyamaniswa nelindle lase Afrika. Ngaphandle kokugquma, iingonyamaniswa ziqhakamshelana ngokuphawula ngevumba indawo ezizinggqongileyo, kwaye nqu nangekangeleko yobuso nendlela eziwumisa ngayo umzimba. Iingonyama zibonakalisa umsindo ngokuthi ziveze amabamba wazo, zibuyise umva iindlebe kwaye ziveze ibala elimnyama emva kwendlebe, ube umsila ushukushukuma kukudikwa.

Apho zifumaneka khona

Kumbindi wamaZantsi Afrika yeyona ndawo yokugqibela ezihlala kuyo ezi zilwanyana zinobungangamsha, kwaye u Mzantsi Afrika inika awona mathuma mahle wokuba ubani ayokubuka iingonyama kwindawo yazo ezidalelwe ukuhlala kuyo.