Iqalwa njani Ifama yo Bisi

© Eric Miller

Into yokuqala ekufuneka uyiqaphele xa uqala ifama yobisi kuku khetha uhlobo olu lungele iimeko zendawo ohlala kuyo. Ingaba isimo sezuku sishushu okanye siyabanda? Ingaba unako ukutya oku kumgangatho ophezulu okukhoyo, ingaba unazo iindlwana zeenkomo zakho, kwaye ingaba zininzi na izifo zeenkomo ekuhlaleni. Ukukhetha uhlobo ululungileyo lokuvelisa ubisi kubalulekile ukuqinisekisa izilwanyane ezise mpilweni, imveliso elungileyo ye fama yakho yobisi kwaye eyomeleleyo izaku phila ixesha elide.

Lukhethwa njani uhlobo lwenkomo

©Chris Daly
Uhlobo lwenkomo lokuthengiswa luxhomekeka koko wena ukukhethayo, izinto ezifana nesimo sezulu, ukutya okufumanekayo, nezinto ezenziwe ngo bisi umzekelo xa ufuna ukuthengisa ubisi okanye ufuna ukuvelisa isonka samasi (cheese). Umzekelo abo benza isonka samasi bakhetha ukusebenzisa ubisi oluphezulu kwizinga lokutyeba ne protein (fat and protein) eveliswa ziinkomo ze jezi. Amazinga aphezulu obisi aveliswe zinkomo iHolstein zilungile ukuvelisa imveliso zamanzi, ozifana nobisi okanye iyoghurt.

Loluphi uhlobo lwenkomo yoBisi ekufanele ulikhethe?

Iinkomo ezininzi zingasengelwa okokuba imveliso isetyenziswe ekhayeni, kodwa xa uzakuthengisa eMzantsi Afrika, zine iintlobo zenkomo ezikhethekileyo ezivelisa ubisi.
Nazi:
Holstein – inkomo yama Dutch Friesian
Ayrshires- zisuka eScotland
Jerseys – zisuka kwi Jersey Isles phakathi we England ne France
Guernseys – zisuka eGuernseyIsles Phakathi kwe England ne France
Ezinye ezivelisa ubisi ziquka iBrown - Swiss kunye ne Milking Shorthorns. Ezinye zase Europe ezivelisa ubisi nenyama, zinemvelaphi yohlobo lwe Simmental, nazo ziyasengwa eMzantsi Afrika.
Ezi ziquka iFleckvieh, Mont beliarde kunye ne Abondance yase Germany, France ne Italy ngoku landelelanayo. Ezinye iintlobo zase Europe ezikhoyo zi Normande (Zase France) nohlobo lwe Scandinavian Red ezifana ne Swedish Red ne Norwegian Red.
Kwamanye amazwe, iintlobo ezifumanekayo – ingakumbi intlobo ezityenziselwa ukuvelisa ubisi. Imveliso yobisi lweenkomo esuka kwezinye iintlobo ezifumanekayo isezantsi kune zikhethekileyo zivelisa ubisi kodwa zona ziphila ubomi obude. Oku kwenziwa kukuba zona ziyakwazi ukuvelisa ngcono, ziqine kakhulu, kwaye ziyakwazi ukumelana nemeko zendawo ezifana nokunyamezela ubushushu nokunyamezela izifo. Iintlobo ezifunyenwe kwamanye amazwe zifuna iimeko zokuphila ezingcono, ezifana nomthunzi okanye izindlu kunye nokutya okuse mngangathweni. Ngenxa yengxaki zokuqhela ukuzaliselana phakathi kwezinkomo zikhethekileyo nezalo ndawo kuyaxhaphaka. Umzekelo, eNew Zealand inkomo ezaziwa nge Kiwi zenziwa ngendlela yokutshintshiselana nezinye iintlobo zenkomo kusetyenziswa iHolstein nee nkunzi ze Jersey.

Translated by Zikhona Plaatjie