Impilo Yemivundla

© Judy Stuart

Imivundla esetyenziswa emakhayeni kufanele igcinwe kwii ndlwana ukuze ikwazi ukuvelisa abantwana, ukhuseleko, nokugcina indawo ehlala kuyo. Kodwa ke Imivundla ixhomekeke kubanikazi bayo ngoku pheleleyo ukuze iphile. Ukuqinisekisa okokuphila, abafuyi bemivundla kufuneka ithobele imithetho emihlanu yamazwe jikelele evunyiweyo.

Inkululeko Ekunxanweni, Indlala Nokungondleki

Mvundla ngamnye maka benamanzi nokutya okwaneleyo okusemgangathweni, ukusetyenziswa yonke imihla, ukuze ikhule ikwazi nokuvelisa eminye Imivundla.

Inkululeko Yokuphila Ngoku Khululekileyo

Mvundla ngamnye mawube nendlu enkulu ukuze umvundla ukwazi ukuhamba hamba kwaye ukhuseleke kwi simo sezulu namarhamncwa.

Inkululeko kwi Ntlungu, Ukwenzakala Nezifo

Mvundla ngamnye mawujongwe ngamaxesha onke ukuqinisekisa okokuba use mpilweni kwaye ukhuselekile kuma rhamncwa. Indlwana mazenziwe kakuhle kunga bikho macingo anokuhlaba onzakalise izilwanyana.

Inkululeko Yokubonakalisa Isimilo Esisiso

Indlwana kufuneka ibende ngokwaneleyo ukuqinisekisa okokuba umvundla uyakwazi ukuma ngemilenze yangasemva, imgama waphantsi kufuneka kufuneka ubemkhulu ukuze ukwazi ukuzolula umvundla phantsi ngecala ukwazi nokuxhuma xhuma endlwini yawo.

Inkululeko kulo yiko noku Khathazeka

Imivundla kufuneka ikhuseleke kwingxolo ephezulu, ingxolo yento yonke, ikhuseleke kwizinja nakwa manye amarhamncwa. Imivundla ingaze ishiywe isezintlungwini okanye ilambile phantsi kwe meko zonke. Ukuyi phatha kakuhle Imivundla kubalulekile. Xa uphakamisa okanye uphethe umvundla, mawuzive ukhuselekile kwizandla zalowo uwuphetheyo. Ungaze uyibambe ngendlebe Imivundla. Funda ngakumbi ‘ngokuphatha umvundla’.
Xa lemithetho ilula ithotyelwe, umvundla uzakuwenza umsebenzi wayo ukhule kakuhle uvelise eminye.

Translated by Zikhona Plaatjie