Ixabiso Lobusi Njenge Yeza

© The University of Waikato Te Whare Wānanga o Waikato
Ngaphandle kokuba nesondlo nokunikeza Amandla, ubusi baziwa kwakudala okuba bulwa neentsholongwane kunye neentsholongwane ezosulelayo. Ubusi babusetyenziswa ngama Grike, amaRoma, amaYiphutha kunye nama China anyangayo izifo zesisu ezifana ne (gastric ulcers), ikwasetyenziswa ukunyanga indlebe ebuhlungu, umqala obuhlungu, kunye nokukhohlela logama e-India ubusi ilotus honey yayisetyenziswa ukunyanga ukusuleleka kwamehlo.
Ubusi bunyanga usuleleko luphilise nezilonda, kuquka nokutsha kunye nokulunywa zizinambuzane kananjalo namathumba. Ukuqaba ubusi kunganceda kuphilise amanxeba asulelekileyo angaphiliswa kukusetyenziswa kwe antibiotics nesepha zokuvasa izilonda. Ukuba ngqindilili kobusi kugcina izilonda zifumile kwaye zinikeza ukhuseleko oluthintela usuleleko. Ubusi bunyanga ipsoriasis, inceda nokucoca inxeba kuquka ukuphinda kumile inyama entsha. Izifundo ezininzi zakutsha nje zibonakalise ubusi benza isifo somdlavuza singanoni emzibeni.
Ubusi obusetyenziswa emayezeni bunamandla okulwa neentsholongwane ezinenkani nakwi antibiotics, kwaye ezenza izifo ezithi zibulale eluntwini, kodwa ke ubungakanani bokukwazi ukulwa neentsholongwane ezosulelayo kuye hluka kuxhomekeka okokuba incindi isuka phi. Ubusi obusetyenziswa emayezeni okanye ukunyanga akufunekanga buxutywe okanye itshiswe kakhulu, ingahluzwa kodwa ingatshiswa. Iintlobo zobusi ezithile ezifana ne manuka zingathengiswa njengeyeza kuluntu ngenxa yokukhetheka kwayo neziphumo ezizodwa zayo.

Ubusi iManuka

Ukulwa neentsholongwane ezosulelayo kwintlobo zobusi ezininzi kungenxa yentwana ntwana ze hydrogen peroxide, isepha yezilonda ephakathi. Abaphandi ngezemfundo kwiyunivesithi yase New Zealand ye Waikato ithe ngonyaka ka 1981 yafumanisa okokuba imanuka honey inamazinga aphezulu aphilisayo kuno busi obuqhelekileyo. Zizo (enzymes) ke ezenza inatural hydrogen peroxide. Amandla we manuka honey okulwa neentsholongwane abonakaliswa njengo UMF- Unique Manuka Factor- kwaye iqinisekisa umgangatho wayo njenge yeza. iManuka honey iphelisa usuleleko lwe Staphylococcus aureus kwaye inceda ukunyanga imeko zempilo ukususela kumaqhakuva asebusweni ukuya kwiingxaki zokuya ngasese (irritable bowel syndrome), ukuya kwi acidi eninzi emzimbeni (acid reflux) kunye nempilo e-ethe-ethe.

Isivungo Ngokwamayeza

Qaphela: Ulwazi lwenzelwe injongo yokufundisa nokunikeza ngolwazi jikelele qwaba, kwaye akufunekanga luthathwe njenge ngcebiso yoogqirha. Ulwazi alunayo injongo yokuthatha indawo yengcebiso zempilo esemthethweni okanye unyango olunikezwayo ngabe zempilo abasemthethweni.

Translated by Zikhona Plaatjie