Iintlobo Ezahlukeneyo zeNyama yeHagu

©Winelands Pork
Ushishino lwehagu kwilizwe laseMzantsi Afrika lujolise kakhulu ekuveliseni inyama engatyebanga, nto leyo ikhokelele ekubeni inyama ye Hagu yase Mzantsi Afrika ibenamanqatha amancinci kuneehagu zamanye amazwe. Ngaphandle koku, inyama yehagu yase Mzantsi Afrika ikukutya okuzele zizinongo, iiamino aside ezibalulekileyo, iivithamini kunye neeminerali. Le nyama ibanezinga eliphantsi lamafutha kunye neeBesides saturated fatty acids.
Umbutho wabavelisi beehagu obizwa nge The South African Pork Producers Organisation (SAPPO) udwelisa uluhlu oluxhaphakileyo lweenyama yeehagu kumkhomba ndlela osihloko sithi The Complete Guide to South African Pork:

Iimbambo Ezinkulu

©Winelands Pork
Iimbambo ezinkulu zisikelwa kufutshane nentamo, kwaye ngokubhalwe kwi The Complete Guide to South African Pork, zezona zinencasa, zithambileyo kunazo zonke. Zikulungele ukojiwa okanye zigcadwe ngepani.Ezimbambo zinkulu zingasikwa zibencinci ukuze ziqhotswe, kwenziwe iisityu okanye iikhari. Kungenjalo, lenyama iseligxeni ingasuswa ibotshwe ifakwe kwi oveni. Isihlunu seligxa singasuswa ethanjeni, naso ke sibanencasa, kwaye sibamnandi xa sigcadwe nge oveni.

Imbambo

©Winelands Pork
Imbambo ingakhutshwa amathambo ize isongwe okanye iyekwe nethambo igcadwe nge oveni okanye inqungwe ibezi pisi ize iqhotswe epanini okanye yojiwe. Usenokugalela isosi ye marinade okanye ye basting.

iLoin

©Winelands Pork
Iloin inokuphekwa kwi oveni inamathambo okanye ingenawo. Ibizwa nge saddle ukuba isikwe yaba zipisi ezimbini. Iloin isenokusikwa iqhotswe okanye yojiwe Usenokugalela isosi ye marinade okanye ye basting.

iChump

©Winelands Pork
iChump isenokukhutshwa amathambo okanye ityiwe iphelele xa iphekwe nge oveni. Isenokunqunqwa ibezi pisi ezinkulu zezihlunu ezifana ne steki, ngokubhalwe kwi be The Complete Guide to South African Pork. Ezi pisi zisenokojiwa okanye zigcadwe ngepani. Usenokugalela ne sosi ye marinade ukuba uyafuna.

Umlenze

©Winelands Pork
Umlenze opheleleyo unencasa kwaye yindlela yokonga xa ufuno ukutyisa abantu abaliqela. Unosilarha angalikhupha ithambo aze awubophe umlenze ukuqinisekisa ukuba uyalingana kwaye kubelula nokuwusika xa sele uvuthiwe. Umlenze usenokusikwa ubezipisi ezincinci okanye wenziwe imicu ukuze wojiwe, kwenziwe izityu okanye iikhari. Kungenjalo, iziteki (steak) zingasikwa emlenzeni ukuze ziqhotswe ngepani okanye zojiwe.

Amanqina

©Winelands Pork
Amanqina apheleleyo avamise ukunyangwa abe smoked ukuze kuveliswe i“Eisbein”. Asenokunqunqwa abezipisi ezincinci nezibamnandi kwizidlo ezifana nezityu, potjiekos kunye nee curries.

Isisu

©Winelands Pork
Isisu singonwatyelwa siphelele, sinethambo okanye likhutshiwe. Singaphekwa kwi oveni okanye sisikwe sibeyimicu. Ngokubhalwe kulo mkhomba ndlela, lemicu ibamnandi xa yojiwe kumalahle aphakathi ngobushushu. Usenokugalela ke ne sosi ze basting okanye ze marinade ukuba uyafuna.

Isifuba

©Winelands Pork
Isifuba kulapho iimbambo zisikwa khona. Zingaqatywa isosi ye marinade okanye ye basting zize zojiwe emalahleni okanye kwioveni. Isifuba sisenokuphekwa siphelele kwioveni, sinethambo okanye likhutshiwe.

Translated by Zikhona Plaatjie