Ekudibaneni kwe-Mapungubwe

Ukudibana Kwamazwe Amathathu

©Roger de la Harpe

Ukugqama kwePaki lwenziwe yindibano yemilambo yase-Limpopo kunye neyase Shashe, kwindawo apho izizwe ezintathu zihlangana khona. Ukuze ubone umbono omhle, ipaki yenze uluhlu lwamaqonga okhuni kumphezulu weliwa ojongene nezikhukhula. Ngokuma kumlomo weliwa, i-Botswana isekhohlo futhi i-Zimbabwe yona isekunene.

Ukhanyo olumhlophe olusemaphakathini lwesiqithi lubonisa eyona ndawo apho lamazwe adibana khona. Kodwa ukusuka kwideki eziphezulu, imbaluleko yalemida ivele iphelele emoyeni. Iyimigca nje ehleli kwimephu kunye nasezingqondweni zabantu.

Ngoko leyindibano nje yemilambo emibini emikhulu. Ukunqumla kwisikhukhula uvela kwicala lasempuma nelase ntshona lubizwa njenge ‘enkulu engwevu-eluhlaza egcobileyo’ i-Limpopo, njengokutsho kuka Rudyard Kipling. Ukusuka kumantla, kuza umgangatho ophantsi onesanti womlambo i-Shashe, owehla ngezandyondyo. Ngenye imini, xa ucingo lususiwe, izilwanyana zasendle zingakwazi ukuphinda zifumane iipatheni zemfuduko kolunxweme lomlambo.

I-Pikniki Neendawo Zokubona

©Roger de la Harpe

Indibano yamazwe ikwayi ndawo ye-pikiniki kubatyeleli basemini. Inani leetafile kunye nebhentshi zakhwe phantsi kwekhenophi efulelwe ngengca, kwaye kukhona ivenkile eqeshisa nge braai yegesi. Levenkile kufuneka ithengise izinto ezibalulekileyo ezifana neziselo ezibandayo kunye nezinto zokutya, nangona yayivaliwe ngexesha lotyelelo lwam.

Kukhona ideki ezine ezibizwa i-(Sunrise, Main Confluence kunye ne Sunset) kwaye zonke zinemibono emangalisayo ebona nendibano yemilambo. Umoya upholile ingakumbi xakuthulekile, ungava nokukhaliswa kwentsimbi yeenkomo eziphuma e-Zimbabwe. Kwelinye icala le-pikniki kukho indlela ephumela kwideki ye-Pinnacle.

Lomboniso ugqithela phezu komphakathi wepaki; imbonakalo yomhlaba obumvu egcwele iintlambo kunye nemithi. Nangona lungadumanga njenge ndibano yamazwe, uhambo lwayo olufutshane luyonelisa.

Translated by Aviwe Damane