Imveliso ye Dragon Fruit

© Florentino Floro

i-Dragon fruit, nekwabizwa nge pitaya, sisiqhamo esinwenwayo ukukhula nesikusapho lwe cactus. Esi sityalo sidubula iintyatyambo ebusuku, sikhuliswa kwimimandla etshisay nefudumeleyo yehlabathi, izityalo zesi siqhamo ziya zisanda kwelase Mzantsi Afrika, esi siqhamo sinezakha mzimba siya sikhula kwiintengiso kumazwe angaphandle.

Imveliso ye Dragon Fruit Ehlabathini

Ubunintsi be dragon fruit buveliswa kumazwe angentla. Oku kuthetha ukuba idragon fruit yase Mzantsi Afrika ifumaneka xa ingasafumaneki kakhulu kumazwe ase Europe nase Melika. 

iDragon fruit iveliselwa intengiso kumazwe ase Vietnam, Malaysia, Thailand, Taiwan, Sri Lanka, China kunye nase Israel. Ikwalinywa nase Mbindi Melika (Mexico, Colombia, Ecuador, Guatemala). iVietnam ivelisa ikakhulu (95%) idragon fruit enomphakathi opinki, logama amazwe ase Ecuador kunye nase Colombia ajolisa kakhulu ekuveliseni iindidi ezinamaxolo atyheli nomphakathi omhlophe. 

Ilizwe lse Vietnam, lilandelwe yi Thailand kunye nase Israel, ngawona mazwe athengisa kakhulu idragon fruit. La mazwe avelisa ngaphaya kwama is the biggest supplier of dragon fruit, 600 000 eetoni ngonyaka. 

Ubuninzi bemveliso ye dragon fruit butyiwa kwilizwekazi lase Asia, ikakhulu ngabantu base China. Abantu base China bakholelwa ekubeni esi siqhamo siza nentlahla ngenxa yombala, ukumila kunye negama lesi siqhamo. Ubuninzi be dragon fruit busetyenziselwa ukuvelisa izinto ezahluneyo.

Iingingqi zeMveliso ye eMzantsi Afrika

Imozulu efudumeleyo eMzantsi Afrika iyilungele idragon fruit, nekholwa ngamaqondo obushushu aphakathi kwama 21°C - 29°C, kodwa kudingeka unkcenkceshelo okanya imvula eyoneleyo ephakathi kwama 650 mm kunye nama 1 200 mm. iDragon fruit inochuku kwilanga eligqatsayo okanye kwiqabaka. iDragon fruit ikhula kakuhle kwiimozulu ezilungela ukukhulisa ii-avocado, iibanana kunye namandongomane emacadamia kwaye nendlela zokuvelisa ezi zityalo zingakulungela nokuvelisa esi siqhamo. Kungasetyenziswa iiindawo zokugcina isivuno, izithuthi, neendlela zokuvuna ezifanayo. 

iDragon fruit ilinywa kwindawo eziku Mbindi Natala nakwi mimandla eselunxwemeni yephondo la KwaZulu-Natal. Iyalinywa nakwiingingqi ze Lowveld ukusuka eNelspruit ukuya eTzaneen, Mpuma Koloni kunye nase Ntshona Koloni. Eyona ntsimi inkulu ye dragon fruit eMzantsi Afrika ise Dendron kunye nase Louis Trichardt kwiPhondo lase Limpopo.

Ngokwengxelo ka Max van Heerden we Dragon Fruit South Africa (DFSA), imveliso ye dragon fruit eMzantsi Afrika isencinane. Inamalunga ne 100 yeetoni ngonyaka (2019). Ubunintsi bale mveliso buthunyelwa kwamanye amazwe nge nqwelomoya. Abemi beli lizwe bathengiselwa nje ama khreyithi ambalwa. Kodwa ke, kulindeleke ukuba imveliso yentengiso ye dragon fruit ikhule kakhulu phakathi kweminyaka ka 2019 neka 2021 eMzantsi Afrika. Oku kubangelwa kukuba kulinywa izityalo ezininzi ngoku. 

uMzantsi Afrika uyithengisela amazwe angaphandle idragon fruit, ingakumbi awase Europe, kodwa ikwathengisela nawase Mpuma kunye neMelika xa imveliso ithe yaninzi.

Amaxesha Okuvunwa kwe Dragon Fruit

eMzantsi Afrika idragon fruit ivunwa ukusukela kwiinyanga zika Novemba ukuya kweka Matshi. Ukuba izityalo ze dragon fruit ziselula zivelisa kuphela ngeenyanga zika Januwari ukuya kweka Matshi, kodwa ngokuye sibasidala isityalo kungona sibanethuba elide lokuvelisa iziqhamo. 

iDragon fruit esuka kumaphondo ase Ntshona Koloni kunye nase Mntla Mpumalanga zingavelisa iziqhamo ukuya kwinyanga ka Meyi neka Juni. Kodwa ke, ixesha lesivuno se dragon fruit ekwii ndawo ezise mbindini welizwe liphela kwinyanga ka Epreli.

Translated by Zizipho Silwana