Inkcazelo nge Hlosi

©Shem Compion
Ihlosi (Acinonyx jubatus) yikati enkulu enamachokoza asisangqa amnyama asesikhumbeni esi golide. Linentloko encinci enamehlo aphezulu kunye neendlebe ezimfutshane ezimnyama ezizangqa, ze zibe nencam emhlophe.
Kukho umgca okhangeleka ngathi ziinyembezi, oqala kwikona yemehlo ukuya ekoneni yomlomo. Lomgca unceda libone kakuhle xa izingela emini. Imisila yawo mide, inamachokoza amnyama kunye nezaringe ezimnyama ekusondeleni kwencam yomsila omhlophe.
Imizimba yawo eyomeleleyo emincinane iwenza akwazi ukubaleka ngesantya esifikelela kuma 120 km/yure, nto leyo iwenza abezezona zilwanyana zinamendu kunazo zonke izilwanyana ezihamba emhlabeni. Iimazi zincinane kuneenkunzi. Izilwanyana esele zindala zinobude obuyi 1,8 m ukuya kwi 2,2 m kunye nobunzima obungama 40 kg ukuya kuma 60 kg.
Ngokubhalwe kwi Tenikwa Website, amahlosi acalulwa njengezinye zee kati ezizi Lesser hayi ezo zizi Greater, ngoba azinalo ithambo elindandayo elibasentanyeni nelibizwa nge hyoid. Amahlosi awagqumi, ndaweni yoko enza isandi esintshiyozayo xa echulumancile. Yenye yeendidi zeekati ezingenanzipho zitshonayo ngokupheleleyo, ngoko ke imizila yeenzipho zalo iyabonakala apho ibinyathele khona.
Zaziwa ngokukwazi ukudada, ngangona zingakuthandi ncam. Azikwazi kakuhle nokugwencela emithini/kwiindawo eziphakamileyo, nangona zingayisebenzisa imithi eneziqu ezikekeleyo okanye amahlahla ukuphumla okanye ukujonga amaxhoba.
Iinkunzi azinabango lemihlaba kangako,kwaye zisenokufudukela kwiingingqi ezihlala iimazi. Ngaphandle kweengonyama, zizo zodwa iindidi zeekati ezihlala ngokwamaqela. Lamaqela avamise ukuba nemazi kunye nentshontsho layo okanye iinkunzi ezintathu ebezizelwe yile mazi inye.
Kodwa ke, iimazi zihlala kunye namanye amahlosi asele emadala ngexesha lokukhwelana kuphela, elixesha lisenokuba ngayo nayiphi na inyanga enyakeni. Imazi yehlosi imitha isithuba seentsuku ezingama 92, lingazala amantshontsho afikelela kwisine ngexesha. Amantshontsho azalwa enoboya obuninzi obuqala emqolo ukuya entanyeni. Obu boya buyi nceda isitheke ingabonakali, kwaye agcinwa kwingca ende okanye afihlwe phantsi kwamatyholo.
Ngokubhalwe kwi Tenikwa, Ama 90% amantshontsho ayafa ngaphambi kokuba afikelele kwiinyanga ezintathu ubudala. Isiqingatha kweli nani sibulawa zezinye izilo zasendle. Ama 40% ala mantshontsho aye afe ngenxa yokuba ethe ethe kwamajoni omzimba.
Amahlosi aziwa njengezona ndidi zekati ezinkulu,nekulula ukuzifuya. Sele iyiminyaka engaphaya kwama 5 000 zisetyenziswa njengezilwanyana zokuzingela. Ngelishwa ke, azizali kakuhle xa ziselugcinweni.

Indlela Yazo Yokutya Nokubulala

©Justin Fox
Ihlosi lizingela ikakhulu xa kusemini, ingakumbi ekuseni okanye nge njikalanga. Likholwa kukuhlala kwiindawo eziphangaleleyo ezinengca, kwii savanna, kumatyholo ashinyeneyo kwaye maxa wambi lingahlala nasezintabeni, kuba avamise ukuchwechwela amaxhoba awo ithutyana elincinci ngaphambi kokulileqa. Xa sele lilifumene,amaxhoba amakhuluafuthaniselwa ngokulunywa kubhongwane, logama amaxhoba amancinic asenokubulawa ngokulunywa msinyane entloko.
Zitya msinyane emva kokubulala isilwanyana, kuba zingakwazi ukuthintela ukutya kwazo kwezinye izilo ezikhulu. Zisusa iimbambo zexhoba kunye nesikhumba, amathambo kunye neziphakathi iyazishiya. Amahlosi awabuyeli enyameni xa ebesele eyityile kwaye azizityi nezihlunu.

Ulawulo

©Shem Compion
Amahlosi zizilwanyana ezikhuselweyo,ngoko ke akufanelanga ukuba abulawe. Kwisibalo esingama 100 000 esasizihlalela ngokukhululekileyo kwilizwekazi lase Afrika, kwiindawo ezithile zase Mbindi Mpuma kunye nase Mbindi Asia, ngeminyaka yee sentyuri yamashumi amabini, sele kusele inani elingaphantsi nakuma 7 500, endle. Kwaye lingaphantsi nakuma 1 000 inani lezi zilwanyana ezifumanekayo eMzantsi Afrika.
Ukukhawulelana neengxaki zamahlosi atya imfuyo, umkhomba ndlela obizwa nge Predation Management Manual, ucebisa ukuba amafama okhe iintlanti ngamahlahla aze athiyisele ngebhokwe yohlobo lwe Boer. Kufanele kubekwe unoxhaka we kheyigi emnyangweni wobuhlanti ukuze kubanjiselwe ihlosi. Abezo Londolozo lwe Ndalo kufanele baqhakamshelwe ukuze bafudusele eli hlosi kwenye indawo lisakuba libanjiwe. Kungenjalo, ihlosi liseniku dutyulwa nge thyefu elalisayo ze lifuduswe.
Ukubiya ngecingo elingangeni nkqu noodyakalashe- elicingo lingaba yi 1.2m ukuya phezulu nemingxuma engama 74mm,okanye kubiywe ngecingo lombane, ingxol, ukukhanya, namavumba agxothayo,ukufakwa ebuhlanti kwemfuyo, ukusetyenziswa kwabelusi, kunye nezilwanyana ezigada imfuyo kunganceda ekuthinteleni ilahleko.

Translated by Zizipho Silwana