Leopard Tortoise

© Nigel Dennis

Igama

Leopard Tortoise [Stigmochelys pardalis]

Iinkcukacha Ezibalulekileyo

Uluhlu - Reptilia
Ubume - Testudines
Usapho - Testudinidae
Ezinye iindidi - Ufudo lwase Ntshona [Stigmochelys pardalis pardalis] kunye no Fudo lwase Mpuma [Stigmochelys pardalis babcocki]
Ubude (Imazi) - 750 mm
Ubude (Inkunzi) - 300 - 450 mm

Inkangeleko

Ubude bawo bungagqitha ama 700 mm nobunziba obungama 40 kg. Iqokobhe lalo alincamathelanga emzimbeni koko liwugqimile nje. Lumana lushukuma nje kancinci xa luhamba ufudo. Kwamanye amafudo umlomo ugobile kwaye wakhiwe okwe sarha.

Apho afumaneka khona

Afumaneka kuzo zonke iindawo ezinengca e Afrika, ukuqala e Sudan ukuya ku Mzantsi Koloni. Kudala lalingafumaneki ku Mzantsi Ntshona we Koloni nakwindawo eyayisakwaziwa njenge Transkei, kufuphi na Kwa-Zulu-Natal nase Lesotho, kodwa kulemihla athi abuyiselwa kwezindawo.

Ukuzala

Iimazi zivamise ukubeka amaqanda amakhulu, anamaqokobe aqinileyo,angama 6-15. Umngxunya azalelwa kuwo lamaqanda, uphinda uditywe ngokuthi eli fudo limane liphakamisa liphinde lehlise iqokobhe lalo rhoqo endaweni enye. Amantshontsho anobunzima ubungama 23-50 g kunye nobude obungama 40-50 mm.

Isidlo

Ukutya kwe fudo kuquka izityalo ezifana nengca,nezinye ezinamanzi. Zikwakhukhuza namathambo kunye nelindle leengcuka.