Indawo Zentengiso Zenkukhu

© Chris Daly
Phambi kokuqala indawo yokuthengisa inkukhu, kufanele ucinge okokuba uzakuthengisela bani, kwaye phi. Ungathatha isigqibo sokujongana nokuvelisa inyama okanye amaqanda. Ukukhulisa inkukhu, ukuqandusela amaqanda okanye zonke xa ufuye inkukhu ezikwaziyo ukuzenza zombini. Ukhumbule ke kodwa okokuba zombini ezindawo zikhethekile kakhulu kunga ngcono ke ukujongana nenye, xa ufuna ukukhula.
Phambi kokuthenga iintaka okanye izixhobo, kufuneka ujonge abathengi, okokuba abathengi bafuna ntoni, bazimisele ukubhatala malini, kwaye wena uzakubiza malini ukuvelisa, lemveliso.

Intengiso Yenkukhu Zenyama

©Chris Daly
Inkukhu eziveliselwa ukuthengisa inyama zibizwa ngokuba zi broilers. Abathengi ke bathatha inkukhu ezibunzima buyi 1.8 kg, logama abanikazi bevenkile zokutya bethanda inkukhu ezincinci. e-Europe nase Melika bafuna inkukhu ezinkulu kunalapha eMzantsi Afrika, kuba bathatha isifuba senkukhu namaphiko kuphela. Ezinye indawo zenkukhu ezinje ngemilenze,namathanga azibalulekanga kwaye ziyahanjiswa zisiwe kwamanye amazwe.
Abathengisi abazithengiselayo eMzantsi Afrika nabo bafuna inkukhu ezinkulu, kwaye banentlobo ezithile abazikhethayo. Abanye abafuyi benkukhu namaqanda bayathenga inkukhu, inkukhu eziseleziqinile ezingomama eselezigqibile ukubeka amaqanda ebomini. Ezintlobo zithengiswa njenge nkukhu ezindala ezaziwa ngokuba zi Cornish ne Rocks (Roko) elokishini. Ezi nkukhu zinkulu,zindala, nenyama yazo iqinile kunale yenkukhu ezithengiswa njenge nkukhu zenyama.

Imithetho Yokuthengisa

Ezinye izidingo kufuneka zijongwe. Kufuneka intaka zikhuliswe ngobuntu kwaye kukhuseleke ukutya inyama yazo. – Le ke ayixoxisi naphi na. Abavelisi abafuna ukuthengisa ngokuse sikweni, kufuneka bathobele imithetho ye Food Safety and Production Standards kuna xa bethengisela abathengisi base sitalatweni. Le mithetho iyashiyana kubathengisi abohlukeneyo.
Imithetho yokuthengisa intaka njenge ntaka eziyi free range iyohluka kubathengisi, kwaye iye ibephezulu xa ufuna uthengisa njenge free-range organic, kuba oku kuchaphazela ukutya namayeza anikwa intaka. (funda ngakumbi nge mveliso ifree range)

Iminyaka Xokuxhelwa

©Chris Daly
Enye into ekufanele uyivelele yiminyaka apho zizakutengiswa khona intaka. Kufuneka ubale indleko zokugcina intaka ngemini kwaye ucinge indawo apho zisakuthengiswa khona, ukuze zingakugqibeli ingeniso.
Oku kubalulekile kwindawo apho intaka ziveliswa kwindawo apho kufunyanwa inkukhu ezilixabiso eliphezulu ukunyusa ingeniso, oku ke kuchaza intaka eziyekiweyo zizihoye ngokwazo. Ixesha ke xa lokhuliswa intaka ngalendlela ngamashumi amathathu anesibini (32) okanye amashumi amathandathu (60).

Ukonyusa Umgangatho

Intaka zizakuthengiswa ziphila okanye zifile? Enye ke ntlahla ekuthengiseni intaka eselezixheliwe kubantu abazithengiselayo kukuba ivumela amafama akhencezise ukuze ngamaxesha inyama engathengwa kakhulu ngawo, ingabavumela ukwenyusa umgangatho ngokuthengisa amapisisi.
Eyona ngxaki ngoku khencezisa kukuba indleko zombane ziyonyuka, kufuneka izikhencezisi ezibizayo, nemithetho yokuxhela nendawo eyongezelekileyo. Ngaphezulu, amafama avumelekile ukuzixhelela inkukhu bazityele, kodwa hayi ukuthengisa, bavumeleke kuphela xa zixhelwe kwindawo yokuxhelela inkukhu ngokusemthethweni, ngoko mthetho we Meat Safety Act.
Amanye amafama akoyisa oku, ngokunikeza icliyenti indawo yokuxhelela, logama abanye bethatha izixhobo benze ezabo indawo zokuxhelela nezokuvelisa inyama.

Ukusebenzisa Imifanekiso Ekhethekileyo

©Chris Daly
Omnye umbuzo ngowokuba uzakusebenzisa imifanekiso ukwenza imveliso yakho ikhethe ke kwezinye. Oku kunganga baluleki xa usaqala, kodwa kungakunceda uzikhethe kwabanye xa sele uzisekile.

Translated by Zizipho Silwana