Impilo YaBasotho Base Zilalini

Imisebenzi Yamalungu Osapho

©Dr Peter Magubane

Kumaxesha amandulo ubomi bemihla ngemihla bohlanga lwa Basotho babulandela uhlelo olunye. Indlela ekwakusabelwana ngayo ngemisebenzi yayixhomekeka kwiminyaka kunye nesini. Usuku lwaluqala nokuthi chapha kwelanga, nalapho usapho luza kuvuka.

Kuba umbona yayikokona kutya kutyiwayo, kwakutyiwa ipapa esenziwe ngombona ogutyiweyo kunye nobisi olubilisiweyo okanye amasi. Inyama yayityiwa ngalomaxesha. Amalungu osapho ayevamise ukutya ndawonye endlini enkulu.

Okanye ke ukuba kushushu batyele phandle ebaleni. Xa kukho amandwendwe, amadoda ayesitya kuqala ze bona abantwana kunye nabafazi batye iintsalela.

Ngokwe mbali, amadoda aBasotho ayetyela elekhotla logama abafazi bewalindile. Amadoda ayedibanela kwi lekhotla ukuxoxa ityala, okanye ancedise ekusombululeni ityala eliziswe enkosini okanye kwinkokheli yelali, okanye bahlale nje baxoxe ngemiba yelali etshisa ibunzi.

Loo madoda anemisebenzi ekhethekileyo, umzekelo amagqirha, iinyanga kunye nabenzi beengqayo babechitha ixesha elithie besebenza kwaye beqokelela amayeza okanye izinto zokuvelisa izinto zabo abazisebenzisayo. Ixesha elininzi lalichithwa kwimpilo yemfuyo; kwathi xa kuveliswa amakhuba ahruqwa ziinkomo asuka kwelase Europe, amadoda athatha ixanduva lokuhlakula.

Lo yayi ngumsebenzi owawusenziwa ngabafazi besebenzisa amagaba namakhuni okugrumba, nangona yayiba ngamadoda acoca amabala okulima agece nemithi ekhoyo kulo mabala. Lilonke, imisebenzi yamadoda yayingekho nzima kangako ngaphandle kwaxa eyokwalusa iinkomo. Imisebenzi yabafazi, neyayishiyana ngokwa maxesha onyaka nezikhundla yayinzima ukodlula eyamadoda.

Babetshayela bacoce ikhaya, balungise isidlo sakusasa, bathuthe amanzi emilanjeni, basuse ukhula entsimini, bavune nezityalo. Yonke le misebenzi yayibagcina entsimini ukusukela ukuphuma kwelanga ukuya kutsho ekutshoneni kwalo. Ukuguba umbona kwakusenziwa ngamantombazana asele eqabukile.

Ngexesha elingaxakekanga kangako, abafazi babelungisa imizi yabo. Babeye batyabeke amadonga nomphantsi wendlu ngodaka, bafake iingcongolo ezintsha xa kukho ezophukileyo benze neminye imisebenzi yekhaya.

Abantwana babenikwa imisebenzi yabo beselula, nekwakufuneka bayenze ngemini nganye. Amakhwenkwe ayesolusa iinkomo zosapho ze athi xa sele emadala oluse iinkomo. Amantombazana ayencedisa oonina ngemisebenzi yasekhaya.

Translated by Zizipho Silwana