Imveliso Yohlobo lwentlanzi I-Catfish e-Mzantsi Afrika

©Nigel Dennis
Uhlobo lwentlanzi iCatfish lukhula ngoku khawuleza, iintlanzi ezithanda amanzi ashushu ezilungele imveliso kumanzi ashushu. Imveliso ye Catfish e-Mzantsi Afrika inqabile kodwa ibonakala inako ukuthengiseka kakhulu.

Iimpawu ze Catfish

Zimbalwa intlobo zentlanzi ezikhula kumanzi acocekileyo ezinikeza uhlobo olungaphezu kwenye yoku kulandelayo kwi ntlanzi ezikhuliswa kumanzi acocekileyo (aquaculture):
Zikhula ngoku khawuleza. I-Catfish ingakhula ukuyokuma kubunzima be 1 kg kwixesha lenyanga ezintandathu (6).
Ukutya kwayo kukumaxabiso aphantsi. I-Catfish itya ukutya okwenziwe ngemifuno.
Ichumile kakhulu ngokwesizalo: zingavelisa amaqanda afikelela kuma 50 000 ngokwe kg yobunzima bomzimba kwaye iyaqandusela rhoqo kwiveki zisibhozo.
Iphefumla umoya, yiyolonto i-oxygen esezantsi ingeyiyo ingxaki.
Ivumela ukulima kwindawo ezinzulu ukuya kumaqondo angapha kwama 500 kg wentlanzi ngokwe 1000 litres, yomelele kumgangatho wamanzi.
Inenyama ekumgangatho ophezulu kakhulu, ayinawo amathambo kwisihlunu.
Olunye uhlobo, I sharptooth catfish eyaziwa nge Clarias gariepinus izitikisha zonke iibhokisi ezichazwe ngasentla kwaye lelona hlobo lwentlanzi eveliswa kumanzi acocekileyo kwihlabathi lonke. Akothusi ke okokuba imveliso kumazwe jikelele yoluhlobo lwentlanzi ikhula kakhulu.

Imveliso ye Catfish ku Mazwe Jikelele

©Leslie Ter Morshuizen
Ubuninzi bemveliso ye catfish kwenzeka eNigeria ese West Africa, kodwa ke akhona namanye amazwe ayivelisayo ngakumbi oluhlobo lwentlanzi ngum-mangaliso, aquka iHolland, Hungary, kunye ne Cuba.
Ngelishwa, eli lo Mzantsi Afrika lisesemva kakhulu nangona kwenziwe iinzame ezininzi zokuvelisa lentlanzi ngeminyaka yo 1990. Umdla wokuvelisa icatfish waye wehla emveni kweminyaka embalwa. Abavelisi bajongene nemveliso kakhulu bengazinikezi ixesha lokwenza upapasho lwentengiso ye catfish. Xa sele bekulungele ukuthengisa intlanzi zabo, baye bafumanisa okokuba abathengi abayiqondisisi icatfish kweli lo Mzantsi Afrika, ngenxa yenkolo, kuba lentlanzi ayinaso isikhumba esifana nesentlanzi, kwaye banenkolelo yokuba itya ezinye izilwanyana.
Kukhona ukuvuseleleka komdla wokuvelisa icatfish ukonelisa iimfuno zeli, nangona zikhona nemfuno zokuyithengisa kumazwe angaphandle. Iyakhula kancinci kwaye kuqinisekiswa okokuba bakhona abathengi bemveliso njengoko beqhubeka.
Imveliso enkulu yentlanzi icatfish iqalisiwe kwindawo ethile e-Graaff-Reinet. Icatfish iyafuywa ke apho, ilungiswe kwenziwe imveliso ze catfish ezifana nonqiyoyo kunye nebhega etyiwayo kwaye iyahanjiswa kwiphondo lase Mpuma Koloni jikelele. Nakuphi na okunye okwenziwa ngayo kusetyenziswa ekwenzeni ukutya kwezilwanyana zase khaya. Uphando oluphangaleleyo lwemfuno zabathengi lwenziwe ngexesha lokucwangcisa ukuqinisekisa okokuba ngenene bakhona abathengi abazakuthenga imveliso zalentlanzi.

Translated by Zikhona Plaatjie