iCoat of Arms ye Phondo leNtshona Koloni

iCoat of Arms entsha yePhondo le Ntshona Koloni yabekwa ngokusesikweni ngomhla wama 25 Matshi, 1996. Le coat of arms iqala ngesisekelo esiluhlaza kunye ne motto ethi, DEVELOPMENT THROUGH UNITY- UPHUHLISO NGOKUMANYANA. Eyona elementi iphambili likhala elibizwa ngo Khala Khulu (Cape Aloe), nelibonakaliso ukunyamezela kunye namandla.

Lineentyatyambo ezintathu eziphuma kwisiqu esinye, nesibonakalisa umanyano wamaqela abantu abohlukeneyo abahlala kwela phondo. Macala omabini kukho imibala ebomvu exhage elikhala, lemibala iluphawu lomhlaba. Emazantsi kweli khala kukho amaza aluhlaza okwesibhakabhaka namele unxweme lwase Ntshona Koloni.

Emantla kukho ilanga, neliluphawu lwemozulu entla efumaneka eNtshona Koloni. Likwabonakalisa nobubele kunye nokufudumala kwabantu beliphondo. Enye into, isiqalo selixa elitsha kunye nokuhluma kwekamva eliqaqambileyo kunye nokuchuma. Phantsi kweli langa kukho amabala engwe, nabonakalisa amandla, kunye nenkcubeko yeli phondo.

Ingwe zibonwa njengezilo ezinamandla, kwaye kulo lonke eli lo Mzantsi Afrika zibonwa njengophawu lobunkokheli. Le arm ixhagwe ziimpofu ezimbini, ezona nyamakazi zinkulu nezithe tshitshilili kulo lonke elase Ntshona Koloni. Kwintsomi nakumabali abathwa impofu yayihloniphekile kwaye iyinxalenye ebalulekileyo kwizithethe zabo. Inkunzi yempofu ikwamele ubungangamsha.

I-Emblem yeSilwanyana – iMpofu (Taurotragus oryx)

©Roger de la Harpe

Impofu yinyamakazi etya amagqabi kune nengca, kwaye itya iindidi eziliqela zezityalo. Impofu ikholwa kukuhlala kwiindawo ezinganqatyelwanga kangako zimvula ukuya kwezinengca kunye namahlathi. Ingaphila ngaphandle kwamanzi ixesha elide, kuba ifumana amanzi kwiziqhamo ezityayo, ingakumbi kwi gemsbok cucumbers kunye ne Tsama melons.

Impofu itya kakhulu ebusuku ngoko ke, ifumana amanzi amaninzi kumaqabaza amanzi awela kwizityalo ngokuye amaqondo obushushu esihla. Impofu le ke sisilwanyana esihlala ngokwemihlambi ukuze zikhusele amatakane azo kwiintshaba.

Zikwahlalisa amatakane azo ndaweni nye ukuze zibenokuzigada kakuhle, Ukuba kukho utshaba oluzayo, umhlambi wenza umda nalapho iinkunzi ezinkulu ziba ngaphambili zize iimazi kunye namatshontsho zibengasemva. Iinkunzi ezinkulu azinabango lamihlaba, njengoko imihlambi ihamba imigama emide ukukhangela ukutya.

Kodwa ke, zibanomona ngeemazi zazo kwaye zide zilwe nokulwa. Le nyamakazi imitha isithuba seenyanga ezilithoba, kwaye iimazi ziyakwazi ukubaleka nomhlanmbi emva kwesithuba nje seyure ezimbalwa zigqiba ukuzala.

I-Emblem yeNtyatyambo – Khala Khulu (Aloe ferox)

©Jacques Marais

uKhala khulu sisityalo esizele ngamanzi nesiyinzalelwane yase Mazantsi Afrika. Ikwaziwa ngokukrakra. Ineminyaka engaphaya kwama 200 ikhiwa ukuze isetyenziswe ukwenza amayeza. Incindi yelikhala yaziwa jikelele ngokubanezithako zendalo ezicoca isisu. Incindi yekhala ikhanywa emagqabini alo asikiweyo, ize isetyenziswe njengeyeza elinamandla lokuhambisa.

Njengoninzi lwezinye izityalo ezisetyenziselwa amayeza, uKhala khulu uyanceda nakwezinye izinto. Uphondo lweNzululwazi lubonisa ukuba incindi yekhala inganceda ekupholiseni ukutshotshozela ize ipholise nesilonda kwamsinya. Olu phando lukwabonisa ukuba eli khala linezithako ezibulala iintsholongwane zinqande nokubola/ukungunda.

Translated by Zizipho Silwana