Izityalo Zase Richtersveld

Ubuhle Bendalo

©Roger DelaHarpe
iRichtersveld inobuhle bendalo. Izityalo zayo ezingaqhelekanga zitsala abantu abasuka kwihlabathi lonke jikelele nabathanda ukubuka izityalo ezinamagqabi. Ngethuba ndikulengingqi, ndadibana nabathandi be bhotani abangenalwazi lungako ababini, nababesuka kwilizwe lase Jamani. Bachithe iminyaka behlela olu hambo lwabo luza kulendawo. Kwakucace gca ukuba babelulungiselele uhambo lwabo, kwaye babengakwazi kuzibamba yimincili.
Kwaye ndiqinisekile ukuba abazange baphoxeke. Kwindawo yase Richtersveld, sele kubalwe malunga neendidi ezingama 360 zezityalo ezidubula iintyatyambo, kwindawo nje esi skwe khilomitha esinye. Luninzi kakhulu ke usapho lwe Memsemb okanye lwe vygie, kukho iindidi ezingama 50 kwinani elingama 160 liphelele kulo mmandla. Linani elincomekayo ke eli, kuba lentlango ina imvula ezingama 68mm ngonyaka.

Indalo Engaqhelekanga

©Roger de la Harpe
Enye yezizathu zokuba kubekho indalo engaqhelekanga, kukuba iRichtersveld imi phakathi kwesiza esinetha imvula zobusika sase Namaqualanda kwakunye nesiza esinetha imvula zehlobo zase Nama-Karoo. Kwezinye iindawo, esi siza sili 10 okanye ama 20 km ububanzi. Nto leyo ibangela ukuba kuxubane iintlobo ezahlukeneyo zezityalo. Ngaphezulu, kukho iibiome ezintathu ezihamba phambili eRichtersveld: iSucculent Karoo biome neyeyona ininzi, ‘Desert’ Biome neyeyona incinci (esemntla nase mpuma) kwakunye nezimele yodwa iFynbos iBiome (ekumazantsi entaba).
Kubalulekile ukuqaphela ukuba iintaba, neziqala emntla ukuhlela emazantsi, zinqanda iimalmokkies kunye namafu anemvula ukuba angangeni ngaphakathi kulendawo. Ngoko ke, amazantsi entaba ajongise ngase lwandle afumana imvula eninzi. Logama amazantsi entaba angaphakathi (ingakumbi kwicala elisempuma) omile kwaye equlathe iindidi zezityalo ezayanyaniswa ne Nama-Karoo (ezifana ne euphorbias)

iSpeciation

©David Fleminger
Zonke ezimeko zidala uthotho lwe mozulu ezohlukeneyo. Intili nganye okanye umsele unomxube othile wemvula, womoya, womhlaba, kwakunye nobushushu. Ezi ndawo zizimeleyo, zikhuthaza ukukhula kwezityalo ‘okukhethekileyo’ (speciation)-Indlela yokukhula apho isityalo siye sihambelane nemeko zentlalo ezikhulela kuyo, siphethe singafani nonozala wesityalo esiphuma kuso. Ezinye izityalo ezixhaphakileyo e Richtersveld, sele zifunde ukuhambelana nendawo ezikhula kuyo kangangokuba zifumaneka kuphela kwintili enye okanye kwindawana nje encinci yomhlaba.
Noxa kunjalo, inye injongo yezityalo ezise Richtersveld; kukuphila nokukhula. Uninzi lwezityalo zigcina amanzi kumagqabi azo, kwiziqu okanye kumagaqa angaphantsi. Kodwa amaqhinga ezizityalo okuphila aya esanda. Ezinye izityalo zithande ukugqumeleleka phantsi komhlaba. Kuvela amasebe nje ambalwa ngaphezulu.
Ezinye ziyanaba phezu komhlaba ukuzikhusela emoyeni, kwaye zinamagqabi ambaxa akwazi ukufunxa amanzi phantsi komhlaba. Zimbi zikhula uboya obuyephu-yephu okanye amevana ukuze zikwazi ukubamba amaqabaza ombethe. Zimbi ziyakwazi ukuvala imingxuma yazo ukuthintela ukuphuma kwamanzi. Uninzi lwazo lu psammophorous, nto leyo ithetha ukuba zikhuba into encangathi nebamba igcine isanti, ukuze zikhuseleke kwi sand storms.

Amacebo Okuphila

©Shem Compion
Nangona uninzi lwezityalo ezise Richtersveld zihlala ziluhlaza (nto leyo ingaqhelekanga kwintlango enemvula zobusika) likhona iqaqobana eliwa amagqabi ehlotyeni ukunciphisa amathuba okuphelelwa ngamanzi. Ezinye zizikhusela elangeni namevana amancinci, okanye ngokukhula ixolo elincangathi, okanye ngokugcina amagqabi amadala. Ezinye sele zide zabafutshane, ukucutha iimfuno zamanzi. Zimbi zikhula kuphela phakathi kwamatye, ukuze zihlale zisemthunzini. Ngamanye amagama, izityalo zase Richtersveld aziphelelwa ngamacebo okuphila.
Lilonke, kuthiwa iRichtersveld iqulathe izityalo ezinamagqabi ezingama 4849, ama 40% ezityalo kweli nani azifumaneki kwezinye iindawo. Uninzi lwezizityalo zisetyenziselwa izinto ezithile ngabantu balendawo. Iindidi ezingaa 70 ziyatyiwa (zibizwa ke nge veldkos-ukutya kwasendle). Ezingama 40 zisetyenziswa ekwenzeni amayeza ze ezingama 54 zisetyenziswe kweminye imisebenzi ebalulekileyo nayo; efana nokwenza iintambo,iisepha, kunye neenkuni zokubasa umlilo.
Kukho neqela lezityalo ezenza umntu abone izinto zakhe yedwa, neziye maxa wambi zisetyenziselwe ezenkolo. Kodwa ungahambe umuncana namagqabi-Uninzi lwezityalo luyingozi. Ngaphezulu kwezi zityalo zingaqhelekanga nezinqabileyo zithandwa ziingcali zeebhotani, iRichtersveld ikwanazo nezityalo eziqhelekileyo nesele zizi icon kulo mmandla.

Translated by Zizipho Silwana