iCoat of Arms yase Mpumalanga

iCoat of Arms yase Mpumalanga inesisekelo esiluhlaza kunye ne motto ebhalwe ngolwimi lwesi Latin - OMNIA LABOR VINCIT –ebhalwe kuyo, nethetha ukuba, “umsebenzi wodlula konke”. 

Entla kwesi sisekelo kukho ikhaka elizotywe intyatyambo yohlobo lwe Barberton daisy. Eli khaka lixhaswe ngamaqhude amabini macala omabini. Eli khaka linesithsaba ngaphezulu. Eli khaka libonakalisa ukuba eli phondo liyinxalenye yesibini ka hrulumente. Esi sitshaba sineendawo ezintathu nezizimpawu zokuphuma kwelanga kunye neenkcochoyi zentaba zase Mpumalanga Drakensberg.

i-Emblem yeSilwanyana – iQhude (Tragelaphus strepsiceros)

©Roger de la Harpe

Iqhude yinyamakazi ephila ngohlaza namagqabi, itya iintlobo ezahlukeneyo zamagqabi omthi kunye namahlahla. Amaqhude akholwa kukuhlala kwiimimandla enengca eyomileyo. Iindawo ezifana noma mopane kunye namahlathi ase Miombo kunye nakumahlathi anamahlahla anameva ase Kruger National Park.

Iqhude yinyamakazi ehlala ngemihlambi, kodwa ke, imihlambi ivamise ukwahlukana ngokwamaqela amabini. Iimazi eziselula zihlala noonina, logama iinkunzi ezilungele ukukhwela iimazi, xazimalunga neminyaka emibini, zizenzela amaqela azo. Iimazi zimitha phakathi kweenyanga zika Apreli neka Meyi, nalapho iinkunzi zamaqhude zidibana nemihlambi yeemazi.

Akukho bango lemihlaba lukhoyo phakathi kweenkunzi, kodwa zivamise ukukruthana ngezikhundla nobudala. Imazi imitha isithuba seenyanga ezi 7.5, amatakane aye azalwe ngexesha lasehlotyeni. Amatakane asandula kuzalwa, de abe neeveki ezi 4-6, avamise ukufihlwa ukuwakhusela kwiintshaba ezizakufuna ukuwanqwamza, logama oonina bekhangela into yokutya. Iimazi zibuyela kumatakane azo xa zizokuwancancisa/watyisa kuphela.

i-Emblem yeNtyatyambo - Barberton Daisy (Gerbera jamesonii)

©Jacques Marais
Intyatyambo yohlobo lwe Barberton daisy yeyalapha eMzantsi Afrika. Yintyatyambo eqhakazileyo enemibala epinki, orenji,mhlophe kunye nabomvu kwaye ilangazelelwa kwihlabathi lonke ngenxa yemibala yayo eqaqambileyo. Kukholeleka ukuba le ntyatyambo yeyona ntyatyambo ikhiwayo ehlabathini lonke, ukuze kuhonjiswe ngayo.Translated by Zizipho Silwana