Indlela Zokufaka Uphawu

© Chris Daly
Izilwanyana zinga gcogcwa okanye ziphawulwe ngentsimbi eshushu okanye ekhenkcezisiweyo. Amanye amafama aye afune imvume ekhethekileyo okokuba basebenzise ezinye iindlela zokuphawula, ingakumbi nempawu zalemihla ezaziwa ngokuba zi (microchip) ezithi zisetyenziswe ukuphawula izilwanyana zexabiso eliphezulu.
Kuvakaliswe ukuxhalaba ngendlela esetyenziswayo kulemihla yoku phawula izilwanyana, nomthetho ongeka pasiswa othe wenziwa wakhona ngonyaka ka 2018- Draft Document For A Livestock Identification And Traceability Systems South Africa – ikhuthaza ukusetyeziswa kwamacici ezindlebeni zezilwanyana ezo zenza kubelula ukohlula iinkomo, gusha, bhokhwe, hagu kunye nezasemanzini. Okuhle kokokuba lamacici endlebe apha eminyakeni aye aphuculwa kuba ngoku ayakwazi ukubamba unxibelelwena lukanomathotholo, nokwenza lula okokuba kugcinwe iinkcukacha efama.

Ukuphawula nge Ntsimbi Eshushu

Ngokwe The Farmer’s guide to the prevention and handling of stock theft ye National Stock Theft Prevention Forum, kulula ke okokuba kusetyenziswe intsimbi eyahlukileyo kwi gama ngalinye kuphawulo. Indlela yokuphawula nobushushu bunga vavanywa kwiplanga elincinci ukuqinisekisa okokuba ilungile phambi kokuba isetyenziswe kwisilwanyana.
Kungcono okokuba angabimnye oncedisayo nokuphawula izilwanyana kwisibaya socingo. Ubuxhakaxhaba obucofwayo okanye ukuvalwa ngedolo kufuneka kusetyenziswe ukuthintela izilwanyana zingakhabi lowo uzibhalayo.
Intsimbi ibanombala obukumdaka ongathi inothuthu xa sele ilungele ukusetyenziswa iphindwe ibekwe, kunga cinezelwa kwisikhumba sesilwanyana kubalwe kathathu kunga ngxanywanga. Iziqede okanye amanzi abandayo zingasetyenziswa ukuthoba inxeba. Lencwadi iyawalumkisa amafama okokuba angafaki ubulongwe okanye osule inxeba ngelaphu, kuba oku kungenza usuleleko.

Ukuphawulwa Ngoku Khenkcezisa

Ukuphawula ngoku khenkcezisa yeyona ndlela ibonakala inobuntu kunentsimbi eshushu, kodwa ayihlali iyimpumelelo kwaye isebenzisa izixhobo zexabiso. Izilwanyana kufuneka zithintelwe zingakhabi nge immobliser okanye idolo kucetyiswa okokuba ubenomntu wokuncedisa. Kufuneka iinwele zichetywe ngalo mzuzu kuphawulwa ngawo.
Intsimbi, eyomelele ngaphezulu kwale ntsimbi ishushu yokuphawula, ipholiswa ngamandla we nitrogen okanye iziqede ezomiswe ngezi piriti, de intsimbi iyeke ukwenza amaqampu. Initrogen eninzi okanye amanzi kufuneka zivuthululwe phambi koku phawula isilwanya ukuze ingavuzi.
I-Farmer’s guide to the prevention and handling of stock theft icebisa okokuba amafama acofe kakhulu ixesha elingange 20-25 seconds kwizilwanyana ezinenyanga ezintandathu ukuya kwinyanga ezisibhozo, ixesha elingange 25-30 seconds ukuze izlilwanyana ezilithoba ukuya kwishumi elinesibhozo lenyanga kunye nama 30 ukuya ku 35 seconds kwizilwanyana ezingapha kweshumi elinesibhozo lenyanga.

Ukugcogca

Ukugcogca kwenziwa nge playasi kunye ne inki. Iindlebe ziyacocwa phambi koko ukuthintela i-inki ingagcwali indawo yonke. Ukugcogca nge playasi kufuneka kucinezelwe kude kuvele imingxuma kwisikhumba kufuneka i-inki iqatywe kuloomngxuma.

Ukujingisa Amacici

Ukufakela amacici kwimazi neenkunzi zifakelwa nokuba leliphi icala endlebeni ze zidityaniswe kunye ngento yokuzidibanisa. Kusetyenziswa amacici ayimibala eyohlukileyo okanye ukujingisa kwindlebe ezohlukileyo kungavumela amafama ohlule kwizilwanyana ezohlukileyo.

Translated by Zikhona Plaatjie