Common Duiker

© Roger de la Harpe

Igama

Duiker

Igama lenzululwazi

Sylvicapra grimmia

Inkcazelo

Umnombo weli gama usuka kwigama leAfrikaans elithi “duiker” elichaza ukuntywila. Eli gama libhekisele kwinyamakazi enomkhuba wokuzimela ngamatyholo xa isola ukuba isengozini. Le nyamakazi iyahlala ixesha elide ngaphandle kokusela amanzi iwafumana kumagqabi, iziqhamo neenkozo ezityayo. Iduiker sesinye sezilwanyana ezikwaziyo ukutya izinambuzane kwakunye nenyama ebolileyo yezilwanyana ezifileyo.

Inkangeleko

Iduiker sisilwanyana esinciphileyo ngomzimba iinkunzi zazo zineempondo ezimfutshane. Le nyamakazi inamendu yaye inesimbo sokutshona ivela xa ibalekayo. Iinkunzi zimalunga ne-500mm ubude ukusuka ezinyaweni ukuma ngamagxa ngoxa iimazi zidlula nje nge-20mm ngaphezulu. Iinkunzi zimalunga ne-15 -18kg ubunzima ngoxa zona iimazi ziphakathi kwe-16kg 21kg. Umbala womzimba uthande ukubamdaka-ngwevu uphinde ubebomvurha namthubi. Lemibala ishiyana ngokweendawo ezifumaneka kuyo iiduiker ezi. Isisu sithanda ubamhlophe ngebala, ngoxa ziba mnyama iimpumlo zazo.

Ukutya

Zizungeza amadlelo aliqela nemithi, zizungeze neziqhamo, neembewu, iingcambu neentyatyambo, izinambuzane kunye neentaka. Kumahlathi omileyo ziyezikhangele iimeloni kuba zinamanzi amaninzi. Ziye zibeyingxaki ke kodwa kwiifama kunye nezidilya.

Vital Statistics

Ubunzima-Imazi: 17 - 25 kg
Ubunzima-Inkunzi: 15 - 21 kg
Ubude-Imazi: 110 cm
Ubude-Inkunzi: 110 cm
Ukukhulelwa: 6 iinyanga
Inani lamatakane: 1 itakane
Ixesha elungelwa ngalo ukukhwela: Xa ineenyanga eziyi-8.
Ubunzima ezalwa nabo: 175 g
Uhlobo: Artiodactyla
Usapho: Bovidae
Ubude beempondo: 10 cm (record - 18 cm)

Inzalo

Iimazi zizala itakane elinye ngexesha emva kokukhulelwa iinyanga ezintandathu. Kunqabile ukuba zifumane amawele, zizala nanini enyakeni kodwa kuxhaphake kakhulu ehlotyeni. Zikhula ngokugqibeleleyo emva kweenyanga eziyi-7, iimazi ziqala ukudibana neenkunzi xa ziphakathi kweenyanga eziyi-8-9 ubudala, zize zizale emva konyaka. Ukudibana kweenkunzi neemazi kuye kuxhomekeke ngokwengingqi, kudla ngokudibana imazi enye nenkuzi enye ngamanye amaxesha kudibane inkunzi enye neemazi ezingaphezu kwenye. Amatakane azalwa nanini na enyakeni. Imazi izifihla phakathi kwamatyholo ukulungiselela ukuzala ize ifukame ngoxa itakane likhula ngokugqibeleleyo kwisithuba seeyure nje eziyi-24 libe selibalaleka.

Ukuziphatha

Zikholisa ukuvuka zizingele emva kwemini kude kube ngorhatya, ngamanye amaxaesha kude kubesekuseni. Iinkunzi kunye neemazi zithanda ukwakha imida ngokwesini, ziye zidibane ngokwesondo xa kufike ixesha. Olu hlobo lwenyamakazi lolona luphumelelayo apha eAfrika. Ziye ziphile ubomi obude phakathi kweminyaka esibhozo ukuya kwelishumi elinanye. Zithandwa ukuzingelwa kakhulu zizilwanyana ezinkulu zasendle. Ziyathanda ukuzihlalela okanye iimazi zihlale namatakane azo. Zinevumba ezinalo eliphuma kumaqatha angaphambili.

Ikhaya

Azifumani zihlale ehlathini kodwa ziyakwazi ukuzimela khona xa zizingelwa ngamarhamncwa. Zifumaneka phantse kulo lonke eli loMzantsi Afrika ngaphandle nje kweendawo ezomileyo okanye entlango. Esi silwanyana sibonakala kakhulu ekuseni xa kuphuma ilanga okanye ngentshonalanga emadlelweni. Zihambela kude kwindawo ephangaleleyo engenayo indawo yokufihla intloko. Zifumaneka phantse kumadlelo amaninzi asemazantsi Afrika ngaphandle kumahlathi afumileyo aseMbindini weAfrika.

Spoor Description Ingxela Yamaqatha

Iiduiker ziyohluka ngamaqatha azo, ezinye zinamaqhatha atsolo ngoxa amanye aye abengqukuva ngamanye amaxesha ibakhona enye okanye zibe mbini ezingaqhelekanga ngenkangeleko.

Amarhamncwa

Indlela eziphepha ngayo amarhamncwa kukuba zilale zingashukumi kodwa ziyakwazi ukubaleka ngomzuzu wokugqibela xa utshaba lwazo lukufuphi. Zibaleka ngamendu zitshona zivela ngomzila o-zigzag. Ukuzikhusela kutshaba zisebenzisa iimpondo namanqina angasemva. Xa ithe yahlaselwa inesandi eye isenze ngempumlo ukwazisa kubalingani uba kukho ingxaki eyiveleleyo ize isindiswe yimazi eyizalayo nogxa bayo. Amatakane athi ezalwa abe selehamba ebaleka ngosuku olulandelayo, kodwa zibuyela kunozala uze zikwazi ucocwa zifumane nobisi.