Iimfuno zaManzi eeHagu

Amanzi avamise ukuba ngumba ongahoywanga xakuthethwa ngemveliso yeehagu. Amanzi yenye yezona zinto zibalulekileyo, ngenxa yegalela lawo emzimbeni wehagu. Ukuze iihagu zakho zihlale zisempilweni, qinisekisa ukuba amanzi apholileyo nacocekileyo ahlala ekhona kuzo zonke iihagu ngalo lonke ixesha. Kufanele iihagu zisele kangangoko zifuna, nani na.
Umgangatho wamanzi, imozulu kunye nesigaba semveliso kufuneka ibezizinto ezijongwayo xa ujonga iimfuno zamanzi eehagu.

Umgangatho Wamanzi

©Glenneis Kriel
Nipple drinkers helps to reduce water wastage.
Umgangatho wamanzi kucetyiswa ukuba uvavanywe rhoqo ngonyaka, ukuze alungiswe ukuba ikhona imfuneko yoko. Umthombo wamanzi ibanguwo ochaza umgangatho wamanzi nokuba akulungele na ukuba angaselwa ziihagu. Lemithombo isenokuba ngama dama, amanzi kamasipala okanye amanzi atsalwa phantsi komhlaba.
Oku kulandelayo kufuneka kuhlolwe:
Isibalo seentsholongwane: Ukucocwa nge khlorini kuyakhuthazwa ukuba isibalo seentsholongwane siphezulu. Khumbula ukuba imibhobho yamanzi amdaka kunye neendawo zokuselela ezimdaka zingandisa iingxaki zeentsholongwane. Ngoko ke kubalulekile ukucoca imibhobho ehamba amanzi kunye neendawo zokuselela, rhoqo.
Iasidi: Izigaba ze pH yamanzi kufuneka ibephakathi kwe 5 kunye nesi 8. Ukuba ingaphantsi okanye ingaphezu koku, kungenza ukuselwa kwalomanzi abeyingozi. Amanzi azele yi asidi ( ezantsi kwesi 5) nawo asenokubolisa onakalise imibhobho yamanzi, logama amanzi anetyuwa eninzi anokwenza intlenge enokuphazamisa ukuhamba kwamanzi kwimibhobho. Zombini ke ezingxaki zingadinga ukuba imibhobho icocwe rhoqo.
Ukuqina/Mtyuba: Ikhalsiyam kunye ne magneziyamu zezona minerali zingenza amanzi aqine okanye abemtyuba. Sikhona ke isithambisi samanzi esinokuthi sisetyenziswe ukuze kuthanjiswe lamanzi.
Iinitrates eziphezulu, iisulphates kunye nezinye iiminerali: Ukutya kweehagu kufuneka kufuneka kuhlengiswe ukuze kulungelane neekhemikhali kunye neminerali ezithile eziphezulu. Amanzi kungafuneka ukuba ahluzwe okanye anyangwe ngaphambi kokuba kusezwe ngawo iihagu. Maxa wambi olunyango nococo lwamanzi lungabangela ukuba imveliso ingabinangeniso.

Isibalo Esidingekayo

©Glenneis Kriel
Water should be clean enough to be suitable for human consumption.
Isibalo samanzi esidingeka mihla le sixhomekeka kwizinto ezininzi. Ezi zinto ziquka imozulu,ukutya kweehagu,impilo kunye nenqanaba lemveliso yeehagu kwakunye neendidi zeendawo zokuselela ezisetyenziswayo. Kwimeko ze extensive production,ihagu ingadinga ubuncinane beelitha zamanzi ezintlanu ukuya kwezilishumi yonke imihla. Logama izidingo zemihla ngemihla zamanzi adingwa ziihagu ezisandula kulunyulwa koonina, zingaqala kubuncinane belitha ezimbini ngosuku kwihagu nganye.
Lamanzi angaye esenyukela ukuya ngaphaya kweelitha ezintandathu zamanzi kwiihagu esele sikhule ngokugqibeleleyo. Iimazi ezincancisayo zidinga ukusela amanzi amaninzi ukuze akwazi ukwehlisa ubisi olwaneleyo. Iimazi ezincancisayo zidinga amanzi aphakathi kweelitha ezili15 ukuya kwezingama 32 ngosuku. Logama iimazi ezimithiyo zidinga amanzi aphakathi kweelith ezili 12 ukuya kwi 15 ngosuku.

Ezinye izinto ezifuna Ukujongwa

©National Pork Board and the Pork Checkoff, Des Moines, IA, USA.
There should be enough space at the drinkers to prevent competition.
Amanzi kufanele aphole, kungenjalo iihagu azizukuwasela. Ngoko ke beka amanzi endaweni enomthunzi. Iinkonkxa zamanzi kufanele zibekwe phantsi ze zibotshelelwe ezipalini ukuthintela ukuba zingabhukuqwa ziihagu, kwaye kufuneka zicocwe rhoqo. Kufuneka amanzi acoceke ngendlela yokuba umfama akangethandabuzi ukuwasela yena buqu.

Imingxuma Yodaka

©Glenneis Kriel
Wallowing in mud allows pigs to cool down.
Ambalwa amafama asenzela iihagu zawo imingxuma enodaka, kodwa oku kufunyaniswe kunceda ekwehliseni amaqondo obushushu emzimbeni wehagu. Udaka lungehlisa amaqondo obushushu nge 2 degrees Celsius. Olu daka lusebenza ngaphezu kokubila, nokunzima kuba iihagu azikwazi ukukhupha umbilo. Ukuzibhuqa kweehagu edakeni kuphelisa iintakumba, kodwa ke lonto ayitheth ukuba azinakunyangwa ngokufanelekileyo xa kukho isidingo. Ngaphezulu, ukuzibhuqa edakeni sisenzo esidaliweyo seehagu, nesibonwa njengenxalenye yokubasempilweni nokonywana kwezilwanyana.