iMulch - Ukukhathalelwa Komhlaba

Ukusetyenziswa kwe mulch kwi gadi okanye kwi fama kungaba ngumvuzo omkhulu kwimpilo yomhlaba nje jikelele kunye nezityalo. Imihlaba ene mulch ayibina khula lungako, iyakwazi ukumelana nembalela kwaye izityalo zikhula ngcono.

©Marinda Louw

Yintoni iMulch?

I-mulch yinto ebekwa phezu komhlaba ukuze isebenze njenge ngubo. Isenokuba yeyendalo okanye eyenziweyo. Imizekelo ye mulch ngumgquba owenziwe ngezinto zendalo, ingca eyomileyo (straw), amagqabi, amahlahla etheniweyo, iinkuni, amaphepha ndaba okanye izityalo zokugquma ezondlalisweyo. I-mulch eyenziwyo iquka I geotextiles (amalaphu okondlala), iplastiki kunye nama tayara amadala.

Imivuzo ye Mulch

©Abhay Iari

Iimulche zinciphisa amathuba okuba amanzi asemhlabeni ajike abe lulophu, athintela ukhukuliseko lomhlaba adobalalise nokukhula kokhula. Enye into entle ngayo kukuba iimulch zendalo ziyagubeka ze zibe ngumthombo wezinongo kwi microbe zomhlaba, neziye zininge izinongo kwisityalo. 

Iimulch ezenziweyo ezifana ne plastiki zivamise ukusetyenziswa kwizityalo ezithanga ubushushu ezifana nee tamati kunye nee eggplant, njengoko zigcina umhlaba ufudumele. Zikwanceda ukukhusela izityalo ezinabayo ukukhula ezifana namaqunuba kunye namaqunube, ukuba zingaboli kwaye izigcina zicocekile. I-mulch eyenziweyo ayinamivuzo yazichumiso emhlabeni kwaye isenokunciphisa i-oxijini emhlabeni inyise namaqondo obushushu bomhlaba, nto leyo inokuthi ibulala iimicrobe zomhlaba. 

Kufanele kuqatshelwe ukuba ukusetyenziswa kwemathiriyeli ekunzima ukuba icoleke emhlabeni efana neengceba zeenkunu, kungakhokelela ekutsalekeni kwe nitrogen emhlabeni ukuze kugubeke ezi nkuni zizele yi carbon. Sebenzisa ingca echetyiweyo njenge mulch kwizitiya zemifuno uze unciphise imathiriyeli ehrabaxa kusale ethambileyo.

Indlela Yoku Sebenzisa iMulch

©Marinda Louw

I-mulch isenokuthengwa kodwa kungcono ukusebenzisa imathiriyeli esuka egadini okanye efama njenge mulch. Sebenzisa amahlahla atheniweyo asuka kwintsimi yeziqhamo, amagqabi, ingca echetyiweyo kunye nemvuthuluka yeenkuni njenge mulch. Okokuqala sebenzisa ukhula emhlabeni uze uwunkcenkceshele kakuhla.

Galela imulch kangangoko, ukusukela kwi 2.5 cm ukuya kwi 15 cm ubudeki-oku ke kuza kuxhomekeka kwimathiriyeli oza kuyisebenzisa. I-mulch ifaynu kufanele isasazwe malunga ne 5 cm ubunzulu ukusukela kwiziqu zezityalo nemithi njengoko oku kunokubangela ukubola ngenxa yokufuma okunokubangelwa yi mulch. 

Xa usebenzisa amaphaphandaba njenge mulch, sebenzisa amaphepha amane ukuya kwasibhozo, uzee ugqume ngenye imulch yendalo. I-mulch ingasetyenziswa apho kutyalwe khona izityalo zokugquma kwintsimi zeziqhamo. Umzekelo, ingachetywa ize ihlakulelwe emhlabeni njengomgquba oluhlaza nanjenge mulch okanye yondlalwe ukuzwe yenze imulch ezele yi nitrogen.

Translated by Zizipho Silwana