Izifo kwi Mivundla

© Judy Stuart

uMzantsi Afrika lelinye lamazwe ambalwa ane qhamsanqa lokungabinazo izifo ezimbini ezinako ukubulala imivundla emininzi ngoku khawuleza. Ezi zifo zaziwa ngokuba zi myxomatosis ne sifo iviral haemorrhadic. Ngesi sizathu ukuthatha imifundla yamazwe angaphandle kwafakwa isibheno, akuvumelekanga. Alikho iyeza lokunyanga ezi zifo zombini, kwaye zisasazwa zizinambuzane ezinje nge ngcongconi ziyafumaneka nase moyeni.
Apha eMzantsi Afrika ke sinohlobo lomvundla osemngciphekweni owaziwa ngokuba yi riverine. Sele imbalwa ke esaphilayo kule mivundla yamandulo, kwaye ukuba ingafumana isifo ingafa kuba ayomelelanga. Akunokufa Imivundla neengcuka kuphela, nemivundla yase khaya ingase mngciphekweni wokufumana izifo ezinganyangekiyo.
Imfihlelo yokugcina Imivundla isempilweni yonwabile, kukuyigcina icocekile kwaye ityiswe kakuhle. Izindlu zemivundla ezimdaka, ezinuka umchamo nomgquba oku kungadala uqhambuko lwe coccidiosis. iCoccidiosis yintsholongwane efumanekayo kwimivundla yonke, kodwa ke kwindawo ezimdaka, ibayingxaki.
ICoccidiosis ibonakala ngokuba umvundla uhlale ujonge phezulu, isisu esidumbileyo namehlo ankungu. Ilindle lawo ke libamanzi linuke kakhulu. Umhlonyane ungafakwa kumanzi okusela (funda imiyalelo kwi pakethi). Ukuba iye yanyangwa kwangethuba icoccidiosis inganyangeka.
Imivundla egulayo mayisuswe kude kwimivundla engaguliyo, nezindlu zemivundla zicocisiswe. Ukuba Imivundla egulayo ibikwi dlwana eyenziwe ngecingo, mayicocwe nge blowtorch. Izindlu ze planga zingacocwa ngo madubula. (okanye nantoni na esebenza ngokufanayo). Ishiywe elangeni yome. Susa konke ukutya okungcolisekileyo, Lucerne, kunye nezihlaza zinikezwe ingca ecocekileyo de umvundla uphile. Qinisekisa amanzi acocekileyo amatsha ahlala ekhona.
Ukuqunjelwa kwesisu kwenzeka ngenxa yokutya ingca ehlaza ebunileyo. Nokutshintsha ukutya kuya senza isisu siqunjelwe. Kwakhona susa konke ukutya, ngaphandle kwengca esalungele ukutyiwa namanzi. Wukhuthaze umvundle ahamba hambe ngoku wubalekisa. Ilanga liyawenza umvundla uzive ngcono kwaye uhamba hambe. Oku ke kuzakwenza oku kuvale amathumbu kuhambe atsho aphile umvundla.
IEnteritis iyabulala ngoku khawuleza. Iye ihlasele izilwanyane ezininzi kumhlambi ngexesha elinye kwaye ibulala kwimizuzu engamashumi amabini anesine (24hrs). Iye izibonakalise njenge sisu esihambisayo esityhengetyhenge esinukayo, umvundla uye ulale ngecala intloko ijonge ngase mva, kwaye umphefumlo wayo ube phezulu. Ulamlo noncedo olukhawulezileyo luyafuneka. Zama ukutyisa amagqabi amaqunube asendle ngoku khawuleza xa isigulo sithe saqapheleka, ukuba oku akuncedi biza umntu osebenza ngempilo yezilwanyana.
Ukudumba okuno bomvu benziwa ngama nxeba amancinci okanye ukulunywa yeminye Imivundla. Oku kudumba kungaqala njengeqhuma ngaphantsi kwesikhumba esiqinileyo xa ulibamba ekuqaleni. Emveni kwentsuku ezimbalwa kubonakale ibala elimnyama kweliqhuma, libesele lithamba. Hlamba londawo ngozifo zonke nangesikhali, usike lendawo imnyama. Ububofu bokudumba buzakuphuma kufuneka bucikidwe de buyeke ukuphuma. Gcwalisa isarinji esibukhulu buyi 10 cc ne 1% yomxube we hydrogen peroxide ufafaze kwinxeba. Oku kuzakwenza ububofu obushiyekileyo buphume bucoce londawo ibinenxeba. Hlala uwujongile ke lomvundla iintsuku ezithile ukuze ungaphindi ugule.
Snuffles (ingqele) ziqhelekile kwimivundla. Gcina Imivundla kwindawo engena moya, kwaye wubekele kude kweminye imivunda. Nyanga nge antibiotic ukuba ingqele iyaqhubeka. Ingcebiso yogqirha wezilwanyane ingaluncedo xa kukho uqhambuko jikelele.
Pasteurella iziveza ngokufanayo ne nengqele kodwa Imivundla iye ithimle kakhulu umfinya ongqindilili uxinge empumlweni. Umphambili wamazinyo ubugcwala yimifinya kukusula ubuso ukucoca iimpumlo. IPasteurella iyosulela kwaye esona sisombululo kuku susa umvundla onayo kweminye phambi kokuba usulele umhlambi wonke.
Malocclusion yamazinyo yingxaki enobuzaza enokwenziwa kukwenzakala okanye lufuzo. Amazinyo omvundla ahlala ekhula, xa ungadibani kakuhle (umphezulu na mazinyo angezantsi kufuneka adibane kakuhle). Ahlala ekhula, oku kwenza umvundla ungakwazi ukutya kakuhle, ugcume zintlungu. Amazinyo anganqumlwa kodwa ke oku akuyisombululi ingxaki. Xhela yonke Imivundla efumaniseke ine malocclusion. Yeyona nto ilungileyo ukuyenza.
Ear canker yenziwa zintakumba ezihlala kwi ndlebe zemivundla. Yenza intlungu ezimangalisayo kwaye ibonakala njenge ndawo emdaka eyomileyo apha ngaphakathi kwindlebe, xa ithe yayekwa nje ingagcwalisa indlebe yonke. ICanker inganyangwa nge baby oil iqatywe endlebeni, okanye nge Ivomec (Ivomec yi diphu yee gusha ethengisa kwi venkile ezithengisa amayeza ezilwanyane. Sebenzisa ngoko myalelo). Yonke Imivundla mayijongwe rhoqo ngokujongisiswa kwendlebe inyangwe ngoku khawuleza.
Sore Hocks zizilonda ezingaphantsi kwenyawo. Ezizilonda zinga ngaphambili kwenyawo okanye ngasemva kwaye zenziwa kukuqina apha phantsi kwindawo Imivundla ehlala kuyo. IRexes (emivundla eyaziwa ngokuba zi Dual Purpose) iyathanda ukufunyanwa zezizilonda kwaye kufuneka zifakelwe imiqamelo nendawo yokulala eyenziwe nge ngca. Indawo eziqinileyo phantsi zilungele iRexes. Gentian Violet inga fafaza enxebeni ukuze lome.
Amehlo alilayo okanye anosuleleko anganyangwa nge chamomile tea okanye I Terramycin efakwa emehlweni, ifumane kwivenkile zama yeza ezilwanyana.
Umva ndedwa sesona sizathu esenza Imivundla ifumane izigulo. Imivundla eyonwabileyo ayifane igule. Gcina Imivundla yakho kude nama rhamncwa nengxolo konke kuzakuhamba kakuhle. Ukuba kuyenzeka Imivundla ibeno mvandedwa nokuba sithini isizathu, amaqabaza ambalwa erescue remedy emanzini, nendawo yokuhlala ethuleyo ziyanceda. Kwi meko ezimaxongo, qabaza igrangqa (whiskey) yecetshana eligcwele ubisi oludikidiki.
Heat Stroke ngumbulali ongamandla. Ukuba Imivundla yakho ishushu kakhulu (ngapha ko 25) izakukhawuleza ukwahlulakala. Ukuphefumla kuba nzima kwaye abe manzi apha embombeni. fafaza ngamanzi abandayo kwaye unikeze amanzi afrizileyo kwibhotile yamanzi ukuba Imivundla ihlale kuyo.

Translated by Zikhona Plaatjie