Izinyanya kwi Siko lakwa Xhosa

Inkolelo kwi Zinyanya

©Dr Peter Magubane

Imimoya esebenzayo okanye izithunzi zibanga ngamadoda amadala weloqela. Amaxhosa abiza ookhokho ngokuba zizinyanya, logama ama Mpondo ezibiza amathongo. Ngokucacileyo kumadoda anamandla kwaye awaziwayo ngexesha lawo, izithunzi yayi zinkokheli ezilandelwayo, abaseki beziduko, iinkokheli zeziduko, iinkosi zakudala- ezibambe iindawo eziphezulu kwisiseko sesizukulwana kunye nezizukulwana ezininzi.

Iinkolelo kwizinyanya yinkolelo yosapho, kunye nosapho elongenzelelekileyo. Njengo mnnombo ophilayo phakathi kwama malungu aphilayo osapho nezinyanya zeloqela, indoda eyintloko ibithetha ngokuse sikweni xa kusenziwa amasiko, yona ngokwayo okanye icele ukuthethelwa.

Kwimizi intloko yekhaya yasweleka khona yamkelwa ngonyana njengesinyanya selokhaya, umsebenzi ke obanamadini amabini. Owokuqala (umkhapho), apho ibhokhwe emhlophe engenachaphaza iye ixhelwe ngesizathu (sokukhapha) umoya walowo ungasekhoyo ukuya kwizithunzi.

Kumsebenzi wesibini, owaziwa ngokuba (ngumbuyiso), kuxhelwa inkomo (ukubuyisa) umoya walomo ungasekhoyo njengesinyanya ukuze afukamele indawo nentlanti zelokhaya. Nangona ngesintu iinkosi zazingcwatywa ngase mhlanjeni okanye ehlathini, iintloko zamakhaya zazingcwatywa ngasesibayeni kunye ngakwintlanti emnyangweni.

Ukuba ngu Moya Osisinyanya

©Dr Peter Magubane

Bonke abantu abadala afayo, abafazi namadoda, babayimi moya ezizinyanya kwaye bangachaphazela ubomi besizukulwana, bethetha nazo ngamaphupho nezilumkiso. Umfazi angaba ngumoya osisinyanya ebantwaneni bakhe, kubantwana baka nyana wakhe, kunye nabaka bhuti wakhe.

Nangona isinyanya seliqela wayezalelwe kulo siqhubeka ukuba nengxenye ebomini bomfazi emveni komtshato, umfazi otshatileyo uyafundiswa nazizinyanya zomyeni wakhe. Oku kubonakaliswa ngendlela ethile kumtshato wesintu (umdudo), xa umakoti ekhupha umkhonto katatazala wakhe, awungcuntse esangweni esibayeni senkomo zakhe (ukuhlaba umkhonto).

Xa umfazi egula okanye enobizo lokuba yinyangi, intoko yekhaya azalelwe kulo, okanye lowo ummeleyo, kwakunyanzelekile enze idini elifunekayo okanye amadini endaweni yakhe.

Imisebenzi ye Sintu

©Dr Peter Magubane

Ngaphandle kwezigulo nelahleko, imisebenzi yesintu (amasiko) enziwa kuwo wonke amanqanaba obimi, kuqala ekuzalweni ukuya ebuntwaneni, umtshato kunye nobudala ukuya ekufeni. Ama Nguni ase Kapa asebenzisa impinda yezimelabizo xa bebhekisa kwimi moya nelizwe lakwa moya.

Esinye sezimelabizo esona sidala sokubiza izinyanya ngu (moya), igama elamkelwayo ngono mishini endaweni yokubiza umoya oyingcwele kwaye lisetyenziswe kwinguqulelo yebhayibhile eya esixhoseni ukusesela ngoko. Imisebenzi yesintu isenziwa nakule mihla, nangona ibonakala itshintshiwe kwezinye iindawo kwaye ingasomelelanga, ezilalini nase zidolophini zase Mzantsi Afrika, iidolophu kunye nezixeko.

Translated by Zikhona Plaatjie